Amahlathi Ashinyeneyo—Ngaba Anokusindiswa?
NGUMBHALI KAVUKANI! EBOLIVIA
URAMIRO unomhlaba oyintlambo enehlathi elishinyeneyo.a Le ntlambo ikwincam yeeNtaba zeAndes kuMzantsi Merika yaye yenye yeendawo ezimbalwa esenemithi yamandulo kuloo ngingqi. Onke amahlathi ayekho kwiintaba ezingqonge le ntlambo agawulwa aphela. Izazinzulu ziye zahamba imigama emide zize kufunda ngezinto eziphila kwihlathi likaRamiro, yaye ziye zafumana izityalo nemithi ekungazange kwakha kwathethwa ngayo ngaphambili. URamiro uzimisele ukulondoloza indalo. Uthi: “Akukho mntu uya kuze agawule mthi kweli lam ihlathi.”
URoberto yena ngumphathi wehlathi elishinyeneyo elikumazantsi eAmazon yaye elo hlathi zizikwekhilomitha ezingama-5 600 ubukhulu. Ngumlimi wamahlathi ophum’ izandla yaye utyala imithi aze ayithengise ehlabathini lonke. Naye uRoberto uzimisele ukulondoloza amahlathi ashinyeneyo nezinto eziphila kuwo. Uthi: “Amahlathi ashinyeneyo anokugawulwa ngaphandle kokonakalisa izinto eziphila kuwo.”
Nangona iimeko zabo zingafani, uRamiro noRoberto banenkxalabo enzulu ngekamva lamahlathi ashinyeneyo. Asingabo bodwa abaxhalabileyo. Kumashumi eminyaka adluleyo kuye kwanda ngendlela eyothusayo ukutshatyalaliswa kwamahlathi ashinyeneyo.
Ngaba abantu bazixhalabise ngokungeyomfuneko? Kwiinkulungwane ezidluleyo, abantu baye bawagawula amahlathi kwimimandla enemozulu epholileyo besenzela ukuba babe nendawo yokulima. Ngoko ke yintoni exhalabisayo xa ngoku nabantu abahlala kwimimandla yeeTropiki besenza okufanayo? Isizathu kukuba imeko yabo yahlukile kakhulu. Ngokomzekelo, amahlathi ashinyeneyo adla ngokukhula kumhlaba ongachumanga. Kwakhona, zininzi kakhulu izityalo nezilwanyana eziphila kumahlathi ashinyeneyo yaye ukutshatyalaliswa kwala mahlathi kuchaphazela wonke umntu.
Ilahleko Ebangelwa Kukutshatyalaliswa Kwamahlathi
Kwiintlobo ngeentlobo zezidalwa, zingaphezu kwesiqingatha eziphila kumahlathi ashinyeneyo. Ezi zidalwa ziquka iinkawu, amahlosi, iintlobo zobulembu ezingaqhelekanga, ii-orchids, iinyoka, amasele, amabhabhathane angaqhelekanga nezikhwenene—kungatshon’ ilanga ukuba singazibala zonke izinto eziphila kula mahlathi.
Zininzi izinto eziphila kumahlathi ashinyeneyo. Amanye ala mahlathi akhula ezintabeni, amanye asoloko emnyama ngenxa yokuba akungeni kukhanya kuwo, amanye akhula kwiindawo eziba nembalela ixesha elide ize loo mbalela ilandelwe zizandyondyo zemvula, ukanti amanye ala mahlathi awashinyene kangako. Noko ke, inkoliso yabantu ayizange ikhe ityelele kumahlathi ashinyeneyo. Mhlawumbi nawe akuzange ukhe uye kuwo. Yintoni ke enokubangela ukuba uzixhalabise ngawo?
Ukulondolozwa kwala mahlathi kubalulekile kuba izityalo eziyingenelo ebantwini, ezenza ingeniso kwezoqoqosho nabaxhomekeke kuzo abantu, ngandlel’ ithile zixhomekeke kumahlathi ashinyeneyo. Izityalo zasendle zakudala ziyasetyenziswa xa kuveliswe izityalo ezitsha ezikwaziyo ukumelana nezifo nezinambuzane. Ngoko ke, zonke iintlobo zezityalo zasendle zibalulekile.
Kwakhona, abaphandi benza izinto ezininzi ezintsha ngezityalo ezikhula kumahlathi ashinyeneyo. Ngokomzekelo, amayeza amaninzi asetyenziswayo ngoku enziwe ngezityalo ezikhula kula mahlathi. Ngoko ke, amahlathi ashinyeneyo adla ngokufaniswa nethala leencwadi apho inkoliso “yeencwadi” ingazange ikhe ivulwe.
Ukuthungelana Kwezinto Eziphila Kula Mahlathi
Imekobume yamahlathi ashinyeneyo iethe-ethe yaye kunzima ukuyiqonda. Ubomi bezinto eziphila kula mahlathi buyathungelana. Ngokomzekelo, ukusasazwa komungu nembewu yezityalo ezininzi kuxhomekeke kwiintaka, kwizinambuzane okanye kwizilwanyana ezithile. Ngenxa yoku kuthungelana kwezinto, zonke izinto eziphila kula mahlathi, kuquka izityalo, izilwanyana, izinambuzane nezinto ezincinane ezingenakubonwa ngeliso lenyama, ziyila umjikelo obalulekileyo. Okumangalisayo kukuba, amahlathi ashinyeneyo, apho oku kuthungelana kwezinto kwenzeka khona, adla ngokukhula kumhlaba ongachumanga. Ukuba le nkqubo yokuthungelana kwezinto inokuphazanyiswa, la mahlathi asenokungaze abuyele kwimeko yawo eqhelekileyo.
Ukuze baziphilise, abantu abaninzi baxhomekeke kumahlathi ashinyeneyo. La mahlathi akaphelelanga nje ekubeni yindawo yokwenza uphando nendawo etsala abakhenkethi, kodwa abalulekile nakwezoqoqosho ngenxa yokuba kuwo kufumaneka imithi, amandongomane, ubusi, ii-palm hearts, irabha nentlaka. Kodwa amahlathi ashinyeneyo atshatyalaliswa ngesantya esiphezulu. Abaninzi bathi ayikho loo nto, kodwa inyaniso engenakuphikwa yile: Amahlathi ashinyeneyo ayaphela.
Eyona nto ibangela ukuba oku kutshatyalaliswa kwendalo kube buhlungu kukuba la mahlathi adla ngokutshatyalaliswa kujongwe nje iingenelo zokwexeshana. Amahlathi amaninzi aye agawulwa kulungiselelwa ukuba iinkomo zibe nendawo yokutya. Noko ke, ekuhambeni kwexesha kuye kungakhuli ngca kwezo ndawo zigawuliweyo yaye abantu badla ngokufuduka bazishiye. Kuthiwa kwindawo ebizwa ngokuba yi-Amazonia eBrazil, umhlaba ozizikwekhilomitha ezili-165 000 uye washiywa ngale ndlela.
Ngaba likho ithemba ngamahlathi ashinyeneyo nezinto eziphila kuwo? URamiro, uRoberto nabanye abantu abaninzi bazimisele ukukhusela amahlathi ashinyeneyo koosomashishini abavela kumazwe awahlukahlukeneyo, kwiingxaki ezibangelwa kukwanda kwabemi, kubazingeli nakubantu abagawula imithi ngokungekho mthethweni. Kodwa siyintoni ngokwenene isizekabani sokutshatyalaliswa kwala mahlathi? Ngaba amahlathi ashinyeneyo anokugawulwa ngaphandle kokuwonakalisa?
[Umbhalo osemazantsi]
a Amahlathi ashinyeneyo adla ngokukhula kwimimandla ephakame kangangeemitha ezili-1 000.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 19]
Ehlabathini lonke, inkoliso yezilwanyana nezityalo ezahlukahlukeneyo iphila kumahlathi ashinyeneyo
[Imifanekiso ekwiphepha 20, 21]
Abagawuli neendlela abazivulayo, zinokudala umonakalo ongathethekiyo kumahlathi ashinyeneyo