Izikhukula ZaseMozambiki—Indlela AmaKristu Awawanyamekela Ngayo Amaxhoba
NGUMBHALELI KAVUKANI! EMOZAMBIKI
EKUQALENI kwalo nyaka uphelileyo ababukeli bakamabonwakude bamangaliswa yimifanekiso yaseMozambiki yabantu ababambelele kumasebe emithi njengoko amanzi esikhukula ayesongela ubomi babo. Elinye ibhinqa labelekela emthini yaye laboniswa lifunqulwa ngenqwelo-moya kunye nosana lwalo ukuze lisiwe kwindawo ekhuselekileyo. Noko ke, amawaka akazange afumane ncedo kangangeentsuku—abanye behleli neenyoka—ade amanzi ehla okanye bahlangulwa ngeenqwelo-moya basiwa kwindawo ekhuselekileyo.
Eli shwangusha laqala ngezandyondyo zeemvula kwikomkhulu laseMozambiki, iMaputo. Ngeeyure nje ezimbalwa amahlumela-dolophu ayedada emanzini. Kwezinye iindawo amanzi enyuka aya kufika kumaphahla ezindlu. Iindlela zajika zaba yimilambo egqumayo. Kwavuleka imifula emikhulu ngokukhawuleza, izindlu neenqwelo-mafutha, nezinye izinto ezininzi zakhukuliseka. Kodwa iimeko zaziseza kuba maxongo ngakumbi.
Iimvula zaqhubeka, zazalisa wonke ummandla okumazantsi welo lizwe. Iimvula zana nakumazwe aselumelwaneni eMzantsi Afrika, eZimbabwe naseBotswana. Kuba umlambo i-Incomati, iLimpompo kunye neZambezi esuka kula mazwe idlula eMozambiki xa isiya elwandle, iindawo ezininzi eMozambiki zatshatyalaliswa xa le milambo yayiphuphuma. Indlela amaKristu awanyamekela ngayo amanye iqinisa ukholo.
Ukuhlola Umonakalo Wokuqala
NgoFebruwari 9 kunyaka ophelileyo, abameli ababini besebe leofisi yamaNgqina kaYehova eMaputo banduluka besinge kumantla elo lizwe. Malunga nentsimbi yethoba kusasa, badlula kwidolophu iXinavane, apho amanzi oMlambo i-Incoluane ayenyuke kakhulu. Bagqiba kwelokuba badlulele eXai-Xai, ikomkhulu lephondo laseGaza. Noko ke, baphawula ukuba kufuphi nedolophu iChókwè, eyona ndawo idla ngokukhukuliswa ngamanzi xa kukho izandyondyo zemvula, kwakungabonakali monakalo kuyo. Ngoko bagqiba kwelokuba babuyele eMaputo.
Noko ke, xa babesondele eXinavane, bamiswa yimiqobo yamapolisa. Amapolisa abalumkisa athi: “Amanzi azizantyalantyala aseMzantsi Afrika akhukulise indlela. Neebhasi okanye iilori azikwazi kudlula.” Kwale ndlela babehambe ngayo kusasa ngoku yayikhukuliswe ngamanzi! Ekubeni amanzi kwimilambo ekumntla nawo ayesonyuka, kwakunzima ukufikelela kule ndawo.
Aba bazalwana babini bagqiba kwelokuba balale eMacia kufuphi nalapho. Ngobo busuku imeko yaba maxongo ngakumbi. Idolophu yonke yaseXinavane yakhukuliseka, yaye abantu balapho balahlekelwa kuko konke ababenako. Kwenziwa amalungiselelo okunceda amaNgqina alapho ukuba aye kwiHolo yoBukumkani eMacia, apho kwenziwa inkampu yeembacu yokwexeshana. AmaNgqina akhawuleza aya kwiivenkile ezinkulu aza athenga izinto eziyimfuneko ezinjengerayisi, iimbotyi, umgubo kunye neoli.
Ngoku kwanikelwa ingqalelo kumaKristu aseChókwè nakwezinye izixeko ezikufuphi. Abaveleli bamabandla aseChókwè bahlanganisana baza balungiselela ukuba wonke umntu afuduke. Kwadluliselwa umyalezo othi; “Hambani ngoku, niye eMacia!” Noko ke, kungekudala kwafunyaniswa ukuba abazalwana abaninzi baseXinavane abafikanga. Ngoko kwathunywa amaNgqina ukuba aye kubakhangela. Kwakhona kwafunyaniswa ukuba kukho umdala ongumKristu oye warhaxwa ngamanzi esendlwini yakhe. Kwenziwa amalungiselelo okumngcwaba, aza afunyanwa onke amanye amaNgqina, amanye kumaphahla ezindlu, aza ancedwa aya kufika eMacia.
Emva kokuba kwenziwe la malungiselelo, abameli besebe baya eBilene, idolophana encinane eselunxwemeni, apho bafika baqesha inqwelo-moya ukuba ibase eMaputo. Inxalenye enkulu yaloo mmandla yayidada emanzini. Kwanikelwa ingxelo yokuba kwiphondo laseGaza nje kuphela, kuchaphazeleke abantu abangama-600 000.
Imeko Iba Maxongo Nangakumbi
Kwiintsuku ezimbalwa ezilandelayo, imvula yaqinisa ngakumbi, yaye amaphondo akumbindi weMozambiki nawo athwaxwa zezi zikhukula. Kwandula ke kwaqalisa isitshingitshane esikhulu esibizwa ngokuba nguEline. NgoFebruwari 20 sabangela izantyalantyala zemvula kwiphondo laseInhambane, iSofala nelaseManica. Oku kwabangela ukhukuliseko olungakumbi, ukufa kunye nomonakalo omkhulu.
Kwandula ke ekupheleni kukaFebruwari, idolophu yaseChókwè nemimandla eyingqongileyo yagutyungelwa ngamanzi ngendlela engazange ibonwe ngaphambili. Malunga nasezinzulwini zobusuku ngoMgqibelo, ngoFebruwari 26, amanzi agibiseleka, atshayela kwanto esendleleni yawo. ULuis Chitlango, iNgqina elineminyaka engama-32 ubudala uthi: “Savuswa ngummelwane owayekhwaza ngefestile.”
Lo kaChitlango wathi: “Njengoko sasitsiba siphuma emandlalweni yethu, sasiwuva umgqumo wamanzi. Njengoko sasibaleka, sadibana neenyoka ezininzi. Ngentsimbi yesithandathu, safika kummandla ophakamileyo, kodwa kwangaloo ntsasa xa amanzi ayesele enyuke macala onke, kwanyanzeleka ukuba sikhwele emithini. Iqela lethu laliquka abantu abangama-20.
“Kwaqala amadoda ukukhwel’ emithini. Bandula ke abafazi banikezela kubo abantwana, baza abantwana babotshelelwa kumasebe emithi. Abafazi balandela neentsana zabo. Sasiman’ ukuhla kuloo mithi singene phantsi kwamanzi sifune amandongomane, esasisazi ukuba alinywe kuloo ndawo.
“Emva kweentsuku ezintathu sagqiba ekubeni sonke sihambe siye eChókwè. Amanzi ayefikelela ezifubeni zethu, yaye sajamelana nemisinga enamandla. Endleleni sadibana nabantu abaninzi emithini nakumaphahla ezindlu. Ngosuku olulandelayo amanzi ayehle ngokwaneleyo ukuze iilori zikwazi ukufika edolophini zithabathe abantu zibase eMacia.”
Inkampu Yeembacu YamaNgqina
NgoMatshi 4 iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yaqesha inqwelo-moya yaza yathumela abameli kummandla owawunentlekele. Abantu abaninzi babebalekele eMacia, eyajika yaba yinkampu enkulu yeembacu. Amaxhoba amaninzi eso sikhukula ayethwaxwe ngumkhuhlane, ukungondleki, isifo seengcongconi kunye nezinye izigulo.
Kuloo ndawo kwakungathi kusemfazweni. Isibhakabhaka sasizaliswe ziinqwelo-moya ezithunyelwe ngamanye amazwe, zisehlela kumabala enziweyo ukuze zothule izinto zokunceda. Xa lafikayo iqela lamaNgqina elalize kunikela uncedo eMacia, alizange liphelele nje ekondleni amaxhoba ngokutya kunoko lanceda lamisa igumbi lokunyamekela abagulayo. Noko ke, kuqala lafumana imvume kumagunya asekuhlaleni, awasiqhwabel’ izandla esi senzo.
Ntsasa nganye kwinkampu yamaNgqina, eyayihlala amaNgqina anokuba ngama-700 kwakunye nabanye abangengomaNgqina, kwakuxutyushwa umbhalo weBhayibhile ngeye-6:30 kusasa. Xa ukutya okulungiselelwa ngoodade abangamaKristu kulungile, kwakubizwa amagama eentloko-ntsapho. Yona yayiphakamisa iminwe ukuze kubonwe inani lezitya ezifunayo, kuze ukutya kuziswe.
Zonke iinkalo zobomi kule nkampu zazilungelelaniswe kakuhle. Bambi abantu bababelwe ukuthenga ukutya; abanye ukunyamekela amanzi okusela, abanye ukucoca izindlu zangasese neminye imisebenzi. Amagosa karhulumente aluphawula olu lungelelwano, athi: ‘Kumnandi kule ndawo. Akukho mntu ulala engatyanga yaye akukho ngxabano.’ Elinye igosa lasekuhlaleni lathi: ‘Wonke umntu ufanele atyelele kwinkampu yamaNgqina ukuze abone indlela izinto ezifanele zenziwe ngayo.’
Ngenye imini iqela labahlanguli labizela ndawonye abadala abangamaKristu laza labaxelela ukuba iofisi yesebe yenze amalungiselelo okuphinda yakhe izindlu kwakunye neeHolo zoBukumkani ize inike amaxhoba izinto ezisisiseko. Xa kwakuxutyuswa itekisi yeBhayibhile ngosuku olulandelayo, aziswa la malungiselelo. Kwaqhwatywa izandla ixesha elide.
Nangona abasemagunyeni banikezela ngeentente ezimbini ezinkulu, abaninzi kuloo nkampu babelala phandle. Ngoko kwamiselwa iqela kwakuloo maxhoba ukuba lakhe iHolo yoBukumkani enkulu kwisiza sebandla lasekuhlaleni. Yakhiwa ngeengcongolo namazinki—ngohlobo lwaseMozambiki—ilingana abantu abangama-200. Yagqitywa nje ngeentsuku ezimbini!
Ukukhangela Abanye Abafuna Uncedo
NgoMatshi 5, emva kokuba amanzi ehle ngokwaneleyo, kwamiselwa iqela labahlanguli elaliza kuya kwidolophu yaseAldeia da Barragem, enye yeedolophu zokuqala ukuthwaxwa zizikhukula. Kuloo dolophu kwakukho ibandla elinamaNgqina anokuba ngama-90, yaye kwakungazange kuviwe nto ngawo.
Endleleni eya apho, eli qela ladlula eChihaquelane, inkampu yeembacu enkulu eyayinabantu abanokuba ngama-100 000. Kumacala omabini endlela, eyayikhukulisekile kwezinye iindawo, wonke loo mmandla wawugutyungelwe ngamanzi ukuya kutsho kude lee. Omnye weqela labahlanguli wathi: “Ukufika kwethu eChókwè, sabona umbono ohambis’ umzimba. Kwizindlu ezininzi ezisekungeneni kwedolophu amanzi ayefika eluphahleni. Inkoliso yezindlu ezininzi zazigqunyelelwe ngaloo manzi. Kwakusiba mnyama, yaye sasifanele sihambe iimayile ezili-15 [iikhilomitha ezingama-25] phambi kokuba sifike eAldeia da Barragem.”
Eli qela lade lafika kwindawo ebelisiya kuyo ebusuku. Omnye weqela ukhumbula oku: “Sama singazi ukuba senze ntoni na.” Kusenjalo kwathi gqi abantu, bekhwaza besithi: “Abazalwana!” kwaza kwalandela intswahla yentsini yovuyo. Xa amaNgqina asekuhlaleni abona izibane zezo nqwelo-mafutha zimbini, ngokukhawuleza acinga ukuba kusenokwenzeka ibe ngabazalwana, aza axelela amanye. Abantu ababukeleyo babechukumiseke gqitha, baza bathi; ‘Aba bantu ngokwenene banothando. Bazisa ukutya yaye baze kutyelela!’
Ukunikela Uncedo Oluqhubekayo
Abazalwana baseAldeia da Barragem bancedwa baya kufika kwinkampu eseMacia, apho banikwa ukutya, indawo yokuhlala baza bafumana unyango. Ebudeni belo thuba, imeko eMacia yaye isiba maxongo. Ukutya, amayeza nezinto zokubasa zaziphela, ekubeni zazithunyelwa ngeenqwelo-moya. Kwakukho imfuneko enkulu yokufumana indlela yokuya eMaputo. Oku kwenziwa ngoMatshi 8.
IsiXeko esikhulu iXai-Xai sonke sasigutyungelwe ngamanzi. Umbindi waso wawutshone emanzini kangangeemitha ezintathu kwezinye iindawo! AmaNgqina amisela iqela labahlanguli ukuze lincede abazalwana babo apho. Ukongezelela, kwalungiselelwa iikomiti ukuze zincede abo bakwiphondo laseSofala naseManica.
Izinto zokunceda zavela kumaNgqina akwamanye amazwe. Ngokomzekelo, isebe laseMzantsi Afrika lalungiselela ukuba kuthunyelwe iitoni zempahla, neengubo nezinye izinto. Ikomkhulu lamaNgqina kaYehova, eliseBrooklyn, eNew York, lanikezela ngemali ukuze kuncedwe abo bachaphazelekileyo yile ntlekele.
Xa amanzi ezo zikhukula ehlayo nengxelo yabo bonakalelwe ngamakhaya abo idluliselwe, kwaqaliswa umsebenzi wokuphinda kwakhiwe izindlu neeHolo zoBukumkani. Kwasekwa ikomiti yokwakha ngokutsha yaye yaxhaswa ngamatsha-ntliziyo aliqela, awaqalisa ukusebenza engaphozisanga maseko. Ukususela ngoko, zizindlu ezingaphezu kwama-270 kunye neeHolo zoBukumkani ezintlanu eziphinde zakhiwa.
Xa izindlu zokuqala ezakhiwa ngamatsha-ntliziyo angamaNgqina zaqalisa ukubonakala, abantu bakuphawula oku. Omnye wabamelwane wathi: ‘Ninqula uThixo ophilayo. Abefundisi bethu bayazilibala izimvu ezibandezelekileyo. Noko ke, nina nifumana izindlu ezintle ngolu hlobo.’ Kwezo ndawo abaninzi bayasamkela isigidimi soBukumkani esishunyayelwa ngamaNgqina kaYehova yaye kuye kwaqaliswa izifundo zeBhayibhile eziliqela.—Mateyu 24:14; ISityhilelo 21:3, 4.
Nangona amaNgqina amaninzi aye alahlekelwa zizinto zawo eziphathekayo, akukho namnye uye walahlekelwa lukholo lwakhe. Kunoko, ukholo lwawo kuYehova uThixo nakwibutho labazalwana bawo ehlabathini lonke luye lomelezwa. Anombulelo kubazalwana bawo abanothando ehlabathini lonke, abanikele uncedo ngokukhawuleza ngexesha lale ntlekele imbi. Azibonele ngawawo amehlo indlela uYehova anenkathalo nakhusela ngayo, yaye aya kuhlala ewakhumbula amazwi eBhayibhile athi: “UYehova mkhulu.”—INdumiso 48:1.
[Umfanekiso okwiphepha 24, 25]
Amanzi anodaka agubungela idolophu yaseXai-Xai
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Izinto zoncedo zazithunyelwa ngenqwelo-moya
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Iqela labahlanguli lamaNgqina lamisa igumbi lokunyamekela abagulayo
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Umsebenzi wokwakhiwa kwamakhaya amatsha uyaqhubeka
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Eyona nkampu yeembacu inkulu yayinabantu abangama-100 000