Inzululwazi NeBhayibhile Zindincedile Ndayifumana Injongo Yobomi
KUBALISA UBERND OELSCHLÄGEL
Ukufuna kwam injongo yobomi kwandithabatha iminyaka engama-20. Zimbini izinto ezibe luncedo: yinzululwazi neBhayibhile. Ukufunda kwam ngenzululwazi kuye kwandiqinisekisa ukuba ubomi bunenjongo. Kodwa iBhayibhile iye yayityhila le njongo yaza yandenza ndayiqonda.
KUSENOKWENZEKA ukuba ukhe weva abantu abaninzi besithi iBhayibhile nenzululwazi ziyaphikisana. Ndizifunde zombini, ibe mna ndithi olu lulwimi etywaleni. Mhlawumbi unomdla wokwazi isizathu sokuba nditsho.
Ndazalwa ngowe-1962 eStuttgart, isixeko esikumzantsi Jamani. UTata wayengumenzi woomatshini, ibe bobabini noMama babengabahambi becawa abanenzondelelo. UKarin udadewethu mdala ngeminyaka emine kum.
Eyona nto yayibalulekile ebomini bam kuxa utata wandiphathela izinto zokudlala ezinokuthanani nenzululwazi. Ndandikuthanda gqitha ukulinga ukwenza izinto ezahlukahlukeneyo zechemistry nephysics. Kaloku, kwakumnandi kum ukufunda.
Kamva ndaziyeka izinto zokudlala zenzululwazi ndaza ndafunda ngekhompyutha. Kwanaxa ndandikwiminyaka yeshumi elivisayo, ndandisazi ukuba eyona khompyutha ibalaseleyo yingqondo. Kodwa ndandizibuza, ingqondo le ivelaphi? Sasiyinikwe ngubani? Khona, yintoni injongo yobomi?
Ukufuna Imfundo Ephakamileyo
Ndagqiba imfundo yamabanga aphakamileyo ndineminyaka eli-16 ubudala, ndaza ndasebenza kwindawo yokwenza iifoto. Ukufunda ndandikuthanda, ibe ngenxa yoko, usukelo lwam yaba kukufunda eyunivesithi izifundo zenzululwazi ngezinto zendalo. Kodwa ke leyo into yenzeka sendilibele. Kwandithabatha iminyaka emihlanu ukuze nje ndamkelwe. Ndaqala ukufunda eyunivesithi ngowe-1983 eStuttgart, ndaza ndaya kugqibezela eMunich. Ekugqibeleni, ngowe-1993, ndasebenza njengengcaphephe yephysics kwiYunivesithi yaseAugsburg.
Iminyaka yokuqala eyunivesithi yayingelula. Iiholo esasifundela kuzo apho zazinabafundi abamalunga nama-250, uninzi lwabo lwayeka phakathi emva nje kweenyanga ezimbalwa. Ndandizimisele ukugqiba oko ndandikuqalile. Abafundi endandihlala nabo babethanda iziyunguma. Ngamanye amaxesha ukuhlala nabantu abanjalo kwakungemnandi. Nam ndandisiya kulo matheko angalawulekiyo ibe ndaqalisa nokusebenzisa iziyobisi.
Iphulo Lam Landisa EIndiya
Ngenxa yezifundo ngezenzululwazi ndakwazi ukuyiqonda ngakumbi imithetho yendalo. Ndandiqinisekile ukuba inzululwazi yayiza kuyityhila injongo yobomi. Noko ke, uhlolisiso lwam ngenjongo yobomi aluzange luphelele nje kwinzululwazi. Ngowe-1991, ndahamba neqela labantu sisiya eIndiya ukuze ndifunde indlela yokucamngca yaseMpuma. Hayi indlela elalahluke ngayo eli lizwe nabantu balo! Kodwa ndabamb’ ongezantsi xa ndabona umsantsa owawukho phakathi kwamahlwempu nezinhanha.
Ngokomzekelo, kufuphi nesixeko sasePune, satyelela enye inkokeli yamaHindu eyayililisela ngelithi ukuba umntu ufumene ubuchule obuthile bokucamngca, unokuba sesingawothiyo umlilo sona isityebi. Nathi ke, sasicamgca ntsasa nganye. Le nkokeli yayithengisa amayeza athile ngelona xabiso liphakamileyo. Kuyacaca ukuba imali yayisithi tata kuyo ibe umgangatho wayo wokuphila wawudiza oko. Emva koko, sabona neemonki, ekwakucaca mhlophe ukuba ziyimipha echutywe yalahlwa xa kuthelekiswa nale nkokeli yamaHindu. Ndazibuza: ‘Kutheni ukucamngca kungazenzi iimonki zibe zizityebi?’ Ukutyelela kwam eIndiya kwandishiya ndinemibuzo emininzi engaphendulekiyo.
Enye yezinto endabuya nayo eIndiya yintsimbi yokucamngca. Ndaxelelwa ukuba le ntsimbi ifuna nje ukubethwa kakuhle, kuze kuphume umculo oya kundinceda ndicamngce kakuhle. Ukufika kwam eJamani ndathenga isixhobo ekuthiwa sisetyenziselwa ukujonga ikamva ngeenkwenkwezi. Ukucamngca akuzange kuyityhile injongo yobomi. Ndadana ukufumanisa ukuba isixhobo sokukhangela ikamva ngeenkwenkwezi kwakuliphepha nje elingenamsebenzi. Ngoko ke, umbuzo wam ngenjongo yobomi wawungekaphenduleki.
Ukufumana Iimpendulo EBhayibhileni
Ngowe-1993 kwenzeka into engalindelekanga. Ndandisele ndigqibile ukufunda nokwenza uphando yaye ndandiza kubhala iimviwo ndize ndifumane isidanga. Ukuze ndigqibe ngexesha elimisiweyo, ndandifunda imini nobusuku, yonke enye into yayisiza mva. Kwasuka nje ngenye imini kwankqonkqozwa emnyango. Xa ndavulayo ndabona amabhinqa amabini.
Andibuza: “Ngaba ubusazi ukuba unyaka we-1914 waba ngokhethekileyo ngokwengxelo yeBhayibhile?” Emva kwaloo mbuzo ndema nematha. Andizange ndiyive into enjalo ngaphambili. Phezu koko ndandingenalo nexesha lokuphanda oko kodwa umbuzo lo wona wawubangel’ umdla. Ayeyithatha phi into yokuba iBhayibhile yalatha unyaka we-1914 njengonyaka okhethekileyo?
Andibuza: “Ngaba ungakuvuyela ukwazi okungakumbi?” Ndacinga, ‘ukuba ndiyawaphulaphula ndizakulubona unyawo lwemfene kule nto ayithethayo.’ Kunonyawo lwemfene, ndafumana ubugqina obucace gca nobungenakuphikiswa beBhayibhile. Ndafunda ngeziprofeto zoBukumkani bukaThixo obungoMesiya—urhulumente wasezulwini noza kulawula umhlaba wonke—owawumiselwe ngowe-1914.a
La mabhinqa ayengamaNgqina kaYehova yaye andinika incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni.b Ndayifunda kwisithuba seentsuku ezimbalwa, yaye yonke into endayifundayo yayisengqiqweni. AmaNgqina andibonisa eBhayibhileni ukuba injongo kaYehova kukuba abantu baphile ngonaphakade kwiparadesi esemhlabeni. Ngokutsho kwesiprofeto seBhayibhile, esi sithembiso kungekudala siza kuzaliseka. Eli likamva eliqaqambe ngokwenene! Eli themba landichukumisa de kwehla iinyembezi. Ngaba le yimpendulo yombuzo ebendinawo kangangeminyaka engama-20 edluleyo?
Akuzange kube kudala, ndayiqonda injongo yam ngobomi: ukwazi uYehova uThixo ndize ndimkhonze ngentliziyo iphela. Ndaqhubeka ndifunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova, ndiyiqonda into yokuba ngoku ndifunda inyaniso. Ndandikunxanelwe ngokwenene ukwazi ngoThixo. Njengoko ndagqibezela izifundo ukuze ndithweswe isidanga, ndafunda malunga nesiqingatha seBhayibhile kwisithuba seenyanga nje ezintathu.
Ukufumana Into Engakumbi Kuneempendulo
NgoMeyi 1993, ndaya okokuqala kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova eAugsburg. Izinto ezazifundiswa apho zazivakala ziyinyaniso. Ngaphezu koko, ndandikhululekile phakathi kwamaNgqina. Ayendibulisa ngobubele nakubeni ayengandazi. Omnye umakhulu owayehleli kufutshane nam wandinika iculo. Kwiiveki ezimbalwa kamva, enye indoda eliNgqina nonyana walo omncinane babendikhwelisa emotweni ukuza kwiHolo yoBukumkani. Aba bahlobo batsha baqalisa ukundimemela emakhayeni abo. Ekuhambeni kwexesha ndaba nomdla wokuxelela abanye oko ndandikufunda ngenjongo yobomi.
Oko ndandikufunda eBhayibhileni kwandenza ndabutshintsha ubomi bam. Ngokomzekelo, ndandingasazifuni izinto ezinento yokwenza nokuvumisa. Ngoko ndasilahla isixhobo sokukhangela ikamva ngeenkwenkwezi kunye nentsimbi yokucamngca nezinye izinto zonqulo zaseIndiya. Ndenza inkqubela ekufundeni kwam iBhayibhile ndaza ndazahlulela kuYehova uThixo, ndaza ndabhaptizwa njengomnye wamaNgqina kaYehova eMunich ngoJuni 1994. Ngokwenjenje ndayamkela ngentliziyo epheleleyo injongo yokwenene yobomi.
NgoSeptemba 1995, ndaba nguvulindlela othe ngxi, umshumayeli wexesha elizeleyo wamaNgqina kaYehova. Oku kuthetha ukuchitha ixesha elongezelelekileyo ndixelela abanye ngeenjongo zikaThixo. Ukuze ndiphumelele, ndandithembele ngamandla kaYehova. Izihlandlo eziliqela ndandifika ekhaya sekuhlwile emva kokushumayela iiyure ezininzi entsimini, ndiziva ndanelisekile ngendlela endingazange ndiyive ngaphambi kokuba ndimazi uYehova. NgoJanuwari 1997, ndamenyelwa kwisebe lamaNgqina kaYehova laseJamani eliseSelters, elibizwa ngokuba yiBheteli, yaye kulapho ndihlala khona ngoku. Abazali bam baye bandityelela kangangezihlandlo ezininzi ibe nakuba bengengomaNgqina njengam, banoxabiso ngeBheteli yaye bayavuya kuba ndilapha.
Inzululwazi NeBhayibhile
Abanye bangayothuka into yokuba umntu othabathe ixesha elingaka efunda ngenzululwazi ayikholelwe into ethethwa yiBhayibhile. Andikhange ndibone mpikiswano phakathi kweBhayibhile nenzululwazi. Njengengcali yephysics, ndiye ndafunda ngemithetho elawula ubomi, ibe le mithetho isinika ubungqina bokuba kukho umseki wobomi onobulumko obungaphezulu kobomntu.
Ngokomzekelo, kukho iingcamango ezininzi zenzululwazi, zechemistry kunye nebhayoloji. Nakuba ezi ngcamango zinokukhangeleka zilula, izibalo ezibandakanyekileyo zinokuba nzima. Iinzululwazi ezikrelekrele ziye zawongwa ngeMbasa kaNobel ngenxa yeengcamango zazo. Hayi indlela ekumele ukuba ukrelekrele ngayo uMyili noMenzi wendalo iphela, le kanye iinzululwazi zizama ukuyiqonda!
Ukucinga ngendlela abantu bendaleko abacinga ngayo, yokuba umhlaba wabakho ngamabona-ndenzile, kukuzibaxa izinto. Ngokomzekelo: Ukuba ubeka iibhola ezilishumi ebaleni ngokulandelelana kwazo, ibhola nganye ibe malunga nemitha enye ukusuka kwenye. Uze ukhabe ibhola yokuqala ukuze ibethe ezilandelayo ezilishumi. Ukongezelela, zama uqashele indawo ibhola nganye eya kuphelela kuyo. Kwainto yokuba kukho umntu ongaqashela ngokuchanileyo bhola nganye ukuba iza kuphelela phi loo nto ayikho ngqiqweni ibe uninzi lwabantu lungakujonga oku njengokusukela umoya.
Ukuba oko kunjalo, kubeka phi ke ngeseli yomntu—ebandakanya okungaphezulu lee xa kuthelekiswa nokukhaba ibhola—ukuba inokukhula ngamabona-ndenzile. Eyona mpendulo isengqiqweni kukuba, kumele kubekho amandla angaphaya kwaqhelekileyo okudala umntu nazo zonke izinto eziphilayo emhlabeni. Ngaba kunokwenzeka ukuba uMdali, unokwenza into enjalo ngaphandle kwenjongo? Unotshe! Umele ukuba wayenenjongo, kwaye loo njongo ityhiliwe ibe iBhayibhile iyenza iqondakale.
Uyabona ke, inzululwazi neBhayibhile ziye zandinceda ndafumana iimpendulo kwimibuzo ebendinayo ngobomi. Khawucinge nje ngolwaneliseko lokufumana into ekudala uyifuna kangangeminyaka engama-20! Ngumnqweno wam osuk’ entliziyweni ukuze ndincede abangakumbi bafumane oko ndiye ndakufunda—kungekuphela nje iimpendulo kwimibuzo ebendinayo, kodwa, okubaluleke nangakumbi kunoko, indlela echanileyo yokukhonza uThixo okuphela koyinyaniso, uYehova!
[Imibhalo esemazantsi]
a Inkcazelo engakumbi ifumaneka kwincwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, kwisahluko 10, kumxholo othi UBukumkani BukaThixo Buyalawula kwiphepha 90-7, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova. Ayisashicilelwa ngoku.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 30]
Njengengcali yephysics, ndiye ndafunda ngemithetho elawula ubomi, ibe le mithetho inikela ubungqina bokuba sidalwe ngumntu onamandla angaphezu kwawomntu
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Xa ndandineminyaka eli-12
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Ukuze ndifumane injongo yobomi, ndafunda ukucamngca ngendlela yaseMpuma
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Ukushumayela kundinika uvuyo nolwaneliseko
[Inkcazelo]
Cover of book: J. Hester and P. Scowen (AZ State Univ.), NASA