IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 5/06 iphe. 28-29
  • Ngaba Yinto Enokwenzeka Ukuba Noxolo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Yinto Enokwenzeka Ukuba Noxolo?
  • Vukani!—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • “Funa Uxolo Uluphuthume”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Uxolo​—⁠Unganalo Njani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
  • Khaliphani, Kodwa Nibe Noxolo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
  • Indlela Amazwi KaYesu Alubangela Ngayo Uyolo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
Vukani!—2006
g 5/06 iphe. 28-29

Imbono YeBhayibhile

Ngaba Yinto Enokwenzeka Ukuba Noxolo?

KWINTSHUMAYELO yakhe edumileyo yasentabeni, uYesu Kristu wathi: “Banoyolo abanoxolo.” Wakwathi: “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.” (Mateyu 5:5, 9) Ukuba noxolo kuquka okungaphezulu kunokuphepha ukulwa okanye ukuba ngumntu ozolileyo. Umntu onoxolo uthabatha inyathelo lokuqala ekwenzeni okuhle aze aphile ngoxolo nabanye.

Ngaba okwathethwa nguYesu kula mazwi angasentla kunokwenzeka namhlanje? Abanye bavakalelwa kukuba ukuze uphumelele kule mihla kufuneka abantu bakoyike, ube ngqongqo okanye ube yindlobongela. Ngaba bubulumko ukuthanda abakuthandayo ube ndlongondlongo kwabo baziindlobongela? Okanye, ngaba kunokwenzeka ukuba noxolo? Makhe siqwalasele izizathu ezithathu ezenza sinikele ingqalelo kumazwi kaYesu athi: “Banoyolo abanoxolo.”

◼ INTLIZIYO EZOLILEYO “Intliziyo ezolileyo ibubomi kumzimba wenyama,” itsho njalo IMizekeliso 14:30. Oogqirha abaninzi bathi umsindo neengcwangu zinokuba ngunobangela wokufa kwamalungu omzimba nokuhlaselwa sisifo sentliziyo. Kutshanje, ulindixesha wezempilo, xa ethetha ngabantu abanesifo sentliziyo uye wakufanisa ukugqajukelwa ngumsindo njengetyhefu. Lo lindixesha uthi “ukuba nomsindo kakhulu kunokuphumela ekuguleni kakhulu.” Noko ke, abo banoxolo banokuba nentliziyo ezolileyo.

Omnye umzekelo woku nguJim oneminyaka engama-61 ubudala nofundisa abemi baseVietnam iBhayibhile. Ubalisa esithi: “Emva kweminyaka emithandathu ndisemkhosini nemithathu ndisemfazweni eVietnam, bendikwazi kakuhle oko bukuko ubundlobongela, umsindo noxinezeleko. Oko kwenzeka kum bekundikhathaza yaye bendiphuthelwa. Kungekudala ndaba noxinezeleko, ndakhathazwa sisisu ndaza ndaphazamiseka engqondweni, yaye oku kwayichaphazela impilo yam.” Yintoni eyeza nesiqabu? Uphendula athi: “Ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova kuye kwasindisa ubomi bam. Ukufunda ngoThixo nenjongo yakhe yehlabathi elitsha nendlela nam endinokwambatha ngayo ubuntu obutsha kuye kwayenza yazola intliziyo yam. Ndiye ndabuyela empilweni. (Efese 4:22-24; Isaya 65:17; Mika 4:1-4) Abanye ngokusuka kubo siqu, baye babona ukuba ukuhlakulela umoya woxolo kunokuphucula imvakalelo, impilo yabo yokomoya neyokwenyama.—IMizekeliso 15:13.

◼ KUKUZISELA ULONWABO Ulwalamano lwethu nabanye luya kuphucuka xa sibonakala sinomoya woxolo. IBhayibhile ithi ‘umsindo nengqumbo nokumemeza nokutshabhisa’ “mabususwe kuni . . . , nabo bonke ububi.” (Efese 4:31) Abo babonakalisa umoya wobundlobongela ngokuqhelekileyo bangamalolo yaye loo nto yenza bangakwazi ukuba nabahlobo abasenyongweni. IMizekeliso 15:18 ithi: “Indoda enomsindo ixhokonxa usukuzwano, kodwa ozeka kade umsindo udambisa ingxabano.”

UAndy, oneminyaka engama-42 ubudala, nongumdala kwibandla lamaKristu eNew York, ukhule engqongwe bubundlobongela. Uthi: “Ndaqeqeshelwa ukudlala amanqindi ndineminyaka esibhozo ubudala. Abantu endandisilwa nabo ndandingabajongi njengabantu. Indlela endandicinga ngayo yeyokuba ‘ndiyabethwa okanye ndiyabetha.’ Kungekudala ndandikwiqela lemigulukudu. Kwakuxatyanwa kusiliwa nasezitratweni. Ndikhe ndakhonjwa ngompu ndanyolwa nangemela. Abahlobo bam abaninzi babengoophuma silwe yaye befuna ukoyikwa.”

Yintoni eye yanceda uAndy ukuba afune uxolo? Uyaphendula: “Ngenye imini ndaya kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova, ndaziva ndikunye nabantu abanothando. Ukususela ngoko, ukunxulumana nabantu abanomoya wokuthand’ uxolo kuye kwandinceda ndahlakulela intliziyo ezolileyo ndaza ngokuthe ngcembe ndayeka indlela yam yokucinga yangaphambili. Ndiye ndanabahlobo abaninzi bokwenene.”

◼ KUKUNIKA ITHEMBA NGEKAMVA Esona sizathu sibalulekileyo sokuba noxolo sesi: Kukuzisa uzuko nentlonelo kwinjongo yoMdali wethu. ILizwi kaThixo iBhayibhile, liyasibongoza: “Funa ukufumana uxolo, ulusukele.” (INdumiso 34:14) Ukwazi ngobukho bukaYehova uThixo, sifunde size sithobele iimfundiso zakhe ezinik’ ubomi, kunokusivulela amathuba okwenza ubuhlobo naye. Xa silufumene olo lwalamano lomeleleyo, sifumana “uxolo lukaThixo.” Olu luxolo loyisa nezona nzingo zobomi.—Filipi 4:6, 7.

Ukongezelela, ngokuba noxolo, sibonisa uYehova uhlobo lwabantu esifuna ukuba lulo. Sibonisa uThixo ukuba siyakufanelekela ukuphila kwihlabathi lakhe elitsha elinoxolo. Xa sele ebancothule neengcambu abangendawo, njengokuba uYesu esitsho, abalulamileyo ‘baya kuwudla ilifa umhlaba,’ siya kuba lapho sizibonela ngawethu amehlo. Le iya kuba yintsikelelo yokwenene!—INdumiso 37:10, 11; IMizekeliso 2:20-22.

Ewe, ukuba sengqiqweni kwamazwi kaYesu athi “banoyolo abanoxolo” kucacile. Sinokuba nentliziyo ezolileyo, ulwalamano lokwenene kunye nethemba elihle ngekamva. Sinokuxhamla kwezi ntsikelelo ukuba senza konke esinako ukuze sibe “noxolo nabantu bonke.”—Roma 12:18.

[Imifanekiso ekwiphepha 28]

“Ndiye ndabuyela empilweni.”—uJim

[Imifanekiso ekwiphepha 29]

“Ndiye ndaba nabahlobo abaninzi bokwenene.”—uAndy

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share