Ukusebenzisa UVukani! Ngokunengenelo
XA WAYENEMINYAKA eli-16 ubudala, uVanessa ongomnye wamaNgqina kaYehova eUnited States, wanikwa umsebenzi wesikolo wokubhala nge-anorexia. Uthi: “Ndenza uphando, kodwa andizange ndifumane nkcazelo yaneleyo. Ndacela uncedo kubazali bam, yaye bandicebisa ukuba ndenze uphando kwiimpapasho zethu.”
Ngokwenza uphando kwiimpapasho zamaNgqina kaYehova, uVanessa wafumana inkcazelo eninzi eyayiza kumnceda. Uthi: “Ukanti ndandingekagqibi. Kwakusafuneka ndithethe ngalo mbandela phambi komfundisi-ntsapho nabafundi abangama-20!” UVanessa wayeza kuhlangabezana njani nolu celomngeni?
Njengokuba kunjalo ngamaNgqina kaYehova akwiindawo ezahlukahlukeneyo zomhlaba, uVanessa ufundiswa indlela yokuthetha esidlangalaleni kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, esiqhutyelwa kwiHolo YoBukumkani. UVanessa uthi: “Kwesi sikolo sifundiswa ukuba sikwazi ukuthetha nabantu xa sikubulungiseleli. Sicetyiswa nendlela esinokuphucula ngayo ukuze abantu bakuqonde oko sikuthethayo.” Waba yintoni umphumo wokuzibhokoxa kukaVanessa kulo msebenzi wakhe wesikolo? Uthi: “Ndaphum’ emagqabini.”
UVanessa ngomnye wolutsha oluninzi oluzisebenzisa ngokunengenelo iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni nolunye uqeqesho lobuthixo. Simele siluncome olu lutsha, kuba luthobela isibongozo esikwiNtshumayeli 12:1 esithi: “Ke kaloku, khumbula uMdali wakho Ozukileyo ngemihla yobufana bakho.”