IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 9/8 iphe. 16-17
  • Ngaba Ufanele Uthandaze KuMariya Oyintombi Enyulu?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ufanele Uthandaze KuMariya Oyintombi Enyulu?
  • Vukani!—2005
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Sifundise Ukuthandaza”
  • Kuthekani NgeRosari?
  • Ukuhlonela UMariya
  • Indima KaMariya Kwinjongo KaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Oko Sinokukufunda Kumzekelo KaMariya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Ngaba AmaKristu Afanele Ayisebenzise IRosari?
    Vukani!—1990
  • “Khangela! Ikhobokazana LikaYehova!”
    Xelisa Ukholo Lwabo
Khangela Okunye
Vukani!—2005
g05 9/8 iphe. 16-17

Imbono YeBhayibhile

Ngaba Ufanele Uthandaze KuMariya Oyintombi Enyulu?

UMARIYA uyaziwa ngabantu abaninzi abanolwazi oluthile ngobuKristu. IZibhalo zibonisa ukuba uThixo uSomandla ngokukhethekileyo wasikelela eli bhinqa liselula ngokuba ngunina kaYesu. Ukuzalwa kukaYesu kwakwahlukile kuba uMariya wayeyintombi enyulu xa wakhulelwayo. Ezinye iicawa zeNgqobhoko zimhlonela ngokukhethekileyo uMariya. Ngonyaka wama-431 C.E., iBhunga lase-Efese lathi “unguNina kaThixo,” kwaye namhlanje abantu abaninzi bafundiswe ukuba bathandaze kuye.a

Abo banqula ngokunyanisekileyo bayazi ukuba bafanele babhekise imithandazo yabo kumntu ofanelekileyo. IBhayibhile ifundisa ntoni ngako oku? Ngaba amaKristu afanele athandaze kuMariya iNtombi Enyulu?

“Sifundise Ukuthandaza”

Ingxelo yeVangeli kaLuka isichazela ngomnye wabafundi bakaYesu owacela kuye esithi: “Nkosi sifundise ukuthandaza.” Ephendula uYesu wathi: “Xa sukuba nithandaza, yithini, ‘Bawo, malingcwaliswe igama lakho.’” Ebudeni beNtshumayelo yaseNtabeni, ngokufanayo uYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba bathandaze bathi: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.”—Luka 11:1, 2; Mateyu 6:9.

Ngoko, into yokuqala esiyifundayo kukuba umthandazo, okanye unqulo sifanele silubhekise kuYehova onguYise kaYesu. IBhayibhile ayisivumeli ukuba sithandaze komnye umntu. Oku kufanelekile, ekubeni uMoses xa wayefumana iMithetho Elishumi waxelelwa ukuba uYehova “nguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo.”—Eksodus 20:5.

Kuthekani NgeRosari?

Abantu abaninzi abathandaza kuMariya, bafundiswe ukuba iintsikelelo banokuzifumana ngokuthandaza kuye ngokuphindaphindiweyo, baze bacengceleze uMthandazo weNkosi, neminye. Incwadi ethi Symbols of Catholicism ithi ngamaKatolika: “Eyona ndlela yaziwayo yokuzukisa uMariya kukusebenzisa irosari.” Irosari ngumtya onamaso okubala imithandazo. Le ncwadi ityatyadula isithi: “Amaso amahlanu kwalishumi, ahlulwa lelinye elinombala owahlukileyo, ayalela ubani ukuba athandaze ‘kuMariya’ izihlandlo ezingamashumi amahlanu, enze ‘uMthandazo weNkosi’ kahlanu, nothi ‘Uzuko koseNyangweni’ kahlanu.” Ngaba uThixo uyayiphulaphula imithandazo yabo basebenzisa irosari?

Kwakhona, imiyalelo uYesu ayinika abafundi bakhe isiphendula ngokuchanileyo. Wathi: “Xa uthandaza, ungaphindaphindani nento enye, njengokuba besenza abantu beentlanga, kuba becinga ukuba baya kuviwa ngenxa yokusebenzisa kwabo amazwi amaninzi.” (Mateyu 6:7) Ngoko ke, uYesu waxelela abafundi bakhe ukuba bangaphindaphindi into enye xa bethandaza.

Omnye usenokubuza: ‘Kodwa ngaba uYesu wafundisa abafundi bakhe ukuba baphindaphindane noMthandazo weNkosi, oyinxalenye yerosari?’ Kumele kuvunywe ukuba uYesu wabafundisa umthandazo ongumzekelo, owaziwa ngokuba nguBawo Wethu Osemazulwini, okanye uMthandazo weNkosi. Noko ke, sifanele siphawule ukuba, wakwenza oko emva kokubaluleka esithi: “Ungaphindaphindani nento enye.” Isibakala sokuba uYesu wayengenazinjongo zokuba umthandazo ongumzekelo uphindaphindwe sisibona kwiingxelo ezimbini ezibhaliweyo, apho uYesu wayefundisa abafundi bakhe ukuthandaza. (Mateyu 6:9-15; Luka 11:2-4) Iingcamango uYesu awayezidlulisela ngezo zihlandlo zazifana, kodwa amazwi awawasebenzisayo ayengafani. Oku kusibangela sifikelele kwisigqibo sokuba uYesu wayebenzela umzekelo nje wendlela ababefanele bathandaze ngayo kwanezinto ezifanelekileyo abafanele bazithandazele abalandeli bakhe. Okubaluleke ngakumbi kukuba amazwi akhe asinceda sazi lowo sifanele sithandaze kuye.

Ukuhlonela UMariya

Isibakala sokuba iZibhalo zingafundisi amaKristu ukuba athandaze kuMariya asithethi kuthi akahlonelwa kwigalelo abe nalo kwiinjongo zikaThixo. Bonke abantu abathobelayo baya kusikeleleka ngonaphakade ngenxa yoNyana wakhe. UMariya ngokwakhe wathi: “Zonke izizukulwana ziya kundibhengeza njengonoyolo.” Kwaye umza wakhe uElizabhete wathi uMariya ‘wayesikelelwe phakathi kwabafazi.’ Enyanisweni, kwakunjalo. Yayililungelo elikhulu ngoMariya ukuba akhethwe ukuze azale uMesiya.—Luka 1:42, 48, 49.

Noko ke, asingoMariya kuphela iZibhalo ezimbiza njengosikelelweyo. Ngenxa yoko uYaheli awakwenzela uhlanga lwamandulo lwakwaSirayeli, naye kwathiwa “ngoyena uya kusikelelwa phakathi kwabafazi.” (Abagwebi 5:24) UYaheli, uMariya, nabanye abafazi abathembekileyo abakhankanywe eBhayibhileni sifanele sibaxelise—kodwa singabanquli.

UMariya wayengumlandeli othembekileyo kaYesu. Wayekho kangangezihlandlo ezininzi ebudeni bobulungiseleli bakhe emhlabeni kwanasebudeni bokufa kwakhe. Emva kokuvuswa kukaYesu ‘wayezingisa emthandazweni’ nabazalwana bakaYesu. Loo nto isinika isizathu sokukholelwa ukuba, ekunye nabo ngePentekoste yowama-33 C.E. bathanjiswa ngomoya oyingcwele kwaye banethemba lokuba yinxalenye yodidi lomtshakazi oza kulawula emazulwini kunye noKristu.—Mateyu 19:28; IZenzo 1:14; 2:1-4; ISityhilelo 21:2, 9.

Noko ke, akukho nto isigunyazisa ukuba sithandaze kuMariya. Umthandazo osuk’ entliziyweni yeyona nxalenye ibalulekileyo elunqulweni, yaye amaKristu akhuthazwa ukuba ‘emthandazweni azingise.’ (Roma 12:12) Noko ke, imithandazo ifanele ibhekiswe kuYehova kuphela, egameni likaYesu Kristu.—Mateyu 4:10; 1 Timoti 2:5.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ingcamango yokuba uMariya ungunina kaThixo isekelwe kwimfundiso engekho zibhalweni kaBathathu Emnye, ethi uYesu unguThixo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share