Imbono YeBhayibhile
Ngaba Ngokwenene UYesu Wafela Emnqamlezweni?
UMNQAMLEZO lolona phawu lonqulo lwaziwa kakhulu ngabantu. Izigidi zabantu ziyawuhlonela, ziwugqala njengento engcwele uYesu awafela kuyo. Umbhali ongumRoma Katolika nongumphengululi wezinto zakudala uAdolphe-Napoleon Didron wathi: “Umnqamlezo uye wanqulwa ngendlela efanayo noKristu ukuba akukho ngaphezulu, lo mthi ungcwele uthandwa phantse ngokufana noThixo.”
Abanye bathi umnqamlezo ubenza bazive besondele ngakumbi kuThixo xa bethandaza. Abanye bawujonga njengekhubalo, becinga ukuba uya kubakhusela kwimimoya engendawo. Kodwa ngaba amaKristu amele asebenzise umnqamlezo njengophawu lonqulo? Ngaba uYesu wafela emnqamlezweni ngokwenene? Yintoni efundiswa yiBhayibhile ngalo mbandela?
Umnqamlezo Ufanekisela Ntoni?
Ngaphambi kokuba kufike ubuKristu, iminqamlezo yayisetyenziswa ngabemi baseBhabhiloni njengophawu lwabo lonqulo kuthixo wabo wenzala uTamuzi. Ukusetyenziswa komnqamlezo kwanwenwela eYiputa, eIndiya, eSiriya naseTshayina. Emva kweenkulungwane kamva, amaSirayeli ayingxenga indlela yawo yokunqula uYehova nendlela yokunqula uthixo wobuxoki uTamuzi. IBhayibhile ibhekisa kolu hlobo lonqulo ‘njengento ecekisekayo.’—Hezekile 8:13, 14.
Ingxelo yeVangeli kaMateyu, uMarko, uLuka kunye noYohane zisebenzisa igama elithi stau·rosʹ xa zibhekisela kwinto uYesu awafela kuyo. (Mateyu 27:40; Marko 15:30; Luka 23:26) Igama elithi stau·rosʹ libhekisela kwipali eme nkqo okanye kwisibonda somthi. Incwadi ethi The Non-Christian Cross, ebhalwe nguJ. D. Parsons iyacacisa: “Akukho nasinye isivakalisi esisondeleyo okanye sayelelana nemibhalo emininzi yeTestamente Entsha ebhalwe ngolwimi lwantlandlolo lwesiGrike, esisebenzise igama elithi stauros kwinto eyahlukileyo kwistauros eqhelekileyo. Akukho kwanto ebonisa ukuba le yayiyimithi emibini ebethelelwe yangumnqamlezo endaweni yomthi omnye.”
Ngokwengxelo ekwiZenzo 5:30, umpostile uPetros wasebenzisa igama elithi xyʹlon, elithetha “umthi” nelisisithetha-ntonye negama elithi stau·rosʹ, nelibonisa ukuba yayingezizo izibonda ezibini ezibethelelweyo, kodwa umthi nje oqhelekileyo ome nkqo. Kwiminyaka engama-300 emva kokufa kukaYesu, ababezingomb’ izifuba besithi bangamaKristu bavela nengcamango yokuba uYesu wafela kwizibonda ezibini ezingumnqamlezo. Noko ke, le mbono yayisekelwe kwizithethe nasekusetyenzisweni kakubi kwegama lesiGrike elithi stau·rosʹ. Kuye kwaphawulwa ukuba, kwimizobo yamandulo yamaRoma, kuboniswe abantu bexhonywe kwisibonda esinye somthi endaweni yomnqamlezo.
“Zilindeni Kuzo Izithixo”
Eyona nkalo ibalulekileyo afanele amaKristu okwenyaniso azixhalabise ngayo kukufaneleka kokusebenzisa isixhobo awabulawa ngaso uYesu. Enoba yayingumthi wentuthumbo ome nkqo, umnqamlezo, utolo, umkhonto okanye imela, ngaba kufanelekile ukusebenzisa isixhobo esinjalo elunqulweni?
Masithi isihlobo sakho siye sabulawa ngokumasikizi yaye isixhobo esibulewe ngaso siziswa enkundleni njengobungqina. Ngaba ubuya kuzama ukuba unikwe esi sixhobo ibe sesakho, usifote uze wenze nezinye ifoto ukuze uzinike abanye? Ngaba ubungade wenze ezinye izixhobo ezifana naso ezincinane nezinkulu? Ngaba unokude wenze nezinye zibe zizacholo? Okanye ngaba ubunokuzithengisa ukuze abahlobo nezalamane bazinqule? Kusenokwenzeka ukuba ukucinga into enjalo kuhlasimlis’ umzimba! Kodwa ke, ezi zizinto kanye ezenziwayo ngomnqamlezo!
Ngaphezu koko, ukusebenzisa umnqamlezo kunqulo akwahlukanga kunqulo zithixo, isenzo esingafunwa nokubonwa eBhayibhileni. (Eksodus 20:2-5; Duteronomi 4:25, 26) Umpostile uYohane wazibeka zacaca izinto ngokuphathelele iimfundiso zamaKristu okwenyaniso xa wawabongoza ngala mazwi: “Bantwana abancinane, zilindeni kuzo izithixo.” (1 Yohane 5:21) Oku akwenza, nakuba ayejamelene nokufa kumabala aseRoma.
Noko ke, amaKristu enkulungwane yokuqala ayekugqala njengento ebalulekileyo ukufa kukaKristu okulidini. Nanamhlanje, nakuba isixhobo esasetyenziswelwa ukubulala uYesu singafanele sinqulwe, amaKristu okwenyaniso abhiyozela ukufa kukaYesu okuyindlela kaThixo yokusindisa uluntu olungafezekanga. (Mateyu 20:28) Le ndlela ibalaseleyo yothando lukaThixo iya kuzisa iintsikelelo ezingathethekiyo kwabo bathanda inyaniso, eziquka ithemba lokuphila ubomi obungunaphakade inyaniso.—Yohane 17:3; ISityhilelo 21:3, 4.
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Eminye imizobo yakudala ibonisa ukuba kwakusetyenziswa isibonda esinye somthi xa amaRoma ayexhoma umntu
[Inkcazelo]
Rare Books Division, The New York Public Library, Astor, Lenox and Tilden Foundations