Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ukuncokola Kwi-Internet—Ndinokuziphepha Njani Iingozi?
“Ndincokola rhoqo ngeInternet kangangeeyure ezintathu okanye ezine ngosuku. Maxa wambi ndigqiba iiyure ezintandathu okanye ezisixhenxe ndincokola.”—José.a
UKUNCOKOLA KWI-INTERNET—kuneengozi ofanele uzilumkele—kanye njengokuba kunjalo xa ukwindawo enabantu ongabaziyo. Ukuzekelisa, ukuba ubutyelele kwisixeko esikhulu, ngokucacileyo ubuya kuqiniseka ukuba uyazazi iindawo eziyingozi yaye uyakuphepha ukuhamba kuzo.
Oku kuyafana ke nokuba uncokola kwi-Internet. KuVukani! kaOktobha 8 kuye kwathethwa ngezinto ezimbini ezinokuba yingozi xa uncokola kwi-Internet, ezizezi, ukuncokola nabantu abafuna ukukuxhaphaza ngokwesini nesilingo sokufuna ukukhohlisa. Kukho nezinye ke iingozi ezifanele ziqwalaselwe. Kodwa kuqala, lisekwe njani eli jelo lokuncokola?
Lisekwe Ngenjongo
Ngokuqhelekileyo la majelo okuncokola asekwa kucingwa ngemibandela abantu abathile abanokuba nomdla kuyo. Amanye alungiselelwa abathandi bomdlalo othile okanye umsebenzi othile wokuzonwabisa. Kwamanye kusenokuthethwa ngenkqubo ethile kamabonwakude. Kanti amanye alungiselwe abantu bonqulo oluthile.
Ukuba uliNgqina likaYehova, usenokuba nomdla wokuvula elo kuthiwa lenzelwe ulutsha olungamaNgqina ukuze lukwazi ukuzenzela abahlobo abatsha ehlabathini lonke. Kakade ke kuhle ukuncokola nolutsha enikhonza nalo. Noko ke, kukho iingozi ezinokuwenzakalisa amaKristu kula majelo. Ziziphi ezo ngozi?
Ukuncokola Ngezinto Ezingalunganga
Umfana oselula uTyler uthi: “Ndandincokola neqela labantu endandicinga ukuba bonke ngamaNgqina kaYehova. Noko ke, kungekudala abanye kubo baqalisa ukugxeka iinkolelo zethu. Kwangoko, kwacaca ukuba aba eneneni ngabawexuki.” Aba bantu babezimisele ukonakalisa indlela yokuziphatha yabo bathi bakhonza nabo.
UNyana kaThixo, uYesu Kristu, walumkisa esithi abathile kubalandeli bakhe baya kuwahlasela amaqabane abo. (Mateyu 24:48-51; IZenzo 20:29, 30) Umpostile uPawulos ubabiza aba bantu ngokuthi ngabazalwana bobuxoki ‘abanyebelezela ngaphakathi’ ukuze benzakalise abo bakwibandla lamaKristu. (Galati 2:4) Umbhali weBhayibhile uYude uthi aba “bathwethwele ngaphakathi” ukuze ‘babujike ububele obungasifanelanga boThixo wethu bube sisingxengxezo sehambo evakalala.’ (Yude 4) Kwakhona ubachaza ‘njengolwalwa olufihlakele phantsi kwamanzi.’—Yude 12.
Phawula ukuba uPawulos noYude bayazichaza ezi ndlela zifihlakeleyo zidla ngokusetyenziswa ngabawexuki. Aba babhali beBhayibhile bathi abawexuki ‘banyebelezela ngaphakathi’ okanye “bathwethwele ngaphakathi” ngenjongo yokonakalisa indlela yokuziphatha yabo bakwibandla lamaKristu. Namhlanje, ijelo lokuncokola kwi-Internet libanika ithuba elihle aba bakhohlisi. Njengamatye afihlakeleyo ngaphantsi kwamanzi, la maKristu obuxoki ayayifihla eyona njongo yawo esithi afuna ukunceda ulutsha olungamaNgqina. Kodwa injongo yawo kukubenzakalisa ngokomoya abo bangalumkanga.—1 Timoti 1:19, 20.
Eli phephancwadi, nezinye iincwadi ezibhalwe ngamaNgqina kaYehova ziye zalumkisa ngokuphindaphindiweyo ngale ngozi.b Ngoko ke, nabani na omfumana kwijelo lokuncokola ekuthiwa lelamaNgqina kaYehova, enoba loo mntu akanguye umwexuki, kodwa uye akasiphulaphula eso silumkiso. Ngaba ngokwenene uyafuna ukuba nabahlobo abangasithobeliyo isiluleko esisekelwe eBhayibhileni?—IMizekeliso 3:5, 6; 15:5.
Umgibe Wokuzahlukanisa
Enye inkalo yokuncokola kwi-Internet ofanele ucinge ngayo lixesha olichitha kuyo. UJosé, okhankanywe ekuqaleni kweli nqaku uthi: “Maxa wambi ndincokola ithuba elide kangangokuba ndilibale nokutya.”
Usenokungachithi ixesha elide njengoJosé uncokola kwi-Internet. Kodwa, ukuze ufumane ixesha lokuncokola, ufanele uncame ixesha lenye into. Into osenokuqala uyiyeke asingomsebenzi wesikolo okanye wasekhaya. Usenokungabi nalo ithuba lokuncokola nabantu bakowenu. UAdrian waseSpeyin uthi: “Ndakugqiba nje ukutya bendidla ngokuhamba ndiye kuncokola kwi-Internet. Ndandibambiseke kwi-Internet kangangokuba ndandingasancokoli nabantu basekhaya.”
Ukuba uchitha ixesha elininzi uncokola kwi-Internet, kusenokwenzeka ukuba akusenaxesha lakuncokola nabantu obathanda ngokwenene. IBhayibhile inikela isilumkiso esifanelekileyo isithi: “Ozahlulayo uya kufuna ulangazelelo lwakhe lokuzingca; uya kuphambuka kubo bonke ubulumko bobuqili.” (IMizekeliso 18:1) Abantu ongabaziyo oncokola nabo kwi-Internet abanakufane bakukhuthaze ukuba uphile ngobulumko obufumaneka eBhayibhileni. Basenokukukhuthaza ukuba wenze unothanda uze ungayihoyi imigaqo yobuKristu yokuziphatha.
Liyinyaniso elokuba, esinye isilingo sala majelo kukuba kulula ukuncokola kuwo kunokuncokola nabantu bakowenu. Oogxa bakho basenokuba nomdla wokuva uluvo lwakho ngemibandela ethile yaye nabo basenokuluvakalisa olwabo ngokukhululekileyo. Kanti abantu bakowenu, basenokubonakala bengenaxesha lakuphulaphula iingxaki zakho yaye basenokungakhululeki xa bethetha nawe.
Kodwa khawuzibuze: ‘Ngaba aba bantu ndincokola nabo bayandazi ngokwenene? Ngaba bafuna ukundinceda?’ Kusenokwenzeka ukuba abantu bakowenu bayikhathalele gqitha indlela oziva ngayo nemeko yakho yokomoya. Ukuba abazali bakho bazama ukuphila ngokwemilinganiselo yeBhayibhile, banomdla wokuncokola nawe. (Efese 6:4) Ukuba ngentlonelo uyabaxelela uluvo lwakho nendlela oziva ngayo, basenokubonisa ulwazelelo kunokuba ubucinga.—Luka 11:11-13.
Ziphephe Iingozi
Usenokuba unezizathu zokuncokola kwi-Internet—mhlawumbi, kuyinxalenye yomsebenzi wesikolo.c Ukuba kunjalo, qiniseka ukuba akulivumeli eli jelo likubambise, ngokulandela la macebiso alula alandelayo.
Okokuqala, musa ukusebenzisa ikhompyutha esegumbini lakho uwedwa. Ukwenjenjalo kunjengokuzifaka kwingozi yokuhamba wedwa kwindlela emnyama kwidolophu ongayaziyo. Kunoko, sebenzisa ikhompyutha kwindawo onokubonwa ngumntu wonke xa uyisebenzisa.
Okwesibini, abazali bakho mabawazi amajelo oncokola kuwo nento oyincokolayo. Kwakhona, misa ixesha oza kuyeka ngalo ukusebenzisa ikhompyutha, uze ubambelele kulo.
Okwesithathu, faka iinkqubo zekhompyutha zokuthintela imiyalezo enokuthanani nesini. Ukuba xa uncokola ufumana imiyalezo yesini, xelela abazali okanye utitshala wakho ngoko nangoko. Kwamanye amazwe basenokubanjwa abantu abakwaziyo ukuba ungumntwana baze bakulukuhle ngokwesini ngokukuthumelela imifanekiso engamanyala. Ufanele ubaxele emapoliseni.
Enye into, ungaze umxelele igama lakho, indawo ohlala kuyo, igama lesikolo ofunda kuso, okanye inombolo yefowuni yakho umntu oncokola naye kwi-Internet. Yaye ungaze ukuvume ukudibana ubuso ngobuso nomntu oncokola naye kwi-Internet!
Nangona abhalwa kumawaka eminyaka eyadlulayo, amazwi kaKumkani uSolomon owayesisilumko ayasebenza kwiingozi zamajelo okuncokola kwi-Internet. Wathi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle, kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.”—IMizekeliso 22:3.
[Imibhalo esemazantsi]
a Amanye amagama atshintshiwe.
b Bona uVukani! kaDisemba 8, 2004, iphepha 20-4.
c Bona uVukani! kaFebruwari 8, 2000, iphepha 20.
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Yiba sisilumko, abazali bakho mabawazi amajelo oncokola kuwo kwi-Internet