Uyamenywa Kwindibano Yesithili ‘Yabavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo’
EMZANTSI AFRIKA kuphela kulungiselelwe ukuba kubekho iindibano zesithili ezingama-42. Eyokuqala iza kubakho ngoNovemba 22-24, ize eyokugqibela ibe sekupheleni kukaDisemba. Kusenokwenzeka ukuba enye yezi ndibano zeentsuku ezintathu—ngokuqhelekileyo ezidla ngokuqalisa ngoLwesihlanu ziphele ngeCawa—iza kuba kwisixeko esikufuphi nawe.
Kwiindawo ezininzi, ucwangciso luza kuqalisa ngomculo ngo-9:00 kusasa. Kusuku lokuqala, intetho yokwamkela abeze endibanweni iza kulandelwa yintetho eya kuquka udliwano-ndlebe nabavakalisi boBukumkani. Kuya kuthi emva kwentetho enomxholo othi “Ziyolise Ngokugqibeleleyo NgoYehova” nenomxholo othi “Hlalani Ninombulelo” ucwangciso lwakusasa luqukunjelwe ngentetho engumxholo ethi “Abavakalisi BoBukumkani Banenzondelelo.”
Ucwangciso lwasemva kwemini ngoLwesihlanu luya kuquka ungcelele lweentetho ezintathu olunomxholo othi “Isiprofeto SikaMika Siyasomeleza Ukuze Sihambe Egameni LikaYehova,” nentetho enomxholo othi “Khusela Intliziyo Yakho Ngokuhlala Unyulu” nenomxholo othi “Kulumkele Ukukhohlisa.” Ekugqibeleni kuya kunikelwa uncedo olukhethekileyo ngokuphathelele ubulungiseleli bamaKristu kwintetho yokuqukumbela enomxholo othi “Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso.”
Kucwangciso lwakusasa ngoMgqibelo kuya kubakho ungcelele lweentetho ezintathu olunomxholo othi “Abavakalisi BoBukumkani Ababuzukisayo Ubulungiseleli Babo.” Luya kulandelwa yintetho ekhuthazayo ethi “Isizathu Sokuba ‘Sithandaze Ngokungapheziyo’” nethi “Ukuncokola Ngezinto Zokomoya Kuyakha.” Ucwangciso lwakusasa luya kuqukunjelwa ngengxubusho yozahlulelo nobhaptizo, kuze emva koko kubhaptizwe abo bafanelekayo.
Ucwangciso lwasemva kwemini ngoMgqibelo luya kuquka ungcelele lweentetho ezintathu lokugqibela kule ndibano, olunomxholo othi “Ukomelela Kokholo Lwethu Kuvavanywa Ngeendlela Ezahlukeneyo.” Ezi ntetho ziya kunceda amaKristu akwazi ukujamelana nocelomngeni lokulondoloza ubundilele. Ucwangciso lwangoMgqibelo emva kwemini luya kuqukunjelwa ngentetho eyimbalasane yale ndibano enomxholo okhuthazayo othi “Sondela KuYehova.”
Kucwangciso lwakusasa ngeCawa kuya kunikelwa ingqalelo ngokukhethekileyo kubantu abaselula, luya kuqalisa ngentetho ethi “Ngaba Ukholose NgoYehova?” nethi “Lutsha—Zakheleni Ikamva Nentlangano KaYehova.” Inxalenye yokugqibela iya kuquka udliwano-ndlebe lwemizuzu engama-20. Luya kulandelwa ngumdlalo wesinxibo samandulo othetha ngoYeremiya, owathi akumiselwa njengomprofeti, “ndiyinkwenkwe nje.” (Yeremiya 1:6) Emva koko kuya kunikelwa intetho ebethelela imfundiso yalo mdlalo. Kucwangciso lwasemva kwemini kuya kunikelwa intetho yesidlangalala enomxholo othi, “Imeko Yeli Hlabathi Iyatshintsha.”
Ngokuqinisekileyo uya kungenelwa ngokomoya ngokubakho kuzo zontathu ezo ntsuku. Ukuze wazi ukuba yiyiphi indibano ekufutshane nekhaya lakho, qhagamshelana namaNgqina kaYehova kwiHolo YoBukumkani ekufutshane nawe okanye ubhalele abapapashi beli phephancwadi.