IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 1/8 iphe. 19
  • Ukuzikhathaza Ngokugqithiseleyo Ngobuhle

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuzikhathaza Ngokugqithiseleyo Ngobuhle
  • Vukani!—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • Uyifumene Injongo Yobomi
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015
  • “Ndalwa Njengengonyama”
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015
  • Iingozi Zokufuna Ubuhle
    Vukani!—2005
  • Xa Unyamezela Iimvavanyo Uyasikelelwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
Khangela Okunye
Vukani!—2005
g05 1/8 iphe. 19

Ukuzikhathaza Ngokugqithiseleyo Ngobuhle

UMARIAa libhinqa eliselula, eliphumelelayo ebomini yaye ulilungu lentsapho ethandekayo. Sekunjalo akonwabanga. Ngoba? Akanelisekanga yinkangeleko yakhe. Nangona kowabo bezama ukumkhuthaza, uMaria uvakalelwa kukuba akakho mhle kwaphela yaye iyamdandathekisa loo nto.

UJosé lilungu lentsapho ehlonelwayo yaye ubonakala enezizathu ezininzi zokonwaba. Kodwa uvakalelwa kukuba soze afumane qabane. Ngoba? UJosé uvakalelwa kukuba akakho mhle, eneneni uvakalelwa kukuba ungxathu. Weyisekile kukuba akukho bhinqa lifanelekileyo linokutsaleleka kuye.

ULuis oneminyaka esibhozo ubudala uyakuthanda ukuya esikolweni yaye uyakunandipha kakhulu ukuba kunye nabantu. Uyakuthanda ukudlala nabanye abantwana afunda nabo kodwa udla ngokukhala kuba bayamhleka. Bathi utyebile.

Aba bantu sithethe ngabo asikokuphela kwabo. Ukuba sithi ingxaki kaMaria, uJosé noLuis kukuzeya, siya kuba sizithabatha lula izinto. Inyaniso kukuba, akukho mntu uthanda ukucalucalulwa ngenxa yenkangeleko yakhe.

Noko ke, abantu abaninzi babalaselisa kakhulu inkangeleko yangaphandle. Eneneni, kudla ngokubonakala ngathi impumelelo ixhomekeke kwinkangeleko yomntu. Ngokomzekelo, kubonakala ngathi abona bantu bahle ngabona kulula ukuba bafumane umsebenzi. UPilar Muriedas, omnye wabaphathi kwiLatin-American and Caribbean Women’s Health Network, uthi, kumabhinqa, “ubuhle yenye yezinto ezibalulekileyo ukuze aphumelele.” Ngokutsho kukaGqr. Laura Martínez, amabhinqa azi kakuhle ukuba “inkangeleko ibaluleke kakhulu ekufumaneni ingqesho.”

Kakade ke, namadoda amaninzi athe phithi kukuba nemizimba “emihle”. Eneneni, abantu abaninzi, amadoda namabhinqa bazilahla nofele ngenxa nje yokufuna ubuhle bade bangatyi nokutya okanye basebenzise iindlela zonyango ezibuhlungu ukuze babe bahle ebusweni okanye babe neyona mizimba mihle. Ngaba le mizamo yokufuna ubuhle iyingenelo? Ngaba kukho iingozi ezibandakanyekileyo?

[Umbhalo osemazantsi]

a Asingomagama abo la.

[Umfanekiso okwiphepha 19]

Inkangeleko inokuchaphazela amathuba okuxhamla okuthile

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share