INkundla Ephakamileyo Iyavuma Ukuthetha Ityala
KWIMINYAKA YAKUTSHANJE, nyaka ngamnye iNkundla Ephakamileyo iye yavuma ukuphinda ihlole amatyala amalunga nama-80 ukusa kuma-90 kwizicelo ezingaphezu kwama-7 000—nani elo lingaphezulu nje kancinane kwisi-1 ekhulwini!
NgoMeyi 2001, amaNgqina kaYehova enza iSicelo KwiNkundla Ephakamileyo Ukuba Iphinde Ihlole Ityala, yaye abuza athi: “Ngaba abalungiseleli bonqulo abenza umsebenzi osekelwe eZibhalweni owawusenziwa kwiinkulungwane ezadlulayo wokuncokola ngeenkolelo zabo kwindlu ngendlu, ngokomgaqo-siseko, bafana nabathengisi abafanele bathobele imiqathango echazwe ngasentla yokufumana imvume esemthethweni ngaphambi kokuba bathethe ngeBhayibhile okanye bahambise uncwadi olusekelwe eBhayibhileni ngaphandle kwentlawulo?”
Ngo-Oktobha 15, 2001, iWatchtower’s Legal Department yaxelelwa ukuba iNkundla Ephakamileyo yaseUnited States ivumile ukuphinda ihlole ityala iWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., et al. v. Village of Stratton et al.!
INkundla yavuma ukuthetha ityala elinokuthanani nombandela wenkululeko yokuthetha, oko kukuthi, enoba uMthetho Wokuqala Ohlaziyiweyo onika abantu inkululeko yokuthetha unika abantu ilungelo lokuba bathethe nabanye ngaphandle kokufumana imvume yasemthethweni kusini na.
Ngoko eli tyala laliza kuthethwa phambi kweejaji ezisithoba zeNkundla Ephakamileyo yaseUnited States. AmaNgqina ayeza kuba namagqwetha awo; neDolophana yaseStratton yayiza kuba namagqwetha ayo. Wawuza kuba yintoni umphumo wokuthethwa kweli tyala enkundleni?
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
NGUWUPHI UMTHETHO WOKUQALA OHLAZIYIWEYO?
“UMTHETHO I (UKUSEKWA KONQULO; INKULULEKO YONQULO, YOKUTHETHA, YOKUSASAZA IINDABA, YOKUHLANGANISANA, YOKUBONGOZA) IBhunga Lowiso-mthetho aliyi kwenza mthetho ngokuphathelele ukusekwa konqulo, okanye lithintele ukuqheliselwa kwalo ngokukhululekileyo; okanye linciphise inkululeko yokuthetha, okanye yokusasaza iindaba; okanye ilungelo labantu lokuhlanganisana ngoxolo, nelokubongoza uRhulumente ukuba alungise izikhalazo zabo.”—IThe U.S. Constitution.
“UMthetho Wokuqala Ohlaziyiweyo sisiseko senkqubo yedemokhrasi esetyenziswa eUnited States. UMthetho Wokuqala Ohlaziyiweyo awulivumeli iBhunga Lowiso-mthetho ukuba limisele imithetho ethintela inkululeko yokuthetha, yokusasaza iindaba, yokuhlanganisana ngoxolo okanye yokubongoza. Abantu abaninzi bagqala inkululeko yokuthetha njengeyona nkululeko ibalulekileyo naleyo isekelwe kuyo inkululeko ngokubanzi. UMthetho Wokuqala Ohlaziyiweyo awulivumeli iBhunga Lowiso-mthetho ukuba limisele imithetho yokusekwa konqulo lwesizwe okanye lithintele inkululeko yonqulo.” (The World Book Encyclopedia) Okubangel’ umdla kukuba, kwityala elibizwa ngokuba yiCantwell v. Connecticut, 310 U.S. 296 (1940), isigqibo esaba ngundaba-mlonyeni kwityala elalibandakanya amaNgqina kaYehova, iNkundla Ephakamileyo yaseUnited yawisa umthetho wokuba uMthetho Wokuqala Ohlaziyiweyo awuthinteli nje “iBhunga Lowiso-mthetho” (likarhulumente) kodwa ukwathintela namagunya asekuhlaleni (ibhunga ledolophu) ukuba angamiseli imithetho enokuphazamisana namalungelo abantu avumelana noMthetho Wokuqala Ohlaziyiweyo.
[Imifanekiso ekwiphepha 5]
La matyala abandakanya iindlela ezahlukahlukeneyo zomsebenzi wendlu ngendlu
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]
Photograph by Franz Jantzen, Collection of the Supreme Court of the United States