Emva Kogqabhuko-dubulo
NGUMBHALI KAVUKANI! E-ECUADOR
IMINI yangoNovemba 20, 2002, yayizole nasebukhweni bezinja kwisixeko saseRiobamba esise-Ecuador. Izulu lalityhilile, kuthe gqaba gqaba ngamafu phayaa naphaya. Iintaba ezikufutshane apho nezithiwe wambu likhephu zazisithi ndifote. Abantu abali-124 000 ababehlala apho, malunga neemitha ezingama-2 700 ngaphezu komphakamo wolwandle kwiiNtaba zeAndes, babeziphilela njengesiqhelo, bengayilindele nakancinane into yokuba elaloo mini liya kutshona sele kukrakra okwencindi yekhala. Akuzange kube kudala, ngaloo mvakwemini izolileyo, kwatsho ugqabhuko-dubulo olwabetha kwee nzwii iindlebe! Kwagungqa zifestile kwashukuma nemigangatho. Kwakhawuleza kwee granga ilangatye eloyikekayo.
Ngemizuzu nje elishumi kwatsho olunye ugqabhuko-dubulo, olwalandelwa sisivondoviya somoya, esakroboza iifestile sancothula iingcango. Kwenyuka elinye ilangatye elingqindilili, elafika laligqumelela elo lokuqala. Ngoku zazisele zithontelana izithonga zogqabhuko-dubulo.
UJosé nenkosikazi yakhe uAna—abangamaNgqina kaYehova—bakwiminyaka engama-60 ubudala yaye bahlala malunga neemitha ezingama-400 ukusuka kummandla wentlekele. Isithonga sogqabhuko-dubulo sabalahla phantsi. UAna wayemi ngakucango olungaphambili, olwancothukayo lwaya kubetheka eludongeni. Njengoko esi sibini singcangcazelayo luloyiko sasibaleka sisiya kuphuma ngasemva emzini waso, sawelwa yisilingi. Ngandlel’ ithile bakwazi ukuphuma baye ngakwikona esemva kwendlu, apho bafika bazimela khona baza baqalisa ukuthandaza. Okuvuyisayo kukuba, kwimizuzu eli-15 kamva unyana wabo wafika ngenqwelo-mafutha waza wabasa kwindawo ekhuselekileyo.
Okubuhlungu kukuba, asinguye wonke umntu owasinda ngolo hlobo. Oko kuqhushumba kwabaphakuzelisa abantu. Abaninzi babaleka ngeenyawo. Kwezo zikhalo nemikhwazo, abanye batyibilika baza bawa phezu kweengceba zeglasi ezazisecaleni kwendlela. Iinqwelo-mafutha, iibhasi neelori zaphuma zihamba ngamacala kweso sixeko ngesantya esiphezulu ngendlela engathethekiyo, ezinye zikhawulela iinqwelo-mafutha eziza ngaphambili kwezo zitrato zicutheneyo! Abaninzi ababebaleke bephuma ezikolweni nasemisebenzini bahlala malunga neeyure ezingama-24 bengazi ukuba ziphila njani iintsapho zabo nendawo ezikuyo.
Wawubangelwa yintoni lo mbhodamo? Umlilo owavela kwindawo yokugcina izixhobo engaphantsi komhlaba kwinkampu yomkhosi ekude kufuphi wabangela uthotho lwezithonga zokudubula kweziqhushumbisi neembumbulu zeenkanunu nezemortar. Njengoko zaziqhushumba, amapolisa awayehamba ngeenqwelo-mafutha ezinezandisi-lizwi axelela wonke umntu ukuba emke kweso sixeko aye kuma kumgama omalunga neekhilomitha ezili-15.
Akuzange kube kudala, kwakhal’ ibhungane eRiobamba. Amawakawaka abemi balapho ayezalise uhola wendlela ongaphandle kweso sixeko, esisiqhu kwingqele yobo busuku eqhaqhazelis’ amazinyo—uninzi lwawo lungenazidyasi okanye iibhatyi. Ekugqibeleni emva kweeyure eziliqela, oko kuqhushumba kwaqalisa ukudamba. Betswikilwa yingqele eqhaqhazelis’ amazinyo, abemi balapho ngobulumko babuyela ngasesixekweni. Kuthe kwakusa ngemini elandelayo, abaninzi bafumanisa ukuba kwenzeke umonakalo omkhulu kwiifestile, iingcango amaphahla, iisilingi neendonga zamakhaya abo. Enye intsapho yafumana iingceba zeglasi ezifana nemela zingene zaphelela koomatrasi. Kanti ezinye zazifumana iingceba zeziqhushumbisi ngaphakathi nangaphandle kwezindlu.
Ingxelo ezakhutshwa ekuqaleni zadiza ukuba kufe abantu abasi-7, kwenzakala abangama-583, kwaza konakaliswa amakhaya ali-18 000. KumaNgqina kaYehova angama-950 kuloo mmandla, akukho nokuba libe linye elafayo, nakuba amabini kwafuneka anyangwe ngenxa yokusikwa ziiglasi.
Ukunceda Amaxhoba Ale Ntlekele
Ngentsasa elandela oko kuqhushumba, abadala bamabandla alapho amaNgqina kaYehova batyelela abazalwana babo abangamaKristu ukuze babone ukuba basaphila kusini na. Kamva ngaloo mini umlungiseleli ohambahambayo wamaNgqina kaYehova wahlanganisana nabadala bamabandla ali-13 alapho nangabamelwane ngenjongo yokuhlola umonakalo nenani labenzakeleyo. Wakhuthaza abo badala ukuba babanyamekele ngokweemvakalelo nangokomoya abo basindileyo. Kwakubaluleke gqitha ukuya kwiintlanganiso zamaKristu, nakuba iimeko zazimaxongo ngolo hlobo! (Hebhere 10:24, 25) Ngenxa yoko, amabandla alapho aqhuba iintlanganiso eziqhelekileyo ngobusuku obulandela loo ntlekele.
NgoLwesine nangoLwesihlanu, kwabhalwa ingxelo eneenkcukacha, ephathelele umonakalo owenzeka kumakhaya amaNgqina yaza yathunyelwa kwiofisi yawo yesebe eseGuayaquil. Le ngxelo yachaza imfuneko engxamisekileyo yokungcitywa kweefestile ezaphukileyo kumakhulukhulu amakhaya ukuze kukhuselwe abantu engqeleni. Kwisithuba nje seeyure, iofisi yesebe yathenga izixwexwe zeplastiki, iteyipu yokuncamathisela nezikhonkwane zokomeleza ikonkile, izinto nje zokubambisa.
Ilori eyayisuka kwiofisi yesebe yafika ngeyesi-9:00 kusasa ngoMgqibelo ithwele ezo zinto. Amaqela amadoda namabhinqa angamaNgqina ayesele esebenza encedisa amanye ukususa iiglasi ezaphukileyo kumakhaya awo ukuze kuqaliswe ukufakelwa kwezo plastiki. Lo msebenzi wawusalathiswa kwiHolo yoBukumkani yalapho. Imilinganiselo yeeplastiki ezifunekayo yayizotywa emgangathweni ukuze kube lula ukusikwa kwezo plastiki. Kusetyenziswa imilinganiselo eyayize nabo babeze kunceda, kwasikwa iiplastiki ezinkulu ngokwaneleyo zaza zathunyelwa kwabo babeza kuzifakela nababesele belindile.
UJosé, ekuthethwe ngaye ngaphambilana uthi: “Sakufika ekhayeni lethu ngemvakwemini esemva kwaleyo yoko kuqhushumba, abazalwana babesele belapho besusa ingqushu. NgoMgqibelo ummelwane wam weza kuncoma umsebenzi omhle owenziweyo wokufakelwa kweeplastiki ekhayeni lam waza wandibuza, ‘Ubize malini wonke lo msebenzi?’” Hayi indlela awasala emangaliswe ngayo lo mmelwane esakuva ukuba yonke loo nto yayenziwe simahla!
Ngokuhlwa ngoMgqibelo, amatsha-ntliziyo amalunga nama-200 avela kumabandla alapho ayesele ezingcibile iifestile zamakhaya amaNgqina angama-91. Nabaninzi abangengomaNgqina bangenelwa. Iphephandaba lalapho lalinomfanekiso wendlu eyalungiswa ngamaNgqina, yaye lachaza ukuba mnye kuphela umntu owayeliNgqina likaYehova kubantu abasibhozo ababehlala apho.
Baxhaswa Nangokweemvakalelo
Oku kuqhushumba kwabangela uxinezeleko ngokweemvakalelo. Ngenjongo yokuthuthuzela amaNgqina alapho, kwenziwa amalungiselelo entlanganiso ekhethekileyo, eyayiza kuba ngoMvulo, ngoNovemba 25, ngeyesihlanu ukutshona kwelanga. Yayiza kuqhutywa ngabameli beofisi yesebe yalapho. Ngenxa yokungabikho kombane, le ntlanganiso yayingenakuqhutywa ebusuku. Ekubeni ixesha lale ntlanganiso lalingenakubalungela abanye, kwakulindeleke ukuba kubekho nje abantu abangama-600. Kodwa kwakukho abantu abali-1 421 kwiHolo yeNdibano yaseRiobamba, phakathi kwabo kukho abamelwane abangengomaNgqina! Umxholo wolo cwangciso wawusekelwe kwiNdumiso 4:8 ethi: “Xa kukho uxolo ndiya kungqengqa ndize ndilale ngoxolo, kuba nguwe wedwa, Yehova, ondenza ndihlale ndinqabisekile.” Bonke ababelapho babulela gqitha ngale nkqubo yokomoya ithuthuzelayo.
Amakhulukhulu emibhalo yenqaku likaVukani! elinomxholo othi “Iintlekele Zokwemvelo—Ukunceda Umntwana Wakho Ahlangabezane Nazo” (Julayi 8, 1996) anikwa abazali emva kolo cwangciso. Esinye isiqendu selo nqaku sithi:
“IU.S. Federal Emergency Management Agency (FEMA) ithi ngokukhawuleza nje emva kwentlekele, abantwana ngokuqhelekileyo baba noloyiko lokuba (1) baya kusala bengamakheswa, (2) baya kwahlukaniswa nentsapho, (3) esi siganeko siya kwenzeka kwakhona, yaye (4) uthile uya kwenzakala okanye afe.” Ngokusekelwe kweli nqaku, abazali babongozwa ukuba:
1. Bazame ukuyigcina indawonye intsapho.
2. Bazinike ixesha lokucacisa le meko ngokuzolileyo.
3. Bakhuthaze abantwana ukuba bathethe.
4. Baquke abantwana kumsebenzi wokucoca.
Imibhalo eseleyo yeli nqaku likaVukani! yaphinda yanikwa abamelwane nezifundo zeBhayibhile.
Kwiiveki ezintathu emva kolo gqabhuko-dubulo, kwathengwa izixhobo zokulungiswa kwalo makhaya ngokupheleleyo kuquka ukufakelwa kweefestile ezintsha, iisilingi namaphahla. Kwiiveki ezintathu ezalandelayo, lo msebenzi wawusele ugqityiwe, kugqitywe nokulungiswa kweeHolo zoBukumkani ezimbini. Ayesiwa ngokuwa amazwi ombulelo ngenxa yolu ncedo lobubele.
Iintlekele ezahlukahlukeneyo zixhaphakile kule “mihla yokugqibela.” (2 Timoti 3:1-5) Noko ke, indlela amaNgqina kaYehova axhasana ngayo, nendlela abaxhasa ngayo abamelwane bawo inikela ubungqina bamandla obuKristu bokwenyaniso. UJosé wayibeka kakuhle le nto xa wathi: “Intlangano kaYehova ayilibazisi ekusincedeni xa siswele.”
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
AmaNgqina amalunga nama-200 azinikela ukuba acoce. Kwalinganiswa iifestile ezintsha, zasikwa zaza zafakwa. Kwafakelwa amaphahla amatsha