Ikente—Ilaphu Lookumkani
NGUMBHALI KAVUKANI! EGHANA
UMLUKI onesandla esibalekayo usebenza ngelaphu. Libetha ngesingqi somatshini eliwusebenzisayo, eli chule lixakeke lilaphu elibhanyabhanya eliphambi kwalo. Lifake iintambo phakathi kweenzwane; zezi ntambo ke eziqhuba lo matshini—zisihla zinyuka zisahlula umchako omalunga neemitha ezintandathu. Ngokulula nje iminwe yalo iluka imicu ngaminye yesilika emibalabala idibanisa imichako eyahlukeneyo, isenza umthungo othi ubotshelelwe ngokuqinileyo kwilaphu xa lilonke.
Apho kuphuma nje ilaphu eliziisentimitha ezilishumi ububanzi. Kodwa liphuma linombala oqaqambileyo yaye linobugocigoci. Eli chule liziva lanelisekile njengoko lijonga umsebenzi walo—ilaphu elikumgangatho ophezulu lekente.
Ubugcisa Bamhlamnene
Kangangamawaka eminyaka, amachule aphum’ izandla aye asebenzisa ubugcisa bamhlamnene bokuluka. Imisonto eyenziwe ngeflakisi, umqhaphu nesilika ibisoloko isetyenziswa ukuze kwenziwe izinto zokuluka. Eyona mibala ibisetyenziswa ibithatyathwa kwiingcambu nakumagqabi ezityalo, yaye ngayo abaluki bebehombisa imichako yabo.
Abaluki abangoonothwal’ impahlana eAfrika baye benza oomatshini bokuluka abancinane nabanokukwazi ukuhamba nabo. Babesaziwa ngokuba ngoomatshini bemicu, kuba babeluka imicu emide enobubanzi beesentimitha ezisi-7,5 ukusa kwezili-11,5 kuphela. Le micu mide nemincinane yayidityaniswa ukuze kwenziwe ilaphu elikhudlwana elalibhijelwa emzimbeni libe yimpahla. Aba matshini bancinane bokuluka babethwalwa zizilwanyana ukunqumla iintlango, imilambo, nokunyuka iintaba eziphakamileyo. Njengoko babenqumla nabo kwiindawo zezorhwebo, abanini baba matshini bokuluka babebasebenzisa ngokunenzuzo.
Ukufunwa Kwelaphu
Kangangeenkulungwane eziliqela ookumkani neenkosi zaseNtshona Afrika babenemihlaba emi kakuhle ngezimbiwa abathi abakhi-mkhanya baseYurophu bayibiza ngokuba yiGold Coast.a Apha kwakusembiwa igolide eninzi, eyabazisela ubutyebi ookumkani balapho bama-Ashanti kunye nentsapho yakomkhulu. Behombe ngegolide eninzi, begaxele namalaphu alukwe ngokukhethekileyo, aba kumkani bekunye neenkosi zabo ezidumileyo babebonisa ngobutyebi abanabo, amandla negunya kubalawulwa babo. Ezi zivatho zikhethekileyo zazinxitywa ngaba balawuli kwathiwa ziikente, igama ekusenokwenzeka ukuba libhekisela ekufaneni kweli laphu nengobozi elukiweyo. Nezinye izizwe zaseGold Coast zaziluka imicu, kodwa kookumkani bama-Ashanti, ilaphu lekente lalimela udumo nozuko lwasebukhosini.
Abaluki bemicu baseGold Coast babesebenzisa umqhaphu owenziwa kwalapho. Kuphela kwakufumaneka imisonto eluhlaza. Le misonto iluhlaza yayilukwa idityaniswa nelaphu lomqhaphu elimhlophe ukuze yenze imigca nemizobo embombo kusenzelwa abantu balapho.
Ilaphu lekente lookumkani lalinganxitywa nangubani na. Kwasekwa amaqela okuluka iimpahla zakomkhulu ukuze enze aze avelise amalaphu odidi oluphezulu. Ubuchule bokuluka babubekwe phantsi kweliso elibukhali yaye babugcinwe buyimfihlelo. Bonke abanye abaluki kwakungafuneki baluke amalaphu ngeendlela ezazenzelwe ukumkani nekomkhulu lakhe ngokukhethekileyo. Ukumkani wayezifumbela amakhulukhulu amalaphu, ngalinye kulo lenziwe ngendlela eyahlukileyo. Ngokuqhelekileyo, wayengenakunxiba ilaphu elinye phambi kukawonke-wonke ngaphezu kwesihlandlo esinye.
Ukufuna Umbala
Ngenkulungwane ye-16, kwavela olunye uhlobo lwelaphu eGold Coast. Eli laphu litsha lalingenziwa koomatshini bemicu baseAfrika kodwa laveliswa kumazwe athe qelele kwaza kweziwa nalo ngoomatiloshe bokuqala baseYurophu ababefuna iimpondo zendlovu, igolide namakhoboka. Eli laphu lalinemicu yemibala ethe qhakra, nebangela umdla. Akuzange kube kudala eli laphu limibalabala, elilukwe ngemicu ebomvu, emthubi neluhlaza, laba yinto exabisekileyo nekurhwetywa ngayo. Babembalwa ababenobutyebi bokuthenga eli laphu lixabisa imali eninzi kubarhwebi baseYurophu. Ngama-Ashanti azizityebi kuphela, awayelawula urhwebo lwegolide, iimpondo zendlovu namakhoboka kwiinqanawa ezilinde elunxwemeni, awayekwazi ukulifumana. Kodwa ilaphu elilukiweyo lalingafunwa ngookumkani neenkosi zama-Ashanti.
Lalisithi lakufunyanwa elo laphu, abaluki ngononophelo baqhaqhe imisonto le ithandwayo inemibalabala baze balilahle ilaphu eliseleyo. Le misonto ixabisekileyo yayifakwa koomatshini babaluki bakomkhulu. Njengoko amalaphu evela ngemibalabala, kwanda nobuchule, nto leyo eyabangela amagcisa akhuphe ubugcisa bawo ekulungiseni ilaphu ngendlela ekungazange kube njalo ngayo ngaphambili. Ookumkani bama-Ashanti baqesha abaluki abanobuchule bezinye izizwe, nto leyo eyaphumela ekuvelisweni kwelaphu lekente elikumgangatho ophezulu.
Imihombiso enjengentlanzi, iintaka, iziqhamo, amagqabi, ukutshona kwelanga, iminyama, neminye imifanekiso yendalo yayivelisa ilaphu elineenkcukacha nezinto ezifuziselayo. Ilaphu elidityaniswe ngemisonto ebugolide lalimela ubutyebi, umbala oluhlaza wawufuzisela ubutsha, umbala omnyama wawufuzisela usizi, umbala obomvu wawufuzisela umsindo, yaye umbala obusilivere wawufuzisela ubunyulu novuyo.
Abaluki babesebenza ngomonde nangaphandle kokungxama kangangeenyanga eziliqela kwilaphu elinye, besazi ukuba xa bewugqibile loo msebenzi uya kudiza ubuchule babo. Babenqabile ababekwazi ukwenza ngolo hlobo, ekubeni babembalwa ababenokuthenga ilaphu lekente elinqabileyo nelibiza imali eninzi.
Ikente Yala Maxesha
Ngokuhamba kwexesha, impembelelo yookumkani neenkosi ezinamandla yaqalisa ukuphela. Kwakungasekho mfuneko yokwahlula abantu basebukhosini nabantu abaqhelekileyo ngempahla. Abantu balifuna gqitha eli laphu lihle, njengoko laqalisa ukusetyenziselwa neenjongo ezingezizo ezasebukhosini. Njengoko lalilukwa ngokukhawuleza ukuze lihlangabezane neemfuno ezingxamisekileyo, ilaphu lekente laqalisa ukwehlelwa ngumgangatho, indlela elenziwa ngayo nexabiso lalo.
Namhlanje ikente ilukwa ngemisonto engoozenzele yaye kwenziwa ngayo iingxowa, amaqhina, iibhanti, iminqwazi neempahla. Bambalwa abaluki abanomdla wokuvelisa impahla yekente besebenzisa indlela enzima netya ixesha yamandulo. Ikente ekumgangatho ophezulu iyaxatyiswa yaye idluliselwa kwizizukulwana ngezizukulwana ezintsatsheni. Enyanisweni, adlula loo maxesha okuba ilaphu lekente nobuchule obuhamba bodwa benziwe ngoomatshini bamaplanga kuze kuthiwe lilaphu lookumkani.
[Umbhalo osemazantsi]
a IGhana yale mihla.
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
Oomatshini bokuluka imicu bakhaphukhaphu yaye bancinane
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Umluki usebenzisa iinyawo zakhe ukuze aqhube umatshini