IBhayibhile—Ngaba Ivela KuThixo?
UYEHOVA, uThixo onamandla negunya elingasikelwanga mda, ngokuqinisekileyo unelungelo lokuqhagamshelana nendalo yakhe engabantu ngayo nayiphi na indlela afuna ngayo. Ukuba ukhethe ukuqhagamshelana nayo ngelizwi elibhaliweyo, kwakhona bekuya kufuneka asigcine esi sigidimi sakhe ukutyhubela izizukulwana. Ngaba oku kuye kwanjalo ngeBhayibhile?
Malunga ne-1 500 leminyaka ngaphambi kokufika kukaKristu, xa kwaqaliswa ukubhalwa kweBhayibhile, kwakukho intlaninge yezinye iincwadi zonqulo ezazikho. Noko ke, zonke ezi zayeka ukusetyenziswa yaye ekugqibeleni zanyamalala. Ezinye ziye zembiwa ngabembi bezinto zakudala ibe ngoku zizinto nje zokubonisa ukuba abantu babesebenza yaye bephila kwaye zigcinwe kwiimyuziyam. Kwelinye icala, amacandelo eBhayibhile awabhalwa kwiminyaka engaphezu kwamawaka amathathu eyadlulayo awazange alityalwe, yaye imibhalo iye yasinda ukuza kuthi ga kumhla wethu. Oku kuyaphawuleka, ngokukodwa xa sicinga ngenkcaso eyavelayo ngokunxamnye neBhayibhile ukutyhubela imbali. Ayikho enye incwadi eye yalixhoba lokuchaswa nokuthiywa ngokukrakra kangaka. Isohlwayo sokufunda okanye ukusasaza iBhayibhile sasikukuhlawula imali, ukuphoswa entolongweni, ukuthuthunjiswa yaye ngokufuthi nokufa.
Incwadi nje eqhelekileyo ibinokusinda njani phantsi kweemeko ezinjalo? IBhayibhile ngokwayo iyasixelela: “ILizwi leNkosi [“uYehova,” NW] lihleli ngonaphakade.” (1 Petros 1:25) Ngokuhlala ikho yaye ingatshitshi iBhayibhile ibonisa ukuba iliLizwi likaThixo elingcwele.
Ukongezelela, ngokusengqiqweni besifanele ukulindela ukuba isigidimi sikaThixo asibhalele uluntu besiya kufumaneka ehlabathini ngokubanzi. Ngaba oku kunjalo ngeBhayibhile? Ngokwenene kunjalo! Ayikho enye incwadi eye yasondela kwaukusondela kwiBhayibhile ngako oku. Kuye kwathelekelelwa ukuba kuye kwashicilelwa imibhalo yeBhayibhile efikelela kuma-3 000 000 000. Ngaphezu koko, ayikho enye incwadi eye yaguqulelwa kwiilwimi ezininzi gqitha. Ngoku iBhayibhile inokufundwa, iyonke okanye ngokuyinxenye ngeelwimi ezahlukahlukeneyo ezingaphezu kwe-1 900. UMbutho weBhayibhile waseMerika unikela ingxelo yokuba ngoku iyafumaneka kubemi beli hlabathi abangama-98 ekhulwini. IThe New Encyclopædia Britannica iyibiza iBhayibhile ngokuthi “phants’ ukuba iyeyona ngqokelela yeencwadi enempembelelo enkulu kwimbali yoluntu.” Ngoko, asikokubaxa izinto ukuyichaza njengeyona ncwadi ibalulekileyo ehlabathini.
Imvisiswano yoko kuqulethwe yiBhayibhile ukususela ekuqaleni ukusa ekugqibeleni yona ngokwayo ibubungqina obunamandla bokuba ngokwenene yayiphefumlelwe nguThixo. Ngaba bekuya kuba sengqiqweni ukulindela ukuba iincwadi ezabhalwa ngabantu abahlukahlukeneyo abanokuba ngama-40 kwisithuba seminyaka eli-1 600 zonke beziya kungqineka zivisisana yaye zinomxholo omnye osisiseko? Oku bekungenakwenzeka ukuba bekuyekelwe nje kumabona-ndenzile okanye kulwalathiso nje lomntu. Kodwa oku kunjalo ngeencwadi ezingama-66 eziyingqokelela yeBhayibhile. Kuphela bubulumko obungaphaya kobomntu, nekudala bukho obunokuphumeza imveliso ephawuleka ngolu hlobo.
Asiyiyo Nje Imbali
Ingxelo engokwembali equlethwe yiBhayibhile iyaphawuleka. Kodwa isigidimi sikaThixo esiqulethe nje ingcombolo engokwembali kuphela besiya kuba nexabiso elilinganiselweyo kuthi. Sifuna ukhokelo nobulumko obusebenzisekayo, ibe oko kukwafumaneka eBhayibhileni. Ngokomzekelo, iBhayibhile isikhuthaza ukuhlakulela “uthando, uvuyo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa”—mibandela leyo ekubhalwe okuninzi ngayo kumaphepha ayo. (Galati 5:22, 23; Kolose 3:12-14) IBhayibhile incomela ukukhuthala, ukucoceka, ukunyaniseka, ukuthembeka emtshatweni, ukuhlonela nokuthanda abanye; yaye iqulethe amacebiso amaninzi angokuziphatha komntu ngaphakathi entsatsheni nakwindawo ahlala kuyo.
Xa sisetyenziswa, isiluleko seBhayibhile sihlala siyingenelo yokwenyaniso. Siyasikhulula ekungazini nakwiinkolo. (Yohane 8:32) Ubulumko obusebenzisekayo bayo abunakulinganiswa nanto. Ngokwenene ngaphandle kwamathandabuzo iqulethe ubulumko bukaThixo.
Ibango lokuba ‘ilizwi likaThixo liphilile, yaye liyasebenza’ livisisana ngokuzeleyo nendlela iBhayibhile ebaguqula ngokoqobo ngayo abantu. (Hebhere 4:12) Izigidi namhlanje ziye zaboyisa ubuntu obuyingozi zaza zaliguqula ikhondo lazo langaphambili elitshabalalisayo zaza zanyula elilungileyo ngenxa yokuthabathela entliziyweni imilinganiselo yeBhayibhile.—Efese 4:22.
Yintoni eyenzekayo xa imilinganiselo yeBhayibhile ityeshelwa? Umphumo uba kukungonwabi nokubandezeleka, iimfazwe, ubuhlwempu, izifo ezidluliselwa ngesini namakhaya awahluleleneyo. Izinto ezinjalo zinokulindeleka kuphela ngenxa yokuba ukungayinanzi iBhayibhile Engcwele kuthetha ukugatya ukhokelo lukaThixo, owadala abantu nozaziyo iintswelo zabo.
IBhayibhile ikwaxela kwangaphambili ikamva, nto leyo ekungenakwenzeka ukuba abantu bayenze. Ukuvela kwamagunya ehlabathi ukususela kwiBhabhiloni ukuhla ukutyhubela iinkulungwane ukuza kutsho kumhla wethu kwakuchazwe kwisiprofeto seBhayibhile. (Daniyeli, izahluko 2, 7, 8) Ukongezelela, phantse iminyaka engamawaka amabini eyadlulayo, kwaye kwaqukwa eBhayibhileni inkcazelo echanileyo engeemeko zehlabathi kule nkulungwane yama-20. (Mateyu, isahluko 24, 25; Marko, isahluko 13; Luka isahluko 21; 2 Timoti 3:1-5; 2 Petros 3:3, 4; ISityhilelo 6:1-8) Uludwe olude lweziprofeto zeBhayibhile ezizalisekileyo lusiqinisekisa ukuba amathemba ekamva lolonwabo njengoko kuchaziwe kumaphepha ayo angawokwenene.
Imbopheleleko Yethu
Kukonke oku kububungqina oboyisayo bokuba uThixo ngokwenene uye waqhagamshelana nabantu. Enyanisweni uThixo wasebenzisa izandla zabantu abangafezekanga ukuze adlulisele isigidimi sakhe. Kodwa oku akusosizathu sokukholelwa ukuba iBhayibhile asiyonyaniso kunokuba besiya kuba njalo isigidimi esivela kuThixo esidluliselwe ngomlomo, okanye esithunyelwe ngezithunywa zezulu, okanye eso sibhalwe ngokumangalisayo ezulwini saza sadluliselwa ngesandla kubantu abasemhlabeni.
Noko ke, ukwamkela into yokuba iBhayibhile ivela kumthombo ongcwele, okanye kuThixo, kusithwalisa imbopheleleko. Kuyinto efanelekileyo ngoYehova ukulindela ukuba silifunde rhoqo iLizwi lakhe. (INdumiso 1:1, 2) Ukufunda iBhayibhile okunempumelelo kufuna isimo sengqondo esifanelekileyo. Ubani kufuneka akhumbule ukuba iBhayibhile ayifanele ukufundwa ngokungathi ufunda nje nayiphi na incwadi. Ubani kufuneka ayifunde, kungekhona ngokungathi ‘ililizwi labantu, kodwa, njengokuba kunjalo okwenyaniso, njengelizwi likaThixo.’—1 Tesalonika 2:13.
Ezinye izinto eziseBhayibhileni kunokuba nzima ukuziqonda. Kodwa ngokufunda rhoqo, umntu uyakhula ekuqondeni yaye uba nombono ocace ngakumbi wokuthanda kukaThixo neenjongo zakhe. (Hebhere 5:14) Mhlawumbi akukoyiseki ngokupheleleyo kukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo elingcwele. Kodwa, ngokufuthi, ungakuvakalisa njani ukukholelwa okanye ukungakholelwa eBhayibhileni ukuba akuyifundisisanga ngenyameko?
Phezu kwayo nje into yokuba namhla ithandatyuzwa ukuba ivela kuThixo, ukuyihlolisisa ngenyameko iBhayibhile Engcwele kuye kwabangela abantu abaninzi abacingayo ukuba badanduluke ngamazwi ompostile uPawulos: “UThixo yena makabe nenyaniso, bonke abantu ke babe ngamaxoki.”—Roma 3:4.
[Igrafu ekwiphepha 4]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
IBhayibhile ngoku iyafumaneka kubemi beli hlabathi abangama-98 ekhulwini
Ayikho enye incwadi embalini eyakha yasondela kwisilinganiso soshicilelo lweBhayibhile ekuthelekelelwa ukuba lungama-3 000 000 000. IThe New Encyclopædia Britannica iyibiza iBhayibhile ngokuthi “phants’ ukuba iyeyona ngqokelela yeencwadi enempembelelo enkulu kwimbali yoluntu”
[Imifanekiso ekwiphepha 4]
IBhayibhile iye yasinda, ngoxa ezinye iincwadi zonqulo ziye zaba zizinto nje zokubonisa ukuba abantu babesebenza yaye bephila kwaye zigcinwe kwiimyuziyam
Ngasentla: Ingxelo yama-Asiriya ngoNogumbe
Ekunene: Imithandazo kuthixo wamaYiputa uRa
[Inkcazelo]
Zombini: Courtesy of the Trustees of The British Museum
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Ibhalwe ngabantu abanokuba ngama-40 kwisithuba seminyaka eli-1 600, iBhayibhile ilandela umxholo omnye osisiseko ukususela ekuqaleni ukuya ekugqibeleni. Kuphela bubulumko obungaphaya kobomntu, nekudala bukho obunokuphumeza imveliso ephawulekayo ngolu hlobo
[Imifanekiso ekwiphepha 5]
Ukuvela kwamagunya ehlabathi ukususela kwiBhabhiloni ukuhla ukutyhubela iinkulungwane ukuza kutsho kumhla wethu kwakuchazwe kwisiprofeto seBhayibhile. (Daniyeli 2, 7, 8)
Ekunene: UKesare Awugusto
[Inkcazelo]
Museo della Civiltà Romana, Roma
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Phantse kwiminyaka engamawaka amabini eyadlulayo, iBhayibhile ngokuchanileyo yaxela kwangaphambili iimeko zanamhlanje zehlabathi. (Mateyu 24, 25; Marko 13; Luka 21; 2 Timoti 3:1-5; 2 Petros 3:3, 4; ISityhilelo 6:1-8) Ukuchana okuthe ngqo kweziprofeto zeBhayibhile kusiqinisekisa ukuba idinga likaThixo lomhlaba oyiparadisi liqinisekile ukuzalisekiswa
[Inkcazelo]
Reuters/Bettmann Newsphotos