IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp19 No. 2 iphe. 6-7
  • Xa Uswelekelwe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Xa Uswelekelwe
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • BANCEDWE YINTONI ABANYE?
  • Ndinokuhlangabezana Njani Nentlungu Endikuyo?
    Xa Umntu Omthandayo Esifa
  • Ukuhlangabezana Nentlungu Yokufelwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Uncedo Lwabo Bafelweyo
    Vukani!—2011
  • Kwakutheni Ukuze Utata Afe?
    Vukani!—1994
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
wp19 No. 2 iphe. 6-7
Abantu abatshatileyo abaswelekelweyo bame ngaselwandle bajonge kude

Xa Uswelekelwe

“Ndandingayazi nokuba mandithini xa ubhuti wam wasweleka ndingalindelanga. Emva kwexesha elide eswelekile ndandikhe ndimkhumbule ndize ndibe buhlungu kube ngathi kukho into endihlabayo ngaphakathi. Ngamanye amaxesha ndandisiba nomsindo. Ndandiye ndizibuze ukuba, kwakunyanzelekile ukuba kusweleke yena? Ndandityiwa sisazela kuba ndingazange ndicithe xesha elininzi naye.”​—UVanessa, waseOstreliya.

UKUBA nawe wakhe waswelekelwa ngumntu omthandayo, inoba wakhathazeka kakhulu, waziva uwedwa ibe awayazi nokuba mawuthini. Mhlawumbi wawunomsindo, uziva unetyala okanye usoyika. Inoba wawude uzibuze ukuba ikhona na into endisayiphilelayo.

Akukho nto imbi ngokuba buhlungu xa uswelekelwe. Loo nto ibonisa indlela obumthanda ngayo loo mntu uswelekileyo. Ngaba ikho into enokukunceda ukwazi ukunyamezela intlungu yokuswelekelwa?

BANCEDWE YINTONI ABANYE?

Xa intlungu yakho ibonakala ngathi soze iphele, mhlawumbi la macebiso anokukunceda:

SUKUYINGXAMELA UKUBA IPHELE INTLUNGU YAKHO

Abantu abayinyamezeli intlungu ngendlela efanayo, kwabanye ithatha ixesha. Sekunjalo, ukukhala kunokukunceda ukhuphe intlungu oyivayo. UVanessa ekuthethwe ngaye ngaphambili uthi: “Ndandisuke ndikhale nje kuba ndandifuna ukukhupha le ntlungu ndiyivayo.” USofía owaswelekelwa ngudade wabo uthi: “Ukucinga ngentlungu yam kubuhlungu nyhani, kufana nokuvasa inxeba, ekuqaleni kuba buhlungu kodwa kuyanceda.”

THETHA NGEZINTO OZICINGAYO NANGENTLUNGU YAKHO

Ngamanye amaxesha usenokufuna ukuba wedwa, iyenzeka loo nto. Kodwa kunzima ukuyinyamezela wedwa intlungu yokuswelekelwa. UJared oneminyaka eyi-17 nowaswelekelwa ngutata wakhe, uthi: “Ndandiye ndibaxelela abanye ngentlungu yam. Andiqondi ukuba yayivakala loo nto ndandiyithetha kodwa kwandinceda ukuthetha.” UJanice ekuthethwe ngaye kwinqaku lokuqala uthi: “Ukuthetha nabanye kwandithuthuzela nyhani. Kwakungathi bayandiqonda ibe ndandisiva ukuba andindedwa.”

VUMELA ABANTU BAKUNCEDE

Omnye ugqirha uthi: “Abantu abaswelekelweyo, abavumele abahlobo nezalamane ukuba zibancede, baye bayinyamezela bhetele intlungu yokuswelekelwa.” Ngoko, baxelele abahlobo bakho izinto ofuna bakuncede ngazo. Kusenokwenzeka ukuba bayafuna ukukunceda kodwa abazi ukuba bangakunceda njani.​—IMizekeliso 17:17.

SONDELA KUTHIXO

UTina uthi: “Xa umyeni wam wasweleka ngenxa yomhlaza, ndandingasakwazi ukuncokola naye, ngoko ndancokola noThixo! Suku ngalunye ndandimcela ukuba andincede ndikwazi ukunyamezela. UThixo wandinceda ngendlela endingazange ndayicinga.” UTarsha owaswelekelwa ngumama wakhe xa wayeneminyaka eyi-22 uthi: “Ukufunda iBhayibhile imihla ngemihla kwandinceda. Kwandinceda ndahlala ndicinga ngezinto ezindikhuthazayo.”

YIBA NOMBONO WAXA KUVUSWA UMNTU OMTHANDAYO

UTina uphinda athi: “Ekuqaleni yayingandithuthuzeli into yokuba umyeni wam uza kuvuswa, kuba mna noonyana bam sasimdinga nyhani ngela xesha. Kodwa ngoku sekudlule iminyaka emine eswelekile, ibe ndinethemba nyhani lokuba uza kuvuka. Sele iyinto endibambelele kuyo ngoku. Ukuba nombono waxa evuswa kuyandonwabisa ibe kundenza ndibe seluxolweni!”

Kusenokwenzeka ingakhawulezi iphele intlungu yakho. Sekunjalo amava kaVanessa angakunceda. Uthi, “Usenokucinga ukuba soze ude ube bhetele, kodwa kancinci kancinci uza kude ube bhetele.”

Nangona ungasoze uyeke ukuba buhlungu xa ucinga ngaloo mntu uswelekileyo, ungaze ubuncame ubomi. Ngoncedo lukaThixo, ungonwaba nabahlobo bakho uze uphile ubomi obunenjongo. Ibe kungekudala uThixo uza kubavusa abantu abaswelekileyo. Ufuna ube kunye nabo kwakhona ukuze intlungu esentliziyweni yakho iphele ngonaphakade!

Iivesi ZeBhayibhile Ezinokukunceda

UThixo uyayibona intlungu yakho.

Omnye umbhali weBhayibhile wathi kuThixo: “Iinyembezi zam zifake kwintsuba yakho. Ngaba azikho encwadini yakho?”​—INdumiso 56:8.

Mxelele uThixo intlungu yakho.

“Ndakuphalazela kuye [uThixo] ukuxhalaba kwam . . . Ndimemeze kuwe, Yehova,a ndicela uncedo.”​—INdumiso 142:2, 5.

Unganalo ithemba.

“Kuza kubakho uvuko.”​—IZenzo 24:15.

UThixo uthembisa ukuba uza kuvusa abantu abaninzi abaswelekayo ibe ingathi ayisafiki kuye loo mini.b​—Yobhi 14:14, 15.

a UYehova ligama likaThixo ngokutsho kweBhayibhile.

b Ukuze ufunde ezinye izinto ngokuvuswa kwabantu abaswelekileyo, jonga isifundo 30 sencwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! eyenziwe ngamaNgqina KaYehova ibe unokuyidawunlowuda ku-www.pr2711.com/xh.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share