Ukujamelana Neengxaki Zokwaluphala
“IMINYAKA yomntu iba ngamashumi asixhenxe, xa ngaba womelele ibe ngamashum’ asibhozo; kodwa ke iza neenkxwaleko neentsizi imihla yethu ithi tshe iphele.” (INdumiso 90:10, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) Le ngoma ebumbongo eyabhalwa kwiminyaka engama-3 000 eyadlulayo, ingqina ukuba ukwaluphala kudala kuyingxaki. Phezu kwako nje ukuhambela phambili kwezamayeza, ezinye iinkalo zokwaluphala ziye zeza “neenkxwaleko neentsizi.” Ziziphi ezi ngxaki yaye abanye bazinyamezela njani ezi ngxaki?
Ukwaluphala Nokuba Nengqondo Ebukhali
UHans oneminyaka engama-79 ubudala enesingqukru uthi: “Eyona nto indenza ndoyike nakakhulu kukudodobala kwengqondo.” Njengabanye abantu abasele baluphele, uHans usuke abindeke xa ecinga ngokulibala. Ukhathazwa kukuba wayelahlekelwa yinto, enye imbongi yantlandlolo eyayibiza ngokuthi ‘sisitya segolide’—ukuxabiseka kwengqondo neenkumbulo enazo. (INtshumayeli 12:6) UHans wabuza: “Ngaba ukudodobala kwengqondo kuyinto eqhelekileyo xa ubani esaluphala?”
Ukuba nawe njengoHans uye uwalibale amagama abantu okanye ungaqiniseki enoba ingqondo iyadodobala kusini na, qiniseka ngoku: Abantu bonke bayalibala enoba badala okanye baselula, kwaye ukutshintsha kwendlela ingqondo esebenza ngayo wakukhula akusoloko kuthetha ukuba uphazamisekile engqondweni.a Nakuba ukudodobala kwengqondo kuyinto eqhelekileyo kubantu abalupheleyo, uGqr. Michael T. Levy, usihlalo wezifundo ngezigulo zengqondo eStaten Island University Hospital eNew York, uthi: “Abantu abaninzi abalupheleyo baqhubeka nobomi babo beneengqondo ezisebenza kakuhle.”
Kakade, abantu abaselula banengqondo ezikhawulezayo ukukhumbula izinto kunabantu abasele bekhulile. Kodwa, isazi ngemithambo-luvo uRichard Restak uthi: “Ukuba sibekel’ ecaleni inkalo yexesha elithatyathwayo ekukhumbuleni izinto, abantu abasele bekhulile bakhumbula ngohlobo olufanayo nabantu abaselula.” Eneneni, xa ziqeqeshwe kakuhle, iingqondo zabantu abadala zingaqhubeka zifunda, zikhumbula yaye ziphucule nobuchule obuthile.
Ukulibala Neemeko Ezinokunyangwa
Kuthekani ukuba ubani unengxaki yokulibala exhomis’ amehlo? Nakuba kunjalo, loo mntu akafanele agqibe kwelokuba naye uphazamisekile engqondweni. Ezinye iingxaki esijamelana nazo ekukhuleni nezinyangekayo zinokubangela ukulibala kunye nokudideka okungaqhelekanga. Oku kudideka kunokubizwa phosakeleyo ngokuthi “kukwaluphala” okanye “ukudodobala kwengqondo”—ngamanye amaxesha kusitsho abantu ekufane kuthiwe ziingcaphephe. Oku, akusithobi isidima sabantu abalupheleyo nje kuphela kodwa kunokubenza babe mathidala ukufuna uncedo lwamayeza olufanelekileyo. Kunokubizwa ngokuba kuyintoni oko kudideka?
Ukudideka okungaqhelekanga kunokubangelwa kukungondleki kakuhle, ukuphelelwa ngamanzi emzimbeni, umlambo, ukwenzakala entloko, ukuba neengxaki zedlala lengqula, ukuphelelwa ziivithamin, izivuka-mva zamayeza athile (side effects) okanye ukuphazanyiswa kukutshintsha kwemeko-bume. Ukulibala kunokubangelwa luxinezeleko okudala lukho yaye ukosulelwa ziintsholongwane kuyenye indlela eyaziwayo engunobangela wokudideka kubantu abalupheleyo. Ukudandatheka kunokuba ngunobangela wokulibala kubantu abalupheleyo. Ngoko, uGqr. Levy ucebisa oku: “Iimpawu zokuqala ezibonisa ukuba ubani uyalibala azimele zibethwe ngoyaba ngokuthi kukwaluphala.” Ukuhlolwa ngokucokisekileyo ngugqirha kunokunceda kuze kubonwe owona nobangela wezo mpawu zokulibala.
Ukumelana Nokudandatheka
Ukudandatheka asinto intsha ebantwini nkqu nakubakhonzi bakaThixo abathembekileyo. Phantse iminyaka enokuba ngamawaka amabini eyadlulayo, umpostile uPawulos kwafuneka acebise amanye amaKristu ngelithi: “Yithuthuzeleni imiphefumlo edandathekileyo.” (1 Tesalonika 5:14) Oku kufuneka ngamandla kweli xesha lethu lizele ziinkathazo. Noko ke, okulusizi kukuba, ukudandatheka kwabantu abadala akusoloko kubonakala okanye kuchazwe kakuhle.
Ngenxa yokunwenwa kwengcamango ephosakeleyo yokuba abantu abalupheleyo amaxesha amaninzi bayadakumba okanye baphakanyelwe ziziciko, ezo mpawu zinokujongwa—ngabanye abantu kunye nabantu abalupheleyo ngokwabo—njengendlela eqhelekileyo yokwaluphala. Incwadi ethi Treating the Elderly ithi: “Noko ke, oku akuyonyaniso. Ukudandatheka kwabantu abalupheleyo akungomphumo wokwaluphala.”
Ukudandatheka kwabantu abadala ixesha elide—okwahlukileyo kwinkxalabo nje yezinto ezingabalulekanga—kusisigulo esiyingozi nesinokuba nemiphumo emibi yaye akufanele kubethwe ngoyaba. Ukudandatheka okunganyangwayo kunokuba nzulu kangangokuba aba badandathekileyo banokufuna ukuzibulala. UGqr. Levy echaza indlela oku okunokuba yingxaki ngayo kubantu abadala, uthi: “Ukuphazamiseka engqondweni okunyangekayo kokona kunokubangela umntu afe.” Ukuba ukudandatheka kuthabath’ unyawo, umguli kunokufuneka anyangwe ngugqirha onamava ngeemeko ezinjalo.b—Marko 2:17.
Abantu abadandathekileyo banokuqiniseka ukuba uYehova “unomsa omkhulu nenceba.” (Yakobi 5:11) UYehova “usondele kwabo baphuke intliziyo.” (INdumiso 34:18) Eneneni, ngoyena ‘ubathuthuzelayo abo badakumbileyo.’—2 Korinte 7:6.
Ungaze Uzive Ungento Yanto
Kwiminyaka engaphezu kwama-3 000 eyadlulayo uKumkani uDavide wathandaza wathi: “Musa ukundilahla ngexesha lobudala; xa amandla am ephela, musa ukundishiya.” (INdumiso 71:9) Kwanakule nkulungwane yama-21, loo mazwi aqhelekile kubantu abalupheleyo abacinga ukuba baya kujongwa njengabantu abangento yanto. Ubuthathaka obubangelwa yimpilo enkenenkene, ukuziva ungafaneleki kunye nokunyanzelwa ngomhlala-phantsi kumsebenzi wempangelo, kunokukwenza uzive uhluthwe isidima.
Phofu ke, ngokukhangela oko sinokukwenza size singadinyazwa koko singenakukwenza, sinokusibuyisa isidima size sizive sixabisekile. Ngokuphathelele lo mba, ingxelo yeZizwe Ezimanyeneyo iye yakhuthaza ukuba ubani ‘aqhubeke ephucula ubomi bakhe ngokufunda ngokucwangcisiweyo nangokungacwangciswanga, abe nenxaxheba kwimibutho yasekuhlaleni nakunqulo.’ UErnest, waseSwitzerland, oliNgqina likaYehova, umbhaki ophum’ izandla nodla umhlala-phantsi, ngumzekelo omhle ‘ngokuqhubeka efunda izinto ezintsha.’ Eneminyaka engaphezulu kwama-70 ubudala, wathenga ikhompyutha waza wafunda indlela yokuyisebenzisa. Kwakutheni ukuze enze le nto ekubeni abantu abadala abaninzi bengaziginyi ncam izinto zobugcisa? Esixelela, uthi: “Okokuqala, ukuze ndigcine ingqondo yam isebenza kakuhle njengoko ndisiya ndisaluphala. Okwesibini, ukuze ndingasalel’ emva kwezobugcisa nto leyo enokundinceda ekwenzeni uphando ngeBhayibhile nokuze ndizigcine ndixakekile ebandleni.”
Ukwenza imisebenzi ethile kunokwenza umntu owalupheleyo aneliseke: Kumenza abe nenjongo yokuphila kude kumngenisele nemadlana. UKumkani uSolomon owayesisilumko wafumanisa ukuba, kusisipho esivela kuThixo esiya kuluntu ‘ukuba nemihlali nokwenza okulungileyo ebudeni bokudla kwakho ubomi; kwanokuba wonk’ umntu ufanele adle, asele aze ngokwenene abone okulungileyo kuko konke ukusebenza kwakhe nzima.’—INtshumayeli 3:12, 13.
Ukwenza Konke Okusemandleni Ethu
Kwiindawo ezininzi ngabantu abadala abadlulisela ulwazi, indlela yokuziphatha kunye nemilinganiselo yokomoya kwizizukulwana ezilandelayo. UKumkani uDavide wabhala wathi: “Nangona ndiyingwevu nje, sukundilahla, Thixo, ndide ndiwabhengeze amandla akho nakwizizukulwana ezizayo.”—INdumiso 71:18, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.
Kuthekani ke ukuba abantu abadala abasakwazi ukwenza ezinye izinto ngenxa yempilo okanye imeko abakuyo? Le nto iyamkhathaza uSarah oneminyaka engama-79 ubudala noliNgqina likaYehova, owachaza intlungu yakhe kumdala webandla. Lo mdala wamkhumbuza ngomgaqo weBhayibhile othi: “Isikhungo somntu olilungisa, xa sisebenza, sinamandla amakhulu.” (Yakobi 5:16) Lo mdala wamcacisela wathi: “Kwiminyaka edluleyo, uye wazakhela ulwalamano oluhle noThixo. Ngoku lixesha lokuba nathi sizuze kulwalamano lwakho noThixo xa usikhankanya kwimithandazo yakho.” USarah waziva ekhuthazeke kakhulu xa lo mdala wathi: “Sarah, sicela usibeke emithandazweni yakho.”
Njengoko oku kwathi thaa kuSarah, ukuthandaza kuyeyona ndlela inenzuzo abantu abaninzi abalupheleyo abayisebenzisayo imini nobusuku bethandazela abazalwana babo. (Kolose 4:12; 1 Timoti 5:5) Kwangaxeshanye, oku kwenza abo balupheleyo basondele nangakumbi ‘kuMphulaphuli wemithandazo,’ uYehova.—INdumiso 65:2; Marko 11:24.
Abantu abalupheleyo abanakukwazi ukwenza yonke into abayifunayo kodwa ngenxa yamava kunye nezinto zabo eziphathekayo, baxatyiswa kakhulu kwibutho labantu. Bakubonisa ngokucacileyo kuba “isithsaba sokuhomba zizimvi xa sifunyanwa endleleni yobulungisa.” IMizekeliso 16:31.
Kodwa sinokuzibuza ukuba liya kuba njani ikamva njengoko sikhula size saluphale? Ngaba ngaphandle kwamaphupha, sinokujonga kwiminyaka ezayo sikhangele ubomi obubhetele?
[Imibhalo esemazantsi]
a Abanye abaphengululi bathi “malunga nabantu abalupheleyo abangama-90 ekhulwini, abangaphezu kweminyaka engama-65 ubudala abaguli ngengqondo.” Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokuphazamiseka kwengqondo, funda ungcelele lwamanqaku athi “Ukujamelana Nesifo Sika-Alzheimer,” kwinkupho kaVukani! kaOktobha 8, 1998.
b UVukani! akancomeli hlobo luthile lonyango. AmaKristu amele aqiniseke ukuba unyango alufunayo alungqubani nemilinganiselo yeBhayibhile. Funda ungcelele lwamanqaku anomxholo othi: “Ukuqonda Ingxaki Yeemvakalelo,” kwinkupho kaVukani! kaJanuwari 8, 2004.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
Abantu abadala ngokuqhelekileyo baziva besala ngasemva kubomi bale mihla obukhawulezayo
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 7]
Indlela Wena Onokubanceda Ngayo Abantu Abalupheleyo
◼ Hlonela Isidima Sabo. “Ungayihlabi amadlala ngokuqatha indoda enkulu. Kunoko, yibongoze njengoyihlo, . . . abafazi abakhulu njengoonyoko.”—1 Timoti 5:1, 2.
◼ Phulaphula Ngenyameko. “Wonke umntu umele akhawuleze ukuva, acothe ukuthetha, acothe ukuqumba.”—Yakobi 1:19.
◼ Yiba Novelwano. “Cingani nto-nye nonke, nivelane, ninomsa wobuzalwana, nemfesane, nithobekile engqondweni, ningabuyiseli ububi ngobubi okanye ukutshabhisa ngokutshabhisa.”—1 Petros. 3:8, 9.
◼ Nikela Ukhuthazo Xa Kuyimfuneko. “Linjengama-apile egolide kwinto yesilivere ekroliweyo ilizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo.”—IMizekeliso 25:11.
◼ Bameme. “Landelani ikhondo lokubuk’ iindwendwe.”—Roma 12:13.
◼ Bancede Ngezinto Eziphathekayo. “Kodwa nabani na onezinto zokuxhasa ubomi zeli hlabathi aze abone umzalwana wakhe eswele, kodwa azivalele iimfesane zakhe kuye, lungathini na ukuhlala kuye uthando lukaThixo? Bantwana abancinane, masingathandi ngazwi nangamlomo, kodwa ngezenzo nangenyaniso.”—1 Yohane 3:17, 18.
◼ Yiba Nomonde. “Yambathani umsa wemfesane, ububele, ukuthobeka kwengqondo, ubulali, nokuzeka kade umsindo.”—Kolose 3:12.
Ngokukhathalela abantu abadala, sibonakalisa intlonelo kwimilinganiselo kaThixo, kuba iLizwi lakhe lithi: “Usukume phambi kwengwevu, uyihlonele indoda enkulu [okanye umfazi okhulileyo].”—Levitikus 19:32.
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Ukuxilongwa ngugqirha ngokucokisekileyo kunokuba luncedo