Okwenzeka Ehlabathini
◼ Kuqikelelwa ukuba abantu abazizigidi ezingama-200, isihlanu ekhulwini sabo bonke abantu abasehlabathini abaphakathi kweminyaka eli-15 nengama-64 ubudala, baye basebenzisa iziyobisi ngokungekho mthethweni kunyaka ophelileyo.—2005 WORLD DRUG REPORT, UNITED NATIONS OFFICE ON DRUGS AND CRIME
◼ Kuhlolisiso kuthiwa othile okwishumi elivisayo obona xa kudutyulwana unamathuba ngokuphindwe kabini okuba nenxaxheba kugonyamelo kwiminyaka emibini ezayo.—SCIENCE MAGAZINE, U.S.A.
◼ ESão Paulo, eBrazil, kwisibhedlele esinye nangonyaka omnye kufunyaniswe ukuba amabhinqa ali-16,8 ekhulwini anomhlaza wamabele, angaphantsi kweminyaka engama-35 ubudala. Ukuba lo mhlaza uye wafunyaniswa usaqala, amabhinqa angama-90 ekhulwini asenokuchacha.—FOLHA ONLINE, BRAZIL
Ukujamelana Nesithukuthezi
IThe Vancouver Sun ithi, abaphengululi abafunda ngonobangela wesithukuthezi bathi “yenye yezona zifo ziphambili kwixesha lethu.” Kolunye uhlolisiso kwafunyaniswa ukuba “phantse abantu abathathu kwabane kuMntla Merika bathi banqwenela ukwenza into entsha nebangel’ umdla ebomini babo.” Phakathi kwezinto ezicetyiswa ngamaphephandaba ukuze sijamelane nokuba nesithukuthezi, kukhankanywa nezi: “Yenza utshintsho kwindlela ophila ngayo ukuba iyakukruqula,” “funda into entsha,” yenza “umsebenzi obangel’ umdla ngokuzithandela,” “yenza umthambo, njengokuhamba” yaye “ziqhelise ukupha.”
Ubukhoboka Bale Mihla
IUnited Nations International Labor Organization (ILO) ithi: “Ehlabathini lonke ubuncinane ngabantu abazizigidi ezili-12,3 abanomsebenzi ekunyanzelekileyo bawenze enoba bayathanda okanye abathandi. Kuqikelelwa ukuba, bangaphezu kwezigidi ezisisi-2,4 abantu abathengwayo nabathengiswayo. Umzekelo wabantu abenza umsebenzi othile—bengazimiselanga okanye benyanzelekile kuba besongelwa—ngoonongogo, abaya emkhosini, abo bahlawulwa imali encinane okanye bangafumani kwanto, ekubeni umvuzo wabo uhlawula ityala. Ngokutsho koMalathisi-jikelele we-ILO uJuan Somavia, “umsebenzi onjalo ubangela ukuba angahlonelwa amalungelo abantu yaye kuthotywa nesidima sabo.”
Ukugqitywa KweBhayibhile Yokuqala YesiKriol
IThe Sydney Morning Herald ithi: “Inguqulelo yokuqala yeBhayibhile, ukususela kwiGenesis ukusa kwiSityhilelo ngolwimi lweenkobe lwaseOstreliya, igqityiwe.” Le nguqulelo intsha yesiKriol, eza kukhululwa ngowama-2007, iza kunceda aBemi Bomthonyama abanokuba ngama-30 000 abakwimimandla esemaphandleni yoMntla Ostreliya. Elinye iphephandaba lithi: “Kuthabathe iminyaka engama-27 ukuguqulela le Bhayibhile.” Ngokutsho kweUnited Bible Societies, “kuye kwaqaliswa iinguqulelo ezingama-22 zeTestamente Entsha ngowama-2004.” Ngoku iBhayibhile inokufundwa iphelele okanye iyinxalenye ngeelwimi ezingama-2 377.
Iqondo Lobushushu Kwimoto Emileyo
Iphephancwadi iPediatrics lithi, ebudeni bowama-2004 eUnited States, kuye kwafa abantwana abangama-35 ngenxa yobushushu emva kokuba beshiywe emotweni emileyo. Uhlolisiso lubonisa ukuba xa ngaphandle iqondo lobushushu lidlula kuma-30 ngokukaCelsius, iqondo lobushushu ngaphakathi emotweni linokukhawuleza liye kufikelela kuma-57 ukusa kuma-68 ngokukaCelsius. Kwanokuba iqondo lobushushu ngaphandle lingama-22 ngokukaCelsius, iqondo lobushushu emotweni lisenokunyuka liye kufikelela kuma-40, elo qondo linyuka nje ngemizuzu eli-15 ukusa kwengama-30 emva kokuba kumiswe imoto. Ukushiya ifestile zivuliwe kangangeesentimitha ezine akwenzi mahluko, njengokuba kunjalo nangokuvulela umoya ngaphambi kokuba ucime imoto. Ababhali beli nqaku bacinga ukuba ukulumkisa bonke abantu ngeengozi ezibangelwa koku kunokusindisa ubomi babantu.