Amaxhoba Enkanyamba AseMyanmar Afumana Uncedo
NGOMEYI 2, 2008, Inkanyamba uNargis yantlitha iMyanmar, esi siganeko savela kumajelo eendaba zamazwe ngamazwe.a Kuthiwa kwasweleka okanye kwalahleka abantu abamalunga nama-140 000 emva kokuba inkanyamba intlithe ummandla we-Irrawaddy Delta.
Okumangalisayo kukuba akukho nokuba libe linye iNgqina likaYehova elenzakalayo. Ubukhulu becala eyona nto eyawasindisayo kukuba abalekela kwiiHolo zoBukumkani zawo ezomeleleyo. Kwenye indawo amaNgqina angama-20 nabanye abantu basekuhlaleni abangama-80 bathi ngcu eluphahleni lweHolo yoBukumkani iiyure ezilithoba ngoxa amanzi ayesiya enyuka. Bonke basinda. Okulusizi kukuba kuloo lali kwabhubha abantu abangama-300. Kwiilali ezininzi ziiHolo zoBukumkani kuphela izakhiwo ezasindayo.
Emva kweentsuku ezimbini idlulile inkanyamba iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eYangon yathumela iqela labazalwana ababeye kunceda kwibandla laseBothingone, ekuloo mmandla wentlekele. Badlula kobo butyobo benkanyamba bephepha abaphangi, yaye betsiba naphezu kwezidumbu zabantu ezazisele ziqala ukonakala, bada bafika eBothingone bephethe irayisi, okunye ukutya, amanzi namakhandlela. Babeliqela lokuqala labantu ukufika beze kunceda kulo ndawo. Emva kokunceda amaNgqina alapho, aba bazalwana banikela iintetho ezisekelwe eBhayibhileni zokuwakhuthaza yaye bawanika iiBhayibhile nezinye iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni ekubeni ezawo zazitshatyalaliswe yinkanyamba.
Isimo sengqondo samaNgqina awayentlithwe yinkanyamba sasichukumisa ngokwenene. Omnye umzalwana webandla laseIrrawaddy wathi: “Yonke into ebesinayo itshabalele. Zonke izindlu zethu zidilikile. Nezityalo zethu zonke zifile. Namanzi okusela angcolile. Noko ke abazalwana noodade abakhathazekanga njengabanye abantu. Bamthembile uYehova kunye nentlangano yakhe. Siya kwenza loo nto ekuthiwa masiyenze, enoba kuthiwa masihlale apha okanye siye kwenye indawo.”
AmaNgqina angama-30 awayephulukene nayo yonke into, ayecula iingoma zoBukumkani ngovuyo njengoko ayekuhambo lweeyure ezilishumi lokuya kwindawo ayeza kufumana kuyo ukutya, iimpahla kunye nekhusi. Endleleni eya apho eva ukuba kwenye idolophu ekufutshane kwakukho indibano yesiphaluka yamaNgqina kaYehova. Aya kuloo ndibano ukuze kuqala afundiswe ngoThixo aze anandiphe ubudlelwane namanye amaKristu.
Kuwo wonke loo mmandla owawuntlithwe yinkanyamba, kwadilika izindlu zamaNgqina ezingama-35 ukanti ezili-125 zazingonakalanga kangako, zize zona iiHolo zoBukumkani ezisibhozo zibe nomonakalo ongephi. Okuvuyisayo kukuba izakhiwo zesebe azizange zichaphazeleke kangako.
Ekuqaleni indlela eya kwiofisi yesebe yayivalekile ngenxa yemithi emikhulu eyayixabe endleleni. Emva kweeyure nje ezimbalwa idlulile inkanyamba amatsha-ntliziyo angaphezu kwama-30 avela esebeni ancedisa ekususeni loo mithi. Njengoko babeyisusa, abantu ababeme kufuphi babengayival’ imilomo. Ngexesha nje elingephi kwafika iqela lamakhosikazi angamaNgqina lizisele loo matsha-ntliziyo kunye nabamelwane ababemangalisiwe iziselo ezibandayo neziqhamo. Enye intatheli yathi isakubona loo nto yabuza yathi: “Ngoobani aba bantu basebenza kangaka?” Emva kokuba iphenduliwe yathi: “Akwaba wonke umntu walapha ebenje ngala maNgqina kaYehova!”
AmaNgqina akhawuleza aseka iikomiti ezimbini zokunceda kwiindawo ezahlukeneyo zelizwe ukuze zivelele wonke umsebenzi wokunceda. Amakhulu aloo matsha-ntliziyo asebenza kwezo komiti. Kungentsuku zatywala izindlu zamaNgqina ezazidilikile zazisele zakhiwe kwakhona. Xa abakhi bamaNgqina beza kwakhela enye inkosikazi eliNgqina indlu yayo, abamelwane babukela bemangalisiwe. Omnye wabo wathi: “Icawa yaloo mfazi iyamakhela. Akukho noba abemnye kula maBhuda endicawa nawo ozileyo ukuza kundinceda. Akwaba ndandiguqukile ndaba liNgqina ngokuya wayendishumayeza!”
Xa ikomiti yaya kuhlola enye indlu yaseThanlyn eyayintlithwe kanobomi yinkanyamba nangona ingazange ide iwe, yachukumiseka kakhulu xa loo ntsapho yamaNgqina yathi: “Akukho monakalo ungako. Singakwazi ukuhlala kule ndlu—asiboni nto ingxamisekileyo kuyo! Amanye amaNgqina awanazo nezo zindlu. Hambani niye kunceda wona!”
Kwenye indawo eYangon, abantu bazama ukufihla iintloko kwicawa yasekuhlaleni. Kodwa kwakutshixiwe yaye abazange bakwazi ukungena. Abantu abanomsindo bazama ukulophula ucango. Kodwa wona amaNgqina kaYehova abavulela abantu ukuba bahlale kwiiHolo zoBukumkani ngexesha laloo nkanyamba. Ngokomzekelo, enye indoda nomfazi wayo abangamaNgqina nababehlala kwiHolo yoBukumkani eDala, bangenisa abamelwane abangama-20 ababefuna indawo yokukhuseleka. Ngentsasa elandelayo ezo ntsapho zazingasenamakhaya yaye zilambile. Loo ndoda yaya kuthenga irayisi eyayinokwanela bonke abo bantu.
Kwenye intsapho yaseYangon, abanye ngamaNgqina kaYehova ngoxa abanye bengena kwezinye iicawa. Emva kwenkanyamba yonke loo ntsapho yeza kwintlanganiso yonqulo eyayiqhutyelwa kwiHolo yoBukumkani. Kwakutheni? Elinye ilungu lentsapho lathi: “Abantu becawa yethu babethe baza kusityelela emva kwenkanyamba kodwa abazange bafike. Nini kuphela maNgqina enizileyo. Niye nasinika irayisi namanzi. Anifani nina nezinye iicawa!” Amalungu aloo ntsapho angengomaNgqina nawo awuthanda umxholo weMboniselo yangaloo mini owawusithi: “UYehova Uyakuva Ukukhalela Kwethu Uncedo,” kangangokuba aphendula.
Elinye inenekazi elalifunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova leza kwiintlanganiso emva kweveki inkanyamba idlulile. Kuloo ntlanganiso kwafundwa ileta eyayivela kwiofisi yesebe eyayichaza izinto ezazenziwe ukuze kuncedwe amaxhoba, kunye namava abantu ababesinde kwinkanyamba. Elo nenekazi laqalisa ukucuntsula kule nto yabantwana njengoko ileta yayifundwa. Yayilichukumise gqitha into yokuva ukuba amaNgqina aye akhangelwa kwaza kwafunyaniswa ukuba onke ayekhuselekile. Nalo lanikwa izinto zokulinceda kwaza kwagxunyekwa nentente kufutshane nendlu yalo. Lathi livakalelwa kukuba amaNgqina ayelincede ngokwenene.
UYesu wathi: “Bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” (Yohane 13:35) Nomfundi uYakobi wayibethelela into yokuba ukholo lokwenene lubonakala ngezenzo ezilungileyo. (Yakobi 2:14-17) AmaNgqina kaYehova akawathathi lula loo mazwi ibe azama ngamandla ukubonisa uthando nokunceda abo basweleyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a IThe Encyclopædia Britannica ithi: “Kummandla weAtlantic nakwiCaribbean inkanyamba ibizwa ngokuba yihurricane, ngoxa kwiPasifiki esentshona nakuLwandle lwaseTshayina kusithiwa yityphoon.”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 11]
IBhayibhile ithi ukholo lwenyaniso luhamba nezenzo ezilungileyo