Wasebenzise Ngobulumko Amayeza
NGUMBHALELI KAVUKANI! EMZANTSI AFRIKA
XA UGQIRHA wakho encomela amayeza, ngokuqinisekileyo ukwenza oko eneenjongo ezintle, uncomela loo mayeza ngenxa yesifo asibonileyo, ulwazi ngezamayeza, namava akhe. Sekunjalo, umguli akamele alindele ukuba ibe ngugqirha wakhe kuphela onembopheleleko ngempilo-ntle yakhe. Umguli unembopheleleko ngoko akufaka emzimbeni wakhe.
Xa usebenzisa amayeza anconyelwe ngugqirha, cingisisa ngolu khokelo lusengqiqweni lulandelayo luvela komnye ugqirha:
● Onke amayeza anezinye iingxaki azibangelayo. Unelungelo lokwazi iyeza elinconyelwa ngugqirha nezinye iingxaki elizibangelayo. Ukuba ugqirha wakho akakuxeleli ngazo, ungabi mathidala ukumbuza. Kwiimeko ezininzi iingenelo ziba ninzi kuneengxaki ezibangelwa ngamayeza. Kodwa umele wazi ukuze wenze isigqibo sobulumko.
● Amayeza asebenza ngeendlela ezahlukahlukeneyo ebantwini. Ugqirha wakho akakwazi ukuxela kusengaphambili indlela iyeza olinikiweyo eliza kusebenza ngayo kuwe. Ukuba iingxaki elizibangelayo zixhomis’ amehlo, thetha nogqirha wakho.
● Buza ukuba lide kangakanani ixesha omele ulichithe usebenzisa iyeza elo. Yaye umele ubuze enoba ngandlel’ ithile liyakhobokisa.
● Kulumkele ukuzenzela ngokwakho isigqibo sokuyeka ukusebenzisa iyeza, mhlawumbi ngenxa yokuba uziva ubhetele. Ukuyeka ngokukhawuleza ukusebenzisa iyeza kunokuyibuyisela umva imeko yakho. Kunoko, qala uthethe nogqirha wakho.
● Ngalo lonke ixesha usebenzisa iyeza elinconyelwe ngugqirha landela ulwalathiso lwakhe.