Ukuhlala Usoyika
UROXANAa uyoyika ukuxelela umyeni wakhe ukuba ufuna umsebenzi wesingxungxo. Xa wayecel’ imali yokukhwela ibhasi esiya kubon’ unina, umyeni wakhe wambetha kanobom kangangokuba kwafuneka aye kwagqirha. Kungokunje uhlala esoyika.
URolando wayedla ngokumyeka umfazi wakhe azibuyele ngezinto zikawonke-wonke xa evela emsebenzini ebusuku, kodwa ngoku umphuthuma ngemoto. Indawo abahlala kuyo idume ngogonyamelo kangangokuba uyamoyikisela.
UHaidé usebenza embindini wedolophu. Ngenye imini xa wayegoduka, wazibona sel’ ephakathi kwehlokondiba eligwayimbayo nelindlongo-ndlongo. Ngoku nanini na esiva abantu begwayimba, uyangcangcazela. Uthi: “Ndiyoyika. Andisafuni ukusebenza apha. Kodwa akukho nto ndinokuyenza.”
URoxana, uRolando noHaidé bayoyika—yaye aboyiki nje xa kukho into eyenzekileyo. Bahlala besoyika. Xa abantu behlala besoyika, basenokuphelelwa ngamandla. Uloyiko lusenokubenza bangonwabi ekubeni bengakhululekanga ukwenza nantoni na abayifunayo. Abantu basenokonganyelwa luloyiko nto leyo enokubenza bangacingi nzulu ngezinye izinto.
Kunxunguphalisa gqitha ukuhlala usoyika. Kudla ngokubangela udandatheko nokugula. Iphephancwadi lempilo licacisa lisithi: “Unxunguphalo lunciphisa amandla omzimba okuzikhusela kwizifo yaye lunegalelo kwinkoliso yezifo. Umzimba uyaqobeka, ingakumbi amalungu abandakanyekileyo. Ubani usenokuba noxinezeleko lwegazi, isifo sentliziyo, ukugula ngezintso, abe nenyongo, izilonda emathunjini, aqaqanjelwe yintloko, aphuthelwe, adandatheke, yaye usenokusoloko exhalabile. Ukuba uhlala ixesha elide ukule meko usenokuziva uqobekile.”
Kwihlabathi lanamhlanje kuqhelekile ukuba abantu bahlale besoyika. Ngaba liya kuze libekho ihlabathi labantu abangenalo uloyiko?
[Umbhalo osemazantsi]
a Amanye amagama atshintshiwe.