Ukutshona Kwelanga Emini
NGABABHALI BAKAVUKANI! EANGOLA NASEZAMBIA
‘ILANGA litshon’ emini? Ayinakwenzeka loo nto!’ bambi basenokutsho. Asiyontsomi le, kodwa yinto eyenzeka izihlandlo eziliqela kwisithuba seminyaka elishumi—nanini na ilanga lisithwe yinyanga. Yintoni ebangela ukuba ilanga lisithwe yinyanga, yaye kutheni oko kubangel’ umdla kangaka ebantwini? Ngaphambi kokuba siphendule lo mbuzo, makhe siqwalasele inyanga.
Ngaba ukhe ukubone ukutshintshatshintsha kwenyanga njengoko ijikeleza umhlaba? Xa inyanga nelanga zikumacala ahlukeneyo esibhakabhaka, sibona inyanga epheleleyo iphuma ngasempuma njengoko ilanga litshona ngasentshona. Njengoko iintsuku zihamba, busuku ngabunye inyanga iphuma kade, yaye ngokuthe ngcembe inqumla isibhakabhaka ukuya kwicala ekuphuma kulo ilanga. Ekuhambeni kwexesha, inyanga iya isiba ncinane de ekugqibeleni ibe liceba. Xa esibhakabhakeni kukho inyanga nelanga ngaxeshanye, kwanelo ceba lenyanga liyasithela, ize inyanga ingabonakali emhlabeni. Emva koko kuvela inyanga entsha. Inyanga iye ibonakale ikude nelanga yaye ekuhambeni kwexesha iba yinyanga epheleleyo. Lo mjikelo wenzeka rhoqo kwiintsuku ezingama-28.
Ilanga lisithwa yinyanga entsha. Ngokuqhelekileyo idlula elangeni emini kodwa oko akubonakali ngenxa yokungangqamani kwazo kumjikelo wazo. Kodwa maxa wambi ilanga, inyanga nomhlaba ziyangqamana. Xa kunjalo, inyanga yenza ukuba ilanga lingabonakali.
Ukusithwa kwelanga yinyanga kubangelwa kukujikeleza kwelanga, inyanga nomhlaba. Ilanga likhulu kakhulu, liyiphindaphinda izihlandlo ezinokuba ngama-400 inyanga. Okumangalisayo kukuba, ilanga likude emhlabeni izihlandlo ezingama-400 kunenyanga. Ngenxa yoko thina sibona ngathi ilanga nenyanga ziyalingana. Maxa wambi kunokude kubonakale ngathi inyanga iyaligquma ilanga.
Ukuze inyanga ilisithe ngokupheleleyo ilanga, kufuneka ilanga, inyanga nomhlaba zingqamane, kodwa oku kumele kwenzeke xa inyanga ikufuphi nomhlaba.a Ngezi zihlandlo isithunzi senyanga senza kube mnyama kwenye inxalenye yomhlaba.
Xa ilanga lalisithwe yinyanga ngokupheleleyo ngoJuni 21, 2001, ububanzi beso sithunzi babuza kulingana neekhilomitha ezingama-200. Eso sithunzi sasiza kubonakala ekuphumeni kwelanga kunxweme olungasempuma kuMzantsi Merika size sidlulele kuMazantsi eAtlantiki, apho sasiza kubonakala malunga nemizuzu emihlanu. Emva kokudlula eAngola, eZambia, eZimbabwe naseMozambique, sasiza kusithela ekutshoneni kwelanga kunxweme olungakwimpuma yeMadagascar. Makhe sibone oko kwaphawulwa ngabantu ababebukele lo mbono wawusesibhakabhakeni eAngola naseZambia.
Amalungiselelo Esi Siganeko
Iingcaphephe zabaphandi, abantu abanomdla kwiinkwenkwezi nabanye abantu abaninzi bathontelana ukuya eAfrika ukuze babone ukusithwa kwelanga yinyanga ngokupheleleyo, okwesihlandlo sokuqala kweli waka leminyaka litsha. Njengoko eZambia, yayiyiLusaka kuphela isixeko esikhulu ekwakuza kubonakala kuso ukusithwa kwelanga yinyanga, abantu bathontelana apho ukuze baye kubukela lo mbono.
Mhlawumbi le yeyona nto yakha yatsala iindwendwe kwelo laseZambia. Kwiintsuku ezimbalwa ngaphambi kokuba kwenzeke esi siganeko, kwathontelana amawaka abakhenkethi eLusaka. Amalungiselelo enziwa kwiinyanga ezingaphambili. Iihotele, izindlu eziqeshisayo, iinkampu namakhaya abantu zazizele zizihlwele zeendwendwe.
Enye indawo abantu ababenokubukela kuyo esi siganeko yayisisikhululo seenqwelo-moya saseLusaka, apho abantu babenokufika kusasa, babukele esi siganeko baze bahambe ngokuhlwa. Kwiiveki ezingaphambi kwesi siganeko, izikhululo zikamabonwakude nezikanomathotholo zalumkisa abantu ngengozi yokujonga ngqo elangeni. Iiglasi ezenzelwe ukujonga ilanga zathengwa zaphela kwiivenkile ezininzi.
Noko ke, kweli lizwekazi laseAfrika, ukusithwa kwelanga yinyanga kwakuza kuqala kubonakale eAngola kwidolophu yaseSumbe engaselunxwemeni. Kulapho lo mbono wawuza kubonakala elona xesha lide kwelo, imizuzu emine enesiqingatha.
Kwiinyanga ngaphambi kokuba ilanga lisithwe yinyanga, kwisixeko esikhulu saseAngola, iLuanda nakwezinye iidolophu ezinkulu kwakubekwe iibhodi zezibhengezo ezichaza ngalo mbono, nezazilumkisa ngeengozi zawo. Isithunzi senyanga sasiza kubonakala kumbindi welo lizwe, ngoko bonke abantu baseAngola babeza kuyibona inyanga isithe ilanga phantse ngokupheleleyo. Abantu baseLuanda babeza kubona inxalenye yelanga engama-96 ekhulwini isithwe yinyanga. Esebenzisana neenkampani zabucala, urhulumente walapho walungiselela ukuba kuthengwe izigidi ngezigidi zeeglasi ezikhethekileyo zokujonga ilanga kumazwe angaphandle. Ezininzi zaphiwa amahlwempu.
Eyona ndawo sasiza kubonakala kakuhle kuyo esi siganeko eAngola, yayiyidolophu yaseSumbe ekwithafa elihle elingaselunxwemeni phakathi koMzantsi weAtlantiki nombindi weAngola. Ummandla waseSumbe awuzange uchaphazeleke ziimfazwe ezonakalise iAngola, ngoko abakhenkethi bafikela kwidolophu ekwimeko entle, enabantu abamalunga nama-25 000, abanobubele, abanobuhlobo nababathandayo abantu. Ukuze zonke iindwendwe zifumane iindawo zokuhlala, kwalungiselelwa izindlu ezingakumbi zokuhlala abakhenkethi, yaye kwaphuculwa neziko lombane lasekuhlaleni. Izazinzulu, amagosa karhulumente, oonontlalo-ntle baseAngola nabavela kwamanye amazwe baba nentlanganiso ephathelele oko kwakuza kwenzeka. Kwenziwa iqonga elikhulu elunxwemeni ukuze konwatyiswe abantu ngendlela engazange ibonwe eSumbe.
Yagaleleka Imini Ebikad’ Ixelwa
Ezinye zeengenelo zokubukela eso siganeko eAngola yaba kukuba ngoJuni iimvula azixhaphakanga kwelo. Kodwa khawufan’ ucinge indlela abanokuba badana ngayo abantu, xa kumhla ongaphambi kweso siganeko, ummandla waseSumbe wagutyungelwa ngamafu! Loo dolophu yayigutyungelwe ziingqimba zamafu ubusuku bonke nentsasa elandelayo. Ngaba ithemba lokubona eso siganeko laliza kuphelela emoyeni? Ebudeni bentsasa loo mafu atyhila, yaye yathi iqina imini kwabe kuzolile. Zatsho zee gingxi izibilini! Ngokufanayo, nabantu baseZambia babexhalabile njengoko kwasa lithe gqaba gqaba ngamafu. Kodwa nalapho latyhila. Phulaphula njengoko abo babebukele bebalisa.
EAngola: “Sakhetha ukubukela esi siganeko kwindawo ephezu kolwandle. Njengoko ixesha lalisondela, izihlwele zabantu zathontelana kunxweme lwedolophu nakwiindawo ezazilungiselelwe ukubukela esi siganeko. Emini emaqanda ngaphambi nje kokuba ilanga lisithwe yinyanga, abaninzi bafaka iiglasi zabo bajonga ‘ukuqalisa’ kwalo mbono. Emva koko bayibona inyanga iqalisa ukusitha ilanga. Abantu ababejonge ngezixhobo zokubona kude okanye iiteleskopu—babekwazi ukubona izazinge zelanga—ngaphaya kwenyanga. Abo babebukele bazibona ezi zazinge zisithwa yinyanga ngokuthe ngcembe. Njengoko inyanga yayilisitha ngokuthe ngcembe ilanga, iqondo lobushushu lehla yaye kwaya kusiba mnyama. Ekugqibeleni, njengoko ilanga lalisithela ngokupheleleyo kwisithunzi senyanga, elo lizwe lagutyungelwa bubumnyama.”
EZambia: “Iofisi yesebe lamaNgqina kaYehova laseZambia, eseMakeni eLusaka yayiyindawo entle yokubukela ukusithwa kwelanga yinyanga. Lo mbono waqalisa nge-3:07 emva kwemini. Kwabonakala amathunzi kwiindonga zezakhiwo. Umoya wadamba, nokuntyiloza kweentaka kwee xum. Izilwanyana zasendle zalungiselela ukulala. Nge-3:09 emva kwemini, kwimizuzwana embalwa nje ngaphambi kokuba ilanga lisithwe yinyanga ngokupheleleyo, zaya zisithela izazinge zelanga, de kwasala sasinye. Ezi zazinge zibizwa ngokuba zii-Baily’s beads yaye esi sokugqibela sibizwa ngokuba yi-diamond ring.b Emva koko, imbonakalo yelanga yatshintsha, kwabonakala ilitha elibubomvurha, kwaza kwaba mnyama thsu!”
EAngola: “Ukubonakala kokukhanya okufana nokwedayimani kwabahlab’ umxhelo abantu yaye baqalisa ukwenza amayeyeye. Nge-1:48 emva kwemini kwaba mnyama thsu. Abantu basabela ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Abanye babefota. Bambi babekhwaza besithi, ‘Lisithele! Lisithele! Lisithele!’ Ukanti abanye babekhalisa amakhwelo bekhwaza bemangaliswe nguloo mbono. Kwabonakala imitha yelanga ngaphaya kwesithunzi senyanga yaye oko kubizwa ngokuba yi-“corona.” Sabona imitha enjengamadangatye ebangelwa ziigesi ezahlukahlukeneyo ijikeleze eso sithunzi senyanga. Ngephanyazo, kwaqala ukuvela imitha yelanga ngaphaya kwesithunzi senyanga yaye emva koko kwakhanya ngokupheleleyo.
“Njengoko ilanga laqalisa ukuvela, zaphinda zabonakala izazinge zelanga ebezisithele, zavela ngokuthe ngcembe de ilanga labonakala ngokupheleleyo.”
EZambia: “Ilanga lasithwa yinyanga kangangemizuzu emi-3 enemizuzwana eli-14, yaye sakwazi ukusibona kakuhle eso siganeko soyikekayo. Kwakumnyama, kodwa lalikho ilitha elibonakala elundini phayaa. Nangona isibhakabhaka sasiluhlaza, ezinye izijikelezi-langa ezidla ngokusithwa lilanga—ngokomzekelo, uJupiter noSaturn babebonakala ngokucacileyo. Kodwa eyona nto isenokuba yayibangel’ umdla kukubona i-“corona.” Kwabonakala umbala obubomvurha ujikeleze isangqa esimnyama. Bechukumisekile, abo babebukele bathi lo mbono ‘uyamangalisa yaye mhle ngeyona ndlela.’ Isithunzi senyanga sadlula ngokuthe ngcembe, kwavela imitha yelanga. Ubumnyama baphela nge-4:28!”
Esikufundayo Ngesi Siganeko
Emva koko, abaninzi bachaza indlela ababechukumiseke ngayo ngulo mbono. Elinye ibhinqa laseAngola lathi belizibambe ngeenkophe iinyembezi. Omnye wathi esi sisipho esihle esivela kuThixo. Ukanti omnye wathi nguMdali onothando kuphela onokubangela ukuba kubekho umbono onjalo ukuze abantu babone ubuhle besona sikhanyiso sinamandla somhlaba.
Lazicacela elokuba abantu abaninzi baseAfrika banentlonelo enzulu ngoMdali neBhayibhile. Njengoko amaNgqina kaYehova ahlala kwidolophu yaseSumbe ayethetha nabanye ngesi siganeko, echaza ukuba lo ngomnye wemisebenzi emangalisayo yoMdali wethu uYehova, abantu babonakalisa umdla wokwenene. Abaninzi balamkela ngolangazelelo iphephancwadi iMboniselo elalisandul’ ukuphuma, elalithetha ngale misebenzi imangalisayo.
Ngexa yesi siganeko, izigidi zabantu zatsho zazilibala iingxaki zazo okomzuzwana zaza zanikel’ ingqalelo kulo mbono uhlaziy’ ingqondo nowoyikekayo. Emva kokubona imimangaliso yelanga engabonakaliyo ngokuqhelekileyo, bambi bacinga ngoMdali walo ozuke ngakumbi, uYehova uThixo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ekubeni inyanga nomhlaba zijikeleza kwindawo embhoxo, indlela ezibonakala ngayo iyatshintshatshintsha. Xa inyanga ikude nomhlaba, isenokungalisithi ngokupheleleyo ilanga. Xa kusenzeka oku, abantu abakwinxalenye yomhlaba eza kusithwa yinyanga babona ukukhanya kwelanga okujikeleze eso sithunzi.
b IiBaily’s beads yimitha yelanga ebonakala kwisithunzi senyanga ngaphambi kokuba kube mnyama ngokupheleleyo. Ibinzana elithi “diamond ring” lichaza ubume belanga ngaphambi kokuba kube mnyama ngokupheleleyo, xa kuvele isazinge esincinane kakhulu selanga, esibonakala ngathi ngumsesane okhazimlayo, njengokukhazimla kwedayimani emsesaneni.
[Umzobo okwiphepha 28]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
→ →
Ilanga → Inyanga ⇨ Ummandla ogutyungelwe bubumnyama ⇨ Umhlaba
→ →
[Inkcazelo]
© 1998 Visual Language
[Imifanekiso ekwiphepha 31]
Ii-“Baily’s beads”
Ubumnyama
I-“Diamond ring”
[Inkcazelo]
Courtesy Juan Carlos Casado, www.skylook.net
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Abantu ababebukele ukusithwa kwelanga yinyanga eLusaka, eZambia