Amandla Oncumo
NANGONA luyinto yomzuzwana, unokuhlala ulukhumbula ubomi bakho bonke. Luxabisekile, kodwa akukho mntu ulihlwempu kangangokuba akanakukwazi ukulufikelela okanye akukho mntu unokungalufuni kuba esisityebi. Yintoni le sithetha ngayo? Luncumo.
Uncumo luvela xa kutsaleka izihlunu zobuso kuvele amehlo aqaqambileyo aze umntu atsho ngolugoso. Kwiiveki zokuqala luzelwe, usana luyancuma yaye oku kubavuyisa ngokwenene abazali balo. Oku kuncuma kosana kwiiveki zokuqala kuthiwa luncumo lwemvelo, okanye luncumo oluzenzekelayo. Iingcali zithi usana ludla ngokuncuma xa luphupha yaye kubonakala ngathi olu ncumo lunento yokwenza nendlela oluvakalelwa ngayo usana noko kusengqondweni yalo. Nokuba sesibadala, olu ncumo lwemvelo lusenokubonakala emva kwesidlo okanye xa siphulaphule umculo.
Noko ke, luthi usana lwakuba malunga neeveki ezintandathu ubudala, luncume xa lubona umntu okanye lusiva ilizwi. Enoba singabantwana okanye sibadala, ukubona ‘umntu oncumileyo’—enoba luncumo lwendalo okanye lulonwabo—oko kuyasivuyisa. Kuthiwa olu ncumo luyingenelo nakwimpilo yethu. Ngokutsho koogqirha abanceda abantu abanengxaki yokuthetha uMirtha Manno noRubén Delauro, abangabaphathi kwiziko lokunceda abantu baphucule impilo ngokuncuma ekuthiwa yiSmiling and Health, bathi ukuncuma kuhlaziya idlala elisengqondweni elibizwa ngokuba yipituitary gland. Lona eli dlala, likhupha iiendorphins, imichiza esengqondweni esibangela sizive sonwabile.
Enye into ebalulekileyo ngoncumo yimpembelelo entle oluba nayo kwabanye. Uncumo olunyanisekileyo luchaza indlela esivakalelwa ngayo singakhange sikhuphe nelimdaka, enoba luncumo lokubulisa, lovelwano okanye lokhuthazo. Maxa wambi, ukujonga nje ifoto enomntwana oncumileyo, kungakwenza uncume.
Xa ubona umntu ekuncumela ngobuhlobo unokuziva ukhululekile yaye oko kunokukunceda ukwazi ukuhlangabezana nezinto ezikukhathazayo okanye iingxaki zobomi. IBhayibhile ithi: “Musa ukwala nokulungileyo kwabo kuselungelweni labo ukukufumana, xa kusemandleni esandla sakho ukukwenza.” (IMizekeliso 3:27) Ewe, ngokuncuma nje unokungenelwa kuze kungenelwe nabanye. Kutheni ungenzi umgudu ukuze wabelane nabanye ngesi sipho sixabisekileyo—uncumo lobuhlobo?