IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/06 iphe. 1
  • Khaliphani, Kodwa Nibe Noxolo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Khaliphani, Kodwa Nibe Noxolo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • “Ukuba Noxolo Nabantu Bonke”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Ngaba Yinto Enokwenzeka Ukuba Noxolo?
    Vukani!—2006
  • “Funa Uxolo Uluphuthume”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Masivakalise Ezi Ndaba Zilungileyo ZoBukumkani
    Mvumeleni Iindumiso UYehova—Iculo Elincinane
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
km 11/06 iphe. 1

Khaliphani, Kodwa Nibe Noxolo

1 Abantu abaninzi esishumayela kubo baneenkolelo ezingqubanayo nenyaniso yeBhayibhile. Ngoxa simele sishumayele ngenkalipho kubo, sikwazimisele “ukuba noxolo nabantu bonke” nokuphepha ukubacaphukisa ngokungeyomfuneko. (Roma 12:18; IZe. 4:29) Sinokwenza njani ukuze sikhaliphe, ngoxa sinoxolo, xa sishumayela isigidimi soBukumkani?

2 Zazi Izinto Ovumelana Ngazo Nabantu: Umntu onoxolo akahambi ephikisana nabantu. Ukuphikisa iinkolelo ezendeleyo kumninimzi kuya kumenza angawuthandi umyalezo esiwuphetheyo. Xa eye wathetha into ebheke ecaleni, mhlawumbi ngobuchule sinokutshayelela ingongoma esiza kuvumelana naye kuyo. Xa sigxininisa izinto esivumelana naye kuzo, sinokutsho sikwazi ukuthibaza nayiphi na inkcaso anayo size simenze abe nomdla.

3 Xa simyeka umninimzi aqhubeke enembono ephosakeleyo, ngaba loo nto ithetha ukuba sivumelana naye okanye siyenza buthathaka inyaniso? Akunjalo. Isabelo esisinikiweyo njengabalungiseleli abangamaKristu asikokuhamba siphikisana nayo yonke into ebheke ecaleni esidibana nayo, kodwa kukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. (Mat. 24:14) Kunokuba simngxamele umntu onembono ephosakeleyo, sinokusebenzisa elo thuba ukuze siqonde isizathu sokuba acinge ngaloo ndlela.—IMize. 16:23.

4 Mphathe Ngesidima: Kubakho amaxesha apho kuye kufuneke ukuba sikhaliphe xa siphikisa iimfundiso zobuxoki. Noko ke, njengabantu abanoxolo, asigculeli mntu kwaye asisebenzisi magama anyelisayo xa sichaza abo bakholelwa nabafundisa izinto ezingachananga. Umntu okhukumeleyo uyabalekwa ngabantu, kodwa othobekileyo nonobubele uyazivula iingqondo zabo bayithandayo inyaniso. Xa sibahlonela abo basiphulaphulayo kunye neenkolelo zabo sibaphatha ngesidima, ibe loo nto yenza kube lula ukuba bamkele isigidimi sethu.

5 Umpostile uPawulos wayecinga ngeenkolelo zabo wayebashumayeza aze azame ukudlulisela iindaba ezilungileyo kubo ngendlela eya kuba nomtsalane. (IZe. 17:22-31) Waba “zizinto zonke kubantu bazo zonke iintlobo,” ukuze ‘ngandlela zonke asindise abathile.’ (1 Kor. 9:22) Sinokwenza okufanayo ngokuba noxolo xa sishumayela iindaba ezilungileyo ngenkalipho.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share