IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g04 6/8 iphe. 8-11
  • Xa Kungayi Kuphinda Kubekho Mntu Ulilolo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Xa Kungayi Kuphinda Kubekho Mntu Ulilolo
  • Vukani!—2004
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UYehova Uyabaxhasa Abangamalolo
  • Indoda Enovelwano Olunzulu
  • ILizwi LikaYehova Linokusinceda Soyise Ubulolo
  • Xa Kungayi Kubakho Mntu Uthi “Ndililolo”
  • Musa Ukuvumela Ubulolo Bonakalise Ubomi Bakho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Ngaba Ukhe Uzive Uwedwa Kwaye Usoyika?
    Fundisa Abantwana Bakho
  • Ngaba Ukhe Uzive Ulilolo Kwaye Usoyika?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Xa Unesithukuthezi
    Vukani!—2015
Khangela Okunye
Vukani!—2004
g04 6/8 iphe. 8-11

Xa Kungayi Kuphinda Kubekho Mntu Ulilolo

INGXELO ekwiGenesis 2:18 ithi ekudalweni komntu wokuqala, “wahlabela mgama ke uYehova uThixo wathi: ‘Akulungile ukuba umntu aqhubeke eyedwa. Ndiza kumenzela umncedi oza kuba ngumphelelisi wakhe.’” Abantu badalelwa ukuba babe ndawonye yaye baxhomekeke omnye komnye.

Oyena Mhlobo wokwenene sinokuba naye nguYehova uThixo. Umpostile uPawulos ubhekisela kuYehova ‘njengoBawo onenceba noThixo wentuthuzelo yonke, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu.’ (2 Korinte 1:3, 4) UYehova uba buhlungu xa omnye wabakhonzi bakhe ebandezeleka. UnguThixo onovelwano. “Yena uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” (INdumiso 103:14) Ngaba akuziva utsalelekile kuYehova uThixo, unombulelo ngenxa yenyameko yakhe enothando, ububele nokuqonda?

UYehova Uyabaxhasa Abangamalolo

Mandulo kwakubakho izihlandlo abakhonzi abaninzi bakaThixo ababeye bazive bengamalolo ngazo. Kubo, uYehova wayesiba ngumthombo wenkxaso nentuthuzelo. Ngokomzekelo, cinga ngoYeremiya owabizwa eselula ukuba abe ngumprofeti. Kubabhali beZibhalo abangama-40, mhlawumbi uYeremiya ngoyena uthetha kakhulu ngeemvakalelo zakhe. Ekunikweni kwakhe isabelo sokuqala nguThixo, wangenwa yintaka yaye waziva engafanelekanga. (Yeremiya 1:6) Ukuze akwazi ukuphumeza eso sabelo, kwafuneka athembele ngoYehova ngokupheleleyo. Eneneni, uYehova wayekunye naye “njengalowo unamandla ngokunkwantyisayo.”—Yeremiya 1:18, 19; 20:11.

Malunga neminyaka engama-300 ngaphambi kwexesha likaYeremiya, xa uKumkanikazi uIzebhele weva ukuba abaprofeti bakhe bakaBhahali bafile wafunga ukuba uza kumbulala uEliya. UEliya wabaleka umgama omalunga neekhilomitha ezingama-450 waya eHorebhe kuSingasiqithi weSinayi. Akufika apho wangena emqolombeni walala apho, yaye uYehova uThixo wambuza lo mbuzo: “Uyintoni na apha, Eliya?” UEliya wachaza ukuba wayevakalelwa kukuba nguye yedwa umnquli kaYehova kulo lonke elakwaSirayeli yaye nguye yedwa umprofeti oseleyo onenzondelelo ngenkonzo kaThixo. UYehova wamqinisekisa ukuba akayedwa. UYehova wayenaye yaye kwakukho namanye amaSirayeli angama-7 000 awayekunye noEliya, nangona yena wayengakwazi oko. UYehova wamthuthuzela uEliya wakha nokholo lwakhe. Wachukumisa intliziyo kaEliya, emkhuthaza lo mprofeti ukuba angasishiyi isabelo sakhe. (1 Kumkani 19:4, 9-12, 15-18) Ukuba nathi njengoEliya siziva singamalolo okanye singento yanto, sinokuthandaza kuYehova ukuba asomeleze. Kanjalo, ngokusebenzisa ingqiqo, abadala abangamaKristu banokubathuthuzela abathembekileyo, babancede babone indima yabo ekuphunyezweni kwenjongo kaThixo.—1 Tesalonika 5:14.

Ngokusuka kule mizekelo, sinokubona ukuba uYehova ukulungele ukubaxhasa nokubathuthuzela ngothando abo bangamalolo. Ewe, “uYehova uya kuba yindawo ephakamileyo enqabisekileyo kuye nabani na otyunyuziweyo, indawo ephakamileyo enqabisekileyo ngamaxesha okubandezeleka.”—INdumiso 9:9; 46:1; Nahum 1:7.

Indoda Enovelwano Olunzulu

UYesu Kristu ngumzekelo omhle ekuxeliseni uYehova ngendlela elungeleleneyo. ULuka uchaza indlela awasabela ngayo uYesu xa wadibana nabantu ababesiya kungcwaba kwisixeko saseNayin: “Nanko kuthwalelwa umntu ofileyo ngaphandle, unyana okuphela kozelweyo ngunina. . . . Yathi yakumbona iNkosi, yaba nosizi ngaye, yaza yathi kuye: ‘Musa ukulila.’ Yasondela, yachukumisa ithala, baza bema ngxi abo babethwele, yathi: ‘Mfana, ndithi kuwe, Vuka!’ Wavuka umfi wahlala nkqo waza wathetha, wandula ke wamnikela kunina.” (Luka 7:12-15) UYesu wayechukumisekile. Wayeyindoda enovelwano. Khawucinge ngovuyo awaba nalo lo mhlolokazi ulilolo xa uYesu wavusa unyana wakhe! Wayeka ukuba lilolo.

Sinokuqiniseka ukuba uYesu “uyavelana nobuthathaka bethu.” Ngokuqinisekileyo, uyavelana nabantu abangamalolo kodwa bengamalungisa. Eneneni, ngaye ‘sinokuzuza inceba, sifumane ububele obungasifanelanga noncedo ngexesha elifanelekileyo.’ (Hebhere 4:15, 16) Xa sixelisa uYesu, nathi sinokuhlakulela ukuba novelwano ngabo basentlungwini, babandezelekileyo nabangamalolo. Xa sinceda abanye, asiyi kufane sibe ngamalolo. Kodwa ikho enye indlela esinokufumana uncedo ngayo ukuze soyise ubulolo.

ILizwi LikaYehova Linokusinceda Soyise Ubulolo

Abaninzi baye bafumanisa ukuba ‘ngentuthuzelo yeZibhalo sinethemba.’ ILizwi likaThixo lizele ziziluleko ezinokusinceda soyise ubulolo. (Roma 15:4; INdumiso 32:8) Ngokomzekelo, iLizwi likaThixo liyasibongoza ukuba ‘singazicingeli ngaphezu koko simelwe kukuzicingela ngako.’ (Roma 12:3) Ukuze sikwazi ukusebenzisa eli cebiso, kusenokufuneka sitshintshe indlela esicinga ngayo. Ukuthobeka nokuthozama—ukuba nembono efanelekileyo ngeentsilelo zethu—ngokuqinisekileyo kuya kusinceda silungelelane size sibe nolindelo olusengqiqweni. ILizwi likaThixo liyasiluleka ukuba sihlakulele ukuba nomnqweno onyanisekileyo ngabanye. (Filipi 2:4) Oku kuyingenelo macala. Njengoko usenza umgudu wokubonakalisa umdla kwabanye, nabo baya kwenza okufanayo kuwe. Olu lwalamano luhle luyanceda ekupheliseni ubulolo yaye lusenza sibe nenjongo ebomini.

IBhayibhile iyasikhuthaza thina maKristu ukuba “singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye.” (Hebhere 10:24, 25) Ngoko, simele sibandakanyeke kwimisebenzi eyakhayo, njengokuya rhoqo kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova. Ngokungathandabuzekiyo, iintlanganiso zamaKristu zinokuba yingenelo kwimpilo yethu yokomoya, zinokusihlaziya yaye zinokuba yingenelo nakwimpilo-ntle yethu. Ukuthetha nabanye ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo ngumsebenzi esinokuzixakekisa ngawo oyingenelo nonandiphekayo. Kugcina iingqondo zethu zijoliswe kwizinto ezifanelekileyo, komeleza ukholo lwethu yaye kulondoloza nethemba lethu.—Efese 6:14-17.

Sondela kuYehova ngomthandazo. UDavide wabongoza: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa.” (INdumiso 55:22) Xa ufundisisa iLizwi likaThixo uya kuziva wonwabile. (INdumiso 1:1-3) Xa uziva ulilolo, camngca ngenyameko kaYehova enothando echazwe eLizwini lakhe. Umdumisi wabhala wenjenje: “Umphefumlo wam ubunamathele eluthulini. Ndigcine ndiphila ngokwelizwi lakho.”—INdumiso 119:25.

Xa Kungayi Kubakho Mntu Uthi “Ndililolo”

UYehova uThixo usithembisa ngehlabathi elitsha apho kungayi kubakho bantu banexhala, banxungupheleyo nabadandathekileyo. IBhayibhile ithi: “Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.” (ISityhilelo 21:4) Ewe, izinto zangaphambili eziza kudlula ziquka izinto ezisithwaxayo namhlanje, iintlungu zomzimba, ukuphazamiseka engqondweni nokubandezeleka.

Ihlabathi liya kuzaliswa ngabantu abanobubele abaya kwenza ubomi bethu bube nentsingiselo ngakumbi. Esebenzisa uBukumkani bakhe basezulwini obuphantsi koYesu Kristu, uYehova uya kubuphelisa ngonaphakade ubulolo. Uya kuzisa izinto ezintsha nezimangalisayo esiya kuzenza kumhlaba oyiparadesi. Luza kufika kungekudala usuku esingayi kuphinda sithi, “Ndililolo.”

[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]

Xa sifumana inkxaso kaYehova asiyi kuziva singamalolo, kwanaxa sisodwa

[Imifanekiso ekwiphepha 10]

Yintoni esiyifundayo kwiingxelo zeBhayibhile ezithetha ngoYeremiya noEliya?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share