Ukuba Nekhaya Elicocekileyo—Igalelo Esinalo Sonke
Umbhali kaVukani! eMexico
KUYAVUYISA ukuhlala kwindawo ecocekileyo! Phofu ke, ngenxa yokwanda kwenkunkuma ezidolophini, kusenokuba nzima ngakumbi ukugcina ikhaya nommandla osingqongileyo ucocekile kwaye ubeth’ umoya.
Umasipala uyazama ukugcina izitrato zicocekile ngokwenza ilungiselelo lokuthuthwa kwenkunkuma, kodwa sekunjalo, inkunkuma iyafumba kwezinye iindawo nto leyo engabukekiyo nebeka impilo yabantu ngokubanzi engozini. Ukufunjwa kwenkunkuma kusenokubangela ukwanda kweempuku, amaphela, nemibungu enokusiphathela izifo. Ngaba ikho into onokuyenza ngale meko? Ewe into onokuyenza, kukugcina ikhaya lakho licocekile yaye libeth’ umoya.
Isimo Sengqondo Esihle
Abanye abantu bacinga ukuba imimandla ehlala abantu abahlwempuzekileyo ayinakukwazi ukucoceka. Noko ke, oko akunjalo. Kuyavunywa ukuba, ukungabi nazinto kusenokwenza kube nzima ngakumbi ukugcina indawo esihlala kuyo icocekile. Kodwa, njengokutsho kweqhalo lesiSpanish, ubuhlwempu nokucoceka azingqubani. Kwelinye icala, isibakala sokuba umntu esenokuba nezinto ezaneleyo zokucoca ayisosiqinisekiso sokuba uya kuyigcina icocekile indawo ahlala kuyo.
Ukucoca indlu ngaphakathi nangaphandle kuxhomekeke kwisimo sengqondo esisiphembelela ukuba sigcine amakhaya ethu ecocekile. Enyanisweni, ukugcina ikhaya licocekile kuxhomekeke ubukhulu becala kwisimo sengqondo sentsapho xa iyonke. Ngenxa yeso sizathu kuhle ukuhlolisisa enoba ikho na into esinokuyenza ukugcina ikhaya lethu licocekile, kuquka naselumelwaneni.
Ucwangciso Lokucoca
Kubonakala ngathi umsebenzi wekhaya owenziwa ngumama awupheli. Ngaphandle kokulungiselela ukutya nokulungisa abantwana ukuba baye esikolweni, umama ukwanomsebenzi wokugcina ikhaya licocekile ngaphakathi nangaphandle. Ngaba uphawulile ukuba isoloko ingoomama abachola iimpahla ezimdaka okanye ezinye izinto eziye zishiywe nje ngabantwana emagumbini abo? Ucwangciso olucacileyo lokucoca oluquka onke amalungu entsapho luya kuwenza ube lula umsebenzi kamama.
Amanye amakhosikazi aye agqibe kwelokuba kukho izinto ezifuna ingqalelo nezifuna ukucocwa imihla ngemihla, nangona ezinye iindawo zisenokucocwa kube kanye ngeveki, yaye ezinye kube kanye ngenyanga. Ukanti, ezinye izinto zinokucocwa kube kanye ngonyaka. Ngokomzekelo, kumaKhaya aseBheteli, izakhiwo zamasebe zamaNgqina kaYehova kwilizwe ngalinye, igunjana leempahla licocwa ngokucokisekileyo kube kanye ngonyaka. Elo iba lithuba lokulahla okanye uphise ngezinto ezingasasetyenziswayo zize ezo ziseleyo zibekwe ngocwangco. Kwakhona kukho ucwangciso oluthe rhoqo lokucocwa kweendonga zangaphakathi.
Kukho iindawo endlwini ezifuna ukucocwa ngalo lonke ixesha ukuba sifuna ukuhlala sisempilweni, njengegumbi lokuhlamba nendlu yangasese. Nangona le ndawo ifanele icocwe imihla ngemihla, ukucokisa kube kanye ngeveki, kunokuzibulala iintsholongwane. Abanye bacinga ukuba izitshele eziphakathi ethobhini azinakuze zisuke. Noko ke, kwamanye amakhaya uya kufumanisa ukuba izindlu zangasese zicocekile yaye azinazo izitshele. Kuphela into efunekayo kukuba zicocwe rhoqo kuze kusetyenziswe izinto zokucoca ezifaneIekileyo.
Ikhitshi nalo lifuna ukucocwa ngokucokisekileyo. Nangona uhlamba izitya uze ucoce isitovu netafile imihla ngemihla—mhlawumbi kube kanye ngenyanga—kuyafuneka ukuba ikhitshi likhe licokiswe, njengokucoca emva kwesitovu nefriji nangaphantsi kwesinki. Ukulicoca rhoqo igumbi ekugcinwa kulo ukutya neekhabhathi kuya kugxotha amaphela nezinye izinambuzane eziyingozi.
Intsebenziswano Yentsapho
Abanye abazali bafundisa abantwana babo ukuba ngaphambi kokuba baye esikolweni, bafanele bondlule iibhedi zabo, baqoqoshe iimpahla zabo ezimdaka, baze babeke izinto kakuhle. Umgaqo onokunceda umntu wonke ngowokuba: “Yonke into ifanele ibekwe apho ihlala khona.”
Kwakhona, amanye amalungu entsapho anokwabelwa imisebenzi ethile yokucoca. Ngokomzekelo, ngaba utata wekhaya uyayicoca igaraji aze abeke izinto kakuhle ubuncinane kanye ngonyaka? Omnye kubantwana bakhe unokumncedisa xa esenza loo msebenzi. Ngubani owabelwe ukususa ukhula okanye ukucheba ingca ngaphambi kweyadi? Kufanele kwenziwe ngokufuthi kangakanani oku ukuze ikhaya likhangeleke? Ngaba kukho igumbi ekugcinwa kulo izinto ezingafane zisetyenziswe? Ukuba kunjalo abanye abazali baye babele omnye umntwana ukuba acoce elo gumbi.
Ngoko ke, zenzeleni ucwangciso oluhle lokugcina ikhaya lenu licocekile. Enoba uza kucoca ngokwakho okanye niza kucoca njengentsapho okanye uqeshe umntu oza kukuncedisa, kuyafuneka ukuba kubekho ucwangciso olucacileyo lokucoca ikhaya. Omnye umama ogcina indlu yakhe ibeth’ umoya usixelela indlela intsapho yakhe esebenzisana ngayo ukugcina ikhaya labo licocekile: “Siyawaba umsebenzi phakathi kwethu neentombi zethu ezintathu. UNorma Adriana uye acoce igumbi lokuphumla, amagumbi okulala amabini, atshayele ibala naphambi kwendlu. UAna Joaquina uye anyamekela ikhitshi. NdihIamba iimpahla ndenze nezinye izinto ngoxa uMaría del Carmen ehlamba izitya.”
Inkangeleko Entle Yangaphandle
Kuthekani ngomphandle wendlu? Kungakhathaliseki ukuba uhlala kwipomakazi lendlu okanye kwindlu nje eqhelekileyo, ufanele ube nocwangciso lokuyicoca ngaphandle nokuyigcina ibukeka. Ngokomzekelo, isango lisenokungabi nayo enye ihenjisi. Uyayazi indlela elingabukeki ngayo ukuba linokushiywa nje lingalungiswanga de ekugqibeleni liwe. Oku kunjalo nangenkunkuma ethe saa ngasemnyango okanye ebaleni. Kwakhona, iitoti, izixhobo zokusebenza, nezinye izinto maxa wambi ziye ziyekwe zithe saa nje, kuyo yonk’ iyadi, yaye kuye kuhlale iimpuku nezinye izinto.
Ezinye iintsapho ziye zagqiba kwelokuba zitshayele iyadi, kuquka indlela ephambi kwendlu zize ziqoqoshe ezo zinto zithe saa kube kanye ngosuku okanye ngeveki xa oko kuyimfuneko. Enyanisweni kwezinye iindawo urhulumente unenkqubo entle ayilungiseleleyo yokugcina ezo ndawo zicocekile, kodwa kwezinye iindawo ayikho inkqubo elolo hlobo. Ngaphandle kwamathandabuzo, iindawo ezisingqongileyo beziya kukhangeleka kakuhle yaye besiya kuba sempilweni ukuba mntu ngamnye ebenokuba negalelo ekugcineni loo ndawo icocekile.
Ezinye iintsapho azaneli nje kukuba nocwangciso oluquka le misebenzi ichazwe ngasentla kodwa ziye zalubhala ephepheni, zaluxhoma kwindawo enokubonwa ngumntu wonke kwaye ziyaqiniseka ukuba luyalandelwa. Oku kuba nemiphumo emihle. Kambe ke, khange siquke yonk’ into ofanele uyazi ngokucoca. Ngokomzekelo, uya kuzenzela ngokwakho izigqibo ngamachiza okucoca asetyenziswa ekuhlaleni oya kuwasebenzisa nezixhobo zokucoca onokukwazi ukuzithenga.
La macebiso ambalwa ngokungathandabuzekiyo enza intsapho xa iyonke iyibone imfuneko yokugcina ikhaya nendawo eyingqongileyo icocekile. Khumbula ukuba, ukugcina ikhaya nendawo esingqongileyo icocekile kuxhomekeke, kungekhona ekubeni ube ungumntu onemali, kodwa kwisimo sakho sengqondo.
[Ibhokisi ekwiphepha 16, 17]
Ucwangciso Onokulusebenzisa Lokucoca Indlu
Sebenzisa esi sithuba ukuze wongezelele olwakho uludwe
Phawula Oku: Ukuxuba izinto zokucoca kusenokuba yingozi gqitha, ingakumbi ukuxuba ibleach neammonia
✔ Suku Ngalunye
❏ Kwigumbi Lokulala: Yondlula iibhedi uze ubeke izinto ngeendawo zazo
❏ Ekhitshini: Hlamba izitya nesinki. Susa izinto phezu kwetafile. Tshayela okanye ukorobhe phantsi xa kuyimfuneko
❏ Kwigumbi Lokuhlamba: Hlamba isinki nethobhi. Beka izinto ngeendawo zazo
❏ Kwigumbi lokuphumla nakwamanye amagumbi: Beka izinto kakuhle. Sula uthuli kwifanitshala. Tshayela okanye ukorobhe phantsi xa kuyimfuneko
❏ Kwindlu yonke: Lahla inkunkuma kwindawo yayo
✔ Kanye Ngeveki
❏ Kwigumbi Lokulala: Tshintsha amashiti. Tshayela, ukorobhe xa kuyimfuneko. Sula uthuli kwifanitshala
❏ Ekhitshini: Hlamba isitovu, izinto ezihlala phezu kwekhabhathi kwakunye nesinki. Korobha phantsi
❏ Kwigumbi Lokuhlamba: Coca iindonga zeshawa, ibhafu nesinki. Coca ithobhi, ikhabhathi, nezinye iindawo ngesibulali zintsholongwane. Tshintsha iitawuli. Tshayela okanye ukorobhe
✔ Kanye Ngenyanga
❏ Kwigumbi lokuhlamba: Hlamba zonke iindonga ngokucokisekileyo
❏ Kwindlu yonke: Coca imigubasi yeengcango. Tshayela uze ucoce zonke izitulo neesofa ngokucokisekileyo
❏ Isitiya, iyadi, negaraji: Tshayela uze ucoce xa kuyimfuneko. Kuphephe ukufumba inkunkuma okanye ukugcina izinto ezingeyomfuneko
✔ Kanye Kwiinyanga Ezintandathu
❏ Kwigumbi lokulala: Hlamba iibedspread ngokuvisisana nemiyalelo yabenzi bazo
❏ Ekhitshini: Khupha izinto efrijini uze uyicoce
❏ Kwigumbi lokuhlamba: Khupha izinto ezishelufini nasezidrowini uze uzicoce. Lahla izinto ezingeyomfuneko neziphelelwe lixesha
❏ Kwindlu yonke: Coca izibane, amaphiko omoya, nezinye izinto zokukhanyisa. Hlamba iingcango. Hlamba iifestile nemigubasi yazo
✔ Kanye Ngonyaka
❏ Kwigumbi lokulala: Khupha izinto ewodrophini uze uyicoce ngokucokisekileyo. Zilahle izinto ezingeyomfuneko. Hlamba iingubo. Luvuthulule ngokucokisekileyo uthuli koomatrasi. Hlamba imiqamelo ngokuvisisana nemiyalelo yabenzi bayo
❏ Ekhitshini: Khupha izinto ezishelufini, kwiikhabhathi, nasezidrowini uze uzicoce ngokucokisekileyo. Zilahle izinto ezingeyomfuneko. Susa izixhobo zombane kwindawo ezikuyo uze ucoce apho
❏ Kwindlu yonke: Hlamba zonke iindonga. Coca zonke izitulo neesofa uze uhlambe iikhethini ngokuvisisana nemiyalelo yabenzi bazo
❏ Egaraji okanye kwindawo yokugcina izinto: Tshayela ngokucokisekileyo. Zibeke kakuhle okanye uzilahle izinto ezingeyomfuneko
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
“Yonke into ifanele ibekwe apho ihlala khona”
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Kuya kukunceda ukulahla okanye uphise ngezinto ongasazisebenzisiyo