IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w05 4/1 iphe. 30-31
  • Ukufunisisa Abafanelekayo Kummandla Osemagqagaleni WaseOstreliya

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukufunisisa Abafanelekayo Kummandla Osemagqagaleni WaseOstreliya
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • AbeMi Bomthonyama BaseOstreliya—Abantu Abakhethekileyo
    Vukani!—1994
  • “Ndiza Kuhlala Phantsi Ndize Ndiyifunde Ngasemlilweni”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • ITasmania—Isiqithi Esincinane, Esinebali Elingaqhelekanga
    Vukani!—1997
  • Funisisani Ofanelekayo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
w05 4/1 iphe. 30-31

Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa

Ukufunisisa Abafanelekayo Kummandla Osemagqagaleni WaseOstreliya

EOSTRELIYA kukho indawo enkulu eyaziwa ngokuba ngummandla osemagqagaleni. Kangangeminyaka eli-12 eminye yale mimandla ikwanti ayizange ive ngeendaba ezilungileyo. Ngoko amaNgqina kaYehova aseDarwin, kwidolophu enkulu ekuMmandla oseMantla, aququzelela iphulo lokuya kushumayela apho ngokucokisekileyo iintsuku ezisithoba ukuze afunisise abafanelekayo.—Mateyu 10:11.

Aqalisa ukuceba kakuhle kwiinyanga ezili-12 ngaphambili, esenza nemaphu yommandla ongaphezu kwezikwe-khilomitha ezingama-800 000—ummandla obuphinda kathathu ubukhulu beNew Zealand. Ukuze uqonde ubukhulu balo mmandla ukwanti, cinga ngomlinganiselo weendlela ezisuka kumasango ukuya kwizindlu zeefama ezingaphezu kweekhilomitha ezingama-30! Ngaphezu koko, kwezinye iindawo, ukusuka kwesinye isitishi ukuya kwesinye uhamba iikhilomitha ezingama-300 nangaphezulu.

Kwelo phulo kwakukho amaNgqina ali-145 awayesebenza ngokuzithandela. Amanye ayevela eTasmania. Amanye afika ngeemoto ezitsala ngawo omane (four-wheel-drive) ezithwele iimpahla nezixhobo abaza kuzisebenzisa kunye nepetroli. Amanye ayefake iimpahla zawo kwiinqwelwana ezirhuqwayo. Ukongezelela, kwakuqeshwe iibhasi ezimbini ezihlalisa abantu abangama-22 ukuze kukhwele abo bangenazo ezo moto zitsala ngawo omane ezilungele eso sihlandlo. Abo babehamba ngeebhasi babeshumayela kubemi beedolophu ezincinane ezikwintsimi ekuza kushunyayelwa kuyo.

Ngaphambi kokuba baqalise uhambo, abazalwana balungiselela iintetho nemiboniso ebonisa indlela ekuza kushunyayelwa ngayo kule ntsimi ingaqhelekanga. Ngokomzekelo, ukuze kushunyayelwe ngokuphumelelayo kuBemi Bomthonyama kufuneka kuthotyelwe imithetho ethile yaye kwaziwe amasiko abo. Kwanikelwa ingqalelo nakwimibandela ephathelele ukulondolozwa kwendalo.

Kwananditshwa amava amaninzi abalaseleyo. Ngokomzekelo, abazalwana balungiselela ukuba kunikelwe intetho yesidlangalala komnye ummandla ohlala aBemi Bomthonyama. Ibhinqa eliphetheyo apho laya kubazisa ngokwalo abantu balapho ngale ntetho. Emva koko, kwahanjiswa iincwadi ezi-5 neencwadana ezinemifanekiso ezingama-41 kwabo babekho. Komnye ummandla kwadityanwa nomnye uMmi Womthonyama. WayeneBhayibhile yakhe, iKing James Version, eyayindala yaye igugile. Xa wabuzwayo ukuba uyalazi na igama likaThixo, wavuma, waza wathi rhuthu IMboniselo endala epokothweni yebhatyi yakhe. Wafunda ingcaphulo eyayikwelo phephancwadi kaMarko 12:30 ethi: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela.” Wathi, “Ndisithanda ngokwenene esi sibhalo.” Emva kwengxubusho ende yeBhayibhile, wanikwa iBhayibhile entsha kunye nempapasho esekelwe eBhayibhileni.

Kufuphi neGulf of Carpentaria, usibonda wefama yeenkomo eziihektare ezingama-400 000 waba nomdla kwisigidimi soBukumkani. Xa waboniswa iNcwadi Yam Yamabali EBhayibhile noLwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade,a wabuza enoba ikho kusini na impapasho ngolwimi lwesiKriol. Umbuzo ofana nalo babeqala ukuwuva kuba nakubeni bebaninzi aBemi Bomthonyama abathetha isiKriol, bambalwa abakwaziyo ukusifunda. Kamva abavakalisi bafumanisa ukuba bonke abasebenzi baloo fama abangama-50 bayakwazi ukufunda isiKriol. Lo sibonda wakuvuyela ukufumana uncwadi lweBhayibhile ngesiKriol, ibe wabanika nenombolo yakhe yefowuni ukuze banxibelelane naye.

Kwezo ntsuku zisithoba beshumayela ngokucokisekileyo, bahambisa iiBhayibhile ezili-120, iincwadi ezingama-770, amaphephancwadi angama-705 neencwadana ezinemifanekiso ezili-1 965. Ukongezelela, kwenziwa amabuyelo angama-720 kwaza kwaqaliswa izifundo zeBhayibhile ezingama-215.

Ngokwenene, ekugqibeleni kwahluthiswa uninzi lwabantu ababesasazeke kuloo mmandla mkhulu abafanelekayo nababelambile ngokomoya.—Mateyu 5:6.

[Umbhalo osemazantsi]

a Zipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Imaphu ekwiphepha 30]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

AUSTRALIA

NORTHERN TERRITORY

Darwin

Gulf of Carpentaria

Sydney

TASMANIA

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share