Imbali YeBhayibhile—Ngaba Inokuthenjwa?
BAGWEBA abalawuli. Bagxibha ababingeleli. Bakhalimela abantu abaqhelekileyo ngenxa yobungendawo babo. Bada babhala iintsilelo nezono zabo kwingxelo ebonwa ngumntu wonke. Bachukelwa baza batshutshiswa, yaye abanye bada babulawa ngenxa yokuthetha nokubhala inyaniso. Yayingoobani abo? Yayingabaprofeti beBhayibhile, uninzi lwabo olwaba negalelo kwiZibhalo Ezingcwele.—Mateyu 23:35-37.
Kwincwadi yakhe ethi The Historian and History, uPage Smith ubhala athi: “[AmaHebhere] ayengacengi solala-phi kumagorha ohlanga lwawo kanye njengakwizaphuli-mthetho, kuwo buqu njengakwiintshaba zawo, kuba ayebhala phantsi kweliso likaThixo yaye kwakungazi kuwanceda ukuzifihla eza kulahlekelwa kuphela ngokubhala into engekhoyo.” USmith waphinda wabhala wathi “imityangampo yobalo-maxesha yookumkani abangabaphumi-mkhosi baseSiriya okanye eYiputa, ingxelo yeembandezelo noloyiso lwabantu abakhethwe nguThixo. . . ibangela umdla kakhulu. Ababhali-mbali abangamaHebhere baye bafumanisa enye yezona nkalo zibalulekileyo embalini—le yokuba iqulunqwe ngabantu bokwenene, nazo zonke impazamo neziphako zabo.”
Kwakhona ababhali beBhayibhile babechanile. Emva kokuhlalutya iBhayibhile eyithelekisa nembali nokumbiwa kwezinto zakudala, umbhali uWerner Keller wathi kwingabula-zigcawu yencwadi yakhe ethi The Bible as History: “Phezu kwabo nje ubungqina obuchanileyo nobuvunyiweyo obukhoyo,. . . into enkentezayo engqondweni yam sesi sivakalisi sinye: ‘IBhayibhile ichanile qha ke!’”
Imbali Ebangela Umdla Enezifundo Ezinamandla
Ubukhulu becala, ababhali beBhayibhile babengamadoda aqhelekileyo—abalimi, abelusi, abalobi. Kodwa oko bakubhalayo kwisithuba seminyaka eli-1 600 kuye kwaphembelela abantu abangakumbi kunayo nayiphi na enye incwadi, eyamandulo neyakutshanje. Ngaphezu koko, oko bakubhalayo kuye kwahlaselwa mbombo zone, kodwa oko kuye kwasilela. (Isaya 40:8; 1 Petros 1:25) Namhlanje iBhayibhile inokufundwa yonke okanye inxalenye yayo ngeelwimi ezingama-2 200—ngaphezu kwayo nayiphi na enye incwadi! Kutheni injalo nje iBhayibhile? Ezi mbekiselo zilandelayo ziya kuwuphendula lo mbuzo.
“Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni, ukuze umntu kaThixo awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.”—2 Timoti 3:16, 17.
“Zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.”—Roma 15:4.
“Ezi zinto zabahlela [amaSirayeli] njengemizekelo, yaye zabhalelwa ukulumkisa thina bafikelwe ziziphelo zeenkqubo zezinto.”—1 Korinte 10:11.
Ewe, ingxelo ephefumlelwe nguThixo negciniweyo yeBhayibhile ephathelele abantu bokwenene—abamkholisayo nabangazange bamkholise uThixo—ingaphezu kwazo zonke ezinye iincwadi. Asiloludwe lwezinto esimele sizenze nesingamele sizenze okanye ingqokelela yamabalana okonwabisa abantwana. Liyinyanso elokuba, uThixo wasebenzisa ababhali abangabantu, kodwa oku kuye kwayenza yanomtsalane iBhayibhile, ibangela umdla ngendlela echukumisa abafundi bezizukulwana ngezizukulwana. Umembi wezinto zakudala uWilliam Albright wathi: “Iingcamango ezinzulu zemilinganiselo yokuziphatha yeBhayibhile, ezibumba isityhilelo esikhethekileyo sikaThixo ebantwini esidluliselwa ngabantu, ziyinyaniso namhlanje njengoko zazinjalo kwiminyaka engamawaka amabini okanye amathathu eyadlulayo.”
Ukuze ubone ukungqinelana kweBhayibhile okungaphelelwayo, makhe sibuyele ekuqaleni kwembali yabantu—apho sinokuthunyelwa yiBhayibhile kuphela khona—size sibone izifundo ezibalulekileyo kwincwadi yeGenesis.
Izifundo Ezisexesheni Ezifumaneka Kwimbali Yakudala
Phakathi kwezinye izinto, incwadi yeGenesis ityhila isiqalo sentsapho yoluntu—amagama nezinye izinto. Kulo mbandela ayikho enye incwadi yembali ezichaza ngokucace ngolu hlobo izinto. Usenokuzibuza, ‘Kuxabiseke ngantoni kuthi namhlanje ukwazi imvelaphi yethu?’ Kuxabiseke gqitha, kuba ngokutyhila kwayo ukuba, bonke abantu—kungakhathaliseki ukuba baleliphi ibala, uhlanga okanye isizwe—baphuma kubazali abafanayo, iGenesis ibuncothula neengcambu ubuhlanga.—IZenzo 17:26.
Kwakhona, iGenesis inikela ulwalathiso ngemilinganiselo yokuziphatha. Iqulethe imbali engeSodom neGomora nezixeko ezingabamelwane bazo, ezatshatyalaliswayo nguThixo ngenxa yokuziphatha kwabemi bazo ngendlela egqwetheke ngokugqith’ emgceni ngokwesini. (Genesis 18:20–19:29) Indinyana 7 yencwadi yeBhayibhile kaYude ithi: “ISodom neGomora nezixeko ezazingakuzo, emva kokuba. . . zahenyuza ngokugqithiseleyo zaza zalandela inyama ngokuchasene nemvelo, zibekwe phambi kwethu njengomzekelo osisilumkiso.” Abantu baseSodom naseGomora abazange bafumane mithetho yakuziphatha kuThixo; noko ke, njengabo bonke abantu, babenaso isazela abasinikwe nguThixo. Ngoko ke, wayefanele uThixo ukubabeka ityala abo bantu ngezenzo zabo. (Roma 1:26, 27; 2:14, 15) Ngokufanayo namhlanje, uThixo uya kuphendulisa bonke abantu ngezenzo zabo, enoba bayalamkela iLizwi lakhe, iBhayibhile Engcwele, okanye akunjalo.—2 Tesalonika 1:8, 9.
Oko Sikufunda Kwimbali Ngokusinda
Umfanekiso okwiLitye likaTitus eRoma ubonisa amajoni aseRoma ethwele izitya ezingcwele ezisuka etempileni eYerusalem emva kokutshatyalaliswa kweso sixeko ngonyaka wama-70 C.E. Kwabulawa amaYuda angaphezu kwesigidi. Noko ke, amaKristu athobelayo asinda ngenxa yesilumkiso sikaYesu awasikhupha kwangaphambili: “Xa niyibona iYerusalem ingqongwe yimikhosi emise iintente, yazini ke ukuba kusondele ukuphanziswa kwayo. Mabandule abo bakwelakwaYuda basabele ezintabeni, nabo baphakathi kuyo mabemke, nabo bakwiindawo ezisemaphandleni mabangangeni kuyo; ngokuba yimihla yokuphunyezwa kokusesikweni leyo.”—Luka 21:20-22.
Kunokuba ibe yimbali nje yamandulo, imbandezelo yeYerusalem yafuzisela iinkalo zembandezelo enkulu ngakumbi eza kugubungela ihlabathi lonke kungekudala. Kodwa nakuyo, baya kubakho abasindayo. Aba bachazwe ‘njengesihlwele esikhulu esiphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi.’ ‘Siphuma kwimbandezelo enkulu’ ngenxa yokholo lwaso kwigazi likaYesu eliphalaleyo—ukholo olusekelwe ngokuqinileyo kwimbali nesiprofeto seBhayibhile.—ISityhilelo 7:9, 14.
Iziganeko Zembali Ezingasayi Kuphindwa
Namhlanje, siphila kwixesha lolawulo lweGunya Lehlabathi lamaNgesi namaMerika, igunya lokugqibela kumagunya akwisiprofeto seBhayibhile. Imbali ibonisa ukuba njengamanye angaphambi kwalo, lifanele liphele. Kodwa njani? Ngokutsho kweBhayibhile, eli gunya liya kuphela ngendlela ekhethekileyo. Esalatha kunyaka we-1914 C.E., uDaniyeli 2:44 wathi ngamagunya alawulayo ezobupolitika, okanye ‘izikumkani’: “Ngemihla yabo kumkani uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.”
Ewe, uBukumkani bukaThixo—urhulumente wakhe wasezulwini olawulwa nguKristu Yesu—buya kuguzula namasalela abalawuli babantu abacinezelayo eArmagedon, incopho ‘yembandezelo enkulu’ ekhankanywe ngaphambilana. Emva koko, obu Bukumkani “abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu,” nto leyo ethetha ukuba abuyi kubhukuqwa okanye bususwe esihlalweni. Ulawulo lwabo lufikelela “eziphelweni zehlabathi.”—INdumiso 72:8.
Ekugqibeleni, ulawulo olukhohlakeleyo lonqulo lobuxoki, ezobupolitika ezicinezelayo norhwebo olubawayo luya kuphela. INdumiso 72:7 ithembisa oku: “Ngomhla wakhe uya kuhluma olilungisa, nobuninzi boxolo ide ingabi sabakho inyanga.” Uphawu lukaThixo olubalaseleyo lothando luya kuzalisa esi sijikelezi-langa kungekhona ukuzingca nekratshi. (1 Yohane 4:8) UYesu wathi: “Thandanani.” Ngokuphathelele oku, umbhali-mbali uWill Durant wathi: “Into ebalulekileyo endiyifundileyo kwimbali iyafana naleyo yathethwa nguYesu. . . . Uthando luyeyona nto ibalulekileyo ehlabathini.”
Uthando lukaThixo ngoluntu lwamshukumisela ukuba aphefumlele ukubhalwa kweBhayibhile. Yiyo kuphela ezichaza kakuhle iziganeko zexa elidluleyo, elimiyo, nekamva. Nceda ufumane isigidimi sayo esinika ubomi ngokuzinika ixesha elininzi ufundisisa iBhayibhile. Ethobela umyalelo kaYesu, amaNgqina kaYehova abelana ‘ngeendaba ezilungileyo zobukumkani’ nabamelwane bawo. Kungekudala, ezi ndaba zilungileyo ziya kuba ngaphezu kokuba sisiprofeto nje. Ziya kuba yimbali yokwenene.—Mateyu 24:14.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]
“IBhayibhile ichanile qha ke!”—UWERNER KELLER
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 11]
“Iingcamango ezinzulu zemilinganiselo yokuziphatha yeBhayibhile. . . ziyinyaniso namhlanje njengoko zazinjalo kwiminyaka engamawaka amabini okanye amathathu eyadlulayo.”—UWILLIAM ALBRIGHT, UMEMBI WEZINTO ZAKUDALA.
[Imifanekiso ekwiphepha 9]
Moabite Stone: Contains King Mesha’s version of the conflict between Moab and Israel (2 Kings 3:4-27), the names of various Bible places, and God’s name in ancient Hebrew letters.
[Inkcazelo]
Musée du Louvre, Paris.
Silver denarius coin: Replica bears image and inscription of Tiberius Caesar (Mark 12:15-17).
Nabonidus Chronicle: A cuneiform tablet that confirms the sudden fall of Babylon to Cyrus. (Daniel, chapter 5)
[Inkcazelo]
Photograph taken by courtesy of the British Museum.
Stone slab: Bears name of Pontius Pilate in Latin.
[Inkcazelo]
Photograph © Israel Museum, Jerusalem; courtesy of Israel Antiquities Authority.
Background of Dead Sea Scroll: A study of the Isaiah text proved that this book had remained practically unchanged over a period of 1,000 years of hand copying.
[Inkcazelo]
Shrine of the Book, Israel Museum, Jerusalem.
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Umfanekiso weLitye likaTitus uqinisekisa ukutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-70 C.E.
[Inkcazelo]
Soprintendenza Archeologica di Roma