IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 12/8 iphe. 14-15
  • Ngaba UThixo Uthanda Ezinye Iintlanga Ngaphezu Kwezinye?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba UThixo Uthanda Ezinye Iintlanga Ngaphezu Kwezinye?
  • Vukani!—2005
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Uphawu Olugqwesileyo LukaThixo
  • Isipho SikaThixo Kuluntu Lonke
  • Ngoobani Abathandwa NguThixo?
  • Yintoni Ebisenziwa NguThixo?
    Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Unokulufumana Njani?
  • Bazalelwa Kwisizwe Esinyulwe NguThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Enoba Ungummi Okanye Ungowolunye Uhlanga, UThixo Uyakwamkela!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
Vukani!—2005
g05 12/8 iphe. 14-15

Imbono YeBhayibhile

Ngaba UThixo Uthanda Ezinye Iintlanga Ngaphezu Kwezinye?

ABANTU abaninzi bavakalelwa kukuba uThixo uthanda uhlanga lwabo kunezinye iintlanga. Ukuba bekunokufuneka beze nobungqina obubambekayo boku, bebeya kuphendula bathini? Abanye balatha kwizinto eziphunyezwe kwimbali yohlanga lwabo—njengokuba ngamagorha emfazwe okanye ukuchuma kwezoqoqosho. Basenokuthetha nangezicwangciso zabo eziye zaphumelela ekondleni abalambileyo, ekukhuseleni abasesichengeni sokuxhatshazwa okanye ukubeka phambili okusesikweni nempatho yabo yobulungisa. Kanti abathile bathi bathandwa nguThixo ngenxa yobuhle belizwe labo.

Oku kuzingca ngohlanga ubani alulo kwesamele kuwo onke amazwe. Phofu ke, ngaba iBhayibhile iyayixhasa ingcamango yokuba kukho uhlanga uThixo aluthanda ngaphezu kwezinye iintlanga?

Uphawu Olugqwesileyo LukaThixo

Impendulo icaca xa siluqonda kakuhle uphawu olugqwesileyo loThixo uSomandla, olo iBhayibhile eluchaza ngokucacileyo. UThixo akacaluli bantu. Ngokomzekelo, IZenzo 10:34 zithi: “UThixo akakhethi buso.” IBhayibhile ikwachaza uYehova njengoThixo “ongakhethi buso” kwaye ikwathi “akanantswela-bulungisa nakukhetha buso.” (Duteronomi. 10:17; 2 Kronike. 19:7) UThixo ukuthiyile ukukhetha ubuso, ude akufanise oku nokuswela ubulungisa.

Kodwa usenokuzibuza ukuba ‘Ngaba uThixo akazange athande uhlanga lwakwaSirayeli ngaphezu kwezinye iintlanga? Ngaba oku akuthethi ukuba wayenekhethe?’ UThixo watyumba uhlanga lukaSirayeli kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, waza wawakhusela kwezinye iimfazwe zawo nezinye iintlanga. Ukongezelela, iBhayibhile ithi ngoThixo: “Uxelela uYakobi ilizwi lakhe, uSirayeli imimiselo yakhe nezigwebo zakhe. Akenzanga ngaloo ndlela kulo naluphi na olunye uhlanga.” (Ndumiso 147:19, 20) Phofu ngaba indlela uThixo awayeqhubana ngayo noSirayeli yayibonisa ikhethe? Akunjalo. Makhe siqwalasele izizathu ezithathu.

Esokuqala, uThixo wakhetha uSirayeli ukuze kuzuze iintlanga zonke. Wenza umnqophiso nokhokho wolo hlanga, uAbraham, esithi: “Ziya kuzisikelela ngembewu yakho zonke iintlanga zomhlaba.” (Genesis 22:17, 18) Ewe, injongo kaThixo ngokuqhubana namaSirayeli yayikukuvelisa “imbewu” eyayiza kuzisa iintsikelelo eziyintabalala, kungekuphela nje kuhlanga oluthile, kodwa kuzo “zonke iintlanga zomhlaba.”

Esesibini, uThixo akazange asikelele kuphela uhlanga lwakwaSirayeli. Kunoko, engakhethi buso wabangela ukuba abantu abathile bezinye iintlanga bamnqule kunye nabantu bakhe abakhethileyo. (2 Kronike 6:32, 33) Abantu abaninzi benjenjalo yaye basikelelwa. UmMowabhikazi uRute ngomnye wemizekelo eyaziwayo.—Rute 1:3, 16.

Esesithathu, ulwalamano lukaThixo nohlanga lwakwaSirayeli lwalulolokwexeshana. Ngowama-29 C.E., uSirayeli wavelisa “imbewu” ekwaprofetwa ngayo enguMesiya, uYesu Kristu. (Galati 3:16) Kodwa amaYuda amchasa uYesu njengoMesiya. Wathi kubo: “Khangelani! Indlu yenu ishiyelwa kuni.” (Mateyu 23:38) Emva koko, uThixo waqhawula onke amakhonkco anokuthanani neentlanga kunye neemfazwe zazo. Kunoko, engakhethi buso, wenza ukuba iintsikelelo zifumaneke kulo lonke uluntu. Khawuqwalasele eminye emizekelo.

Isipho SikaThixo Kuluntu Lonke

Idini lentlawulelo likaYesu Kristu sisipho esixabisekileyo esivela kuThixo. (Roma 6:23) Liye lavula indlela yokusikhulula esonweni nasekufeni, lisinika ithuba lokuba sonke sifumane ubomi obungunaphakade. Esi sisipho somntu ngamnye ‘ophuma kuzo zonke izizwe neelwimi nabantu neentlanga.’ (ISityhilelo 5:9) Ewe, uThixo ufuna nabani na “obonakalisa ukholo” kuYesu “abe nobomi obungunaphakade.”—Yohane 3:16.

Iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani bukaThixo zizisa iintsikelelo ezininzi kwabo bamphulaphulayo. (ISityhilelo 14:6, 7) Kuzisa ithemba ngekamva kuze kusinike isiluleko sobulumko esinokusinceda siphile ubomi obonwabisayo ngoku. UYehova engakhethi buso, uye walungiselela ukuba ‘iindaba zilungileyo zobukumkani zishunyayelwe kuwo wonke umhlaba omiweyo zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga.’ (Mateyu. 24:14; 28:19, 20; IZenzo. 16:10) Ezo ndaba zilungileyo zifumaneka eBhayibhileni, incwadi efumaneka—ubuncinane inxalenye yayo—ngeelwimi ezingaphezu kwezingama-2 300. NjengoBawo onothando, uYehova uye walungiselela phantse wonke umntu ukuba afumane ‘amazwi obomi obungunaphakade.’—Yohane. 6:68; Yoshuwa. 1:8.

Ezi nezinye izipho ezivela kuThixo zifumaneka kubantu bonke—ewe, kubantu bazo zonke iintlanga kunye neelwimi. Ngaloo ndlela, ukufumana inkoloseko kaThixo, akuxhomekekanga kwindawo esizalelwe kuyo okanye uhlanga lwethu.

Ngoobani Abathandwa NguThixo?

Yintoni ke esifanele siyenze ukuze samkeleke kuThixo? Umpostile uPetros waphendula wathi: “Kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:34, 35) Licacile elokuba, ukuba nomdla nje kuThixo ngaphandle kwezenzo akuthethi nto. Kufuneka sihlakulele uthando olunyanisekileyo ngoThixo size sikoyike ukungamkholisi. Kwakhona, kufuneka ‘sisebenze ubulungisa’ okanye senze umgudu obonakalayo wokwenza okulungileyo emehlweni kaThixo.

Ngokomzekelo: Kumazwe amaninzi imfundo yinto efumaneka lula, noko ke, imfundo iya kunceda kuphela abo bayayo esikolweni baze bazibhokoxe ezifundweni zabo. Ngokufanayo, inkoloseko kaThixo isenokufumaneka kumntu wonke, kodwa kufuneka senze okuthile ukuze siyizuze. Oku kuquka ukufunda iBhayibhile rhoqo, ukubonakalisa ukholo kwidini likaKristu lentlawulelo nokuphila ubomi obusekelwe kwimilinganiselo yeBhayibhile. Ukuba ‘simfuna ngokwenene uYehova,’ siya kuba sihamba ngendlela eya kumkholisa.—INdumiso. 105:3, 4; IMizekeliso 2:2-9.

[Umfanekiso okwiphepha 15]

UThixo uye wenza ukuba abantu beentlanga zonke bafumane ‘amazwi obomi obungunaphakade.’

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share