IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 6/06 iphe. 28-29
  • Saqala Njani Isono?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Saqala Njani Isono?
  • Vukani!—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Umqathango Osengqiqweni
  • Ilinge Lokwenza Unothanda
  • Sinokufunda Nto Ithile Kwisibini Sokuqala Esingabantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Sasiyintoni Isono Sokuqala?
    Vukani!—1990
  • Babunjani Ubomi EParadesi?
    Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade
  • Kutheni Sisaluphala Size Sife?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
Khangela Okunye
Vukani!—2006
g 6/06 iphe. 28-29

Imbono YeBhayibhile

Saqala Njani Isono?

LO ASINGOMBUZO nje wobuciko. Ngoba? Ngenxa yokuba ukungamthobeli uThixo kuka-Adam noEva kwachaphazela yonke inzala eyayiza kulandela de kufikelele kumhla wethu. IBhayibhile ithi: “Isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.” (Roma 5:12) Kodwa ngaba into nje engenamsebenzi yokutya isiqhamo somthi inokuphumela kwintlekele enkulu kangaka?

Xa uThixo wadala uAdam noEva, wababeka kumyezo omhle owawunemifuno nemithi yeziqhamo. Mnye nje kuphela umthi angazange abavumele ukuba batye kuwo—“umthi wokwazi okulungileyo nokubi.” Ekubeni uAdam noEva babenenkululeko yokuzikhethela, babenokukhetha ukumthobela okanye ukungamthobeli uThixo. Noko ke, uAdam walunyukiswa kusithiwa “mhla uthe wadla kuwo [umthi wokwazi] uya kufa ngokuqinisekileyo.”—Genesis 1:29; 2:17.

Umqathango Osengqiqweni

Kwakungekho nto inzima ekuthobeleni lo mqathango; uAdam noEva babenokutya kuyo yonke eminye imithi emyezweni. (Genesis 2:16) Ngaphezu koko, lo mqathango wawungabonisi ukuba aba bantu babenotyekelo olubi wawungenzelwanga nokubathoba isidima. Ukuba uThixo wazigweba izenzo ezingendawo njengokulala nesilwanyana okanye ukubulala, bambi banokuthi abantu abafezekileyo babenotyekelo olubi ekwakufuneka lubekelwe imiqathango. Noko ke, ukutya kwakuyinto yemvelo nefanelekileyo.

Ngaba isiqhamo esasalelwe yayiziintlobano zesini, njengokuba abanye besitsho? Oko akuxhaswa ziZibhalo. Kaloku, xa uThixo wayethetha la mazwi, uAdam wayeyedwa yaye kubonakala ukuba oku kwaba njalo kangangexesha elide. (Genesis 2:23) Okwesibini, uThixo waxelela uAdam noEva ukuba ‘baqhame, bande, bawuzalise umhlaba.’ (Genesis 1:28) Ngokuqinisekileyo, wayengenakubayalela ukuba baphule umthetho wakhe aze emva koko abagwebele ukufa ngokwenjenjalo! (1 Yohane 4:8) Okwesithathu, uEva wasitya esi siqhamo kuqala kunoAdam waza kamva wanika nomyeni wakhe. (Genesis 3:6) Ngokucacileyo, isiqhamo sasingezontlobano zesini.

Ilinge Lokwenza Unothanda

Umthi wokwazi yayingumthi wokoqobo. Noko ke, wawumela ilungelo likaThixo njengoMlawuli ofanele enze izigqibo zoko kulungileyo nokubi kwizidalwa zakhe ezingabantu. Ngoko ke, ukutya kulo mthi yayingebubo nje ubusela—ukuthabatha into kaThixo—kodwa kwakhona yayikukuziphakamisa ngokufuna ukwenza unothanda, okanye ukuzenzela izigqibo ngendlela yokuziphatha. Phawula ukuba emva kokuxokisela uEva esithi ukuba yena nendoda yakhe banokutya kwesi siqhamo, ‘ngokuqinisekileyo abasayi kufa,’ uSathana waqinisekisa esithi: “Kuba uThixo uyazi ukuba mhla nithe nadla kuzo aya kuvuleka amehlo enu nize nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.”—Genesis 3:4, 5.

Noko ke, ukutya kwabo kwesi siqhamo akuzange kubenze bakhanyiselwe njengoThixo ngokulungileyo nokubi. Enyanisweni, uEva wathi kuThixo: “Inyoka—indikhohlisile.” (Genesis 3:13) Sekunjalo, uEva wayewazi umthetho kaThixo, yaye waphinda wawuchaza kwinyoka, isithethi sikaSathana. (ISityhilelo 12:9) Ngoko ke, uEva akazange athobele ngabom. (Genesis 3:1-3) Phofu ke, yena uAdam akazange akhohliswe. (1 Timoti 2:14) Kunokuthobela uMdali wakhe ngokuthembeka, waphulaphula umfazi wakhe waza walandela ikhondo lakhe lokuzilawula.—Genesis 3:6, 17.

Ngokuzimela-geqe, uAdam noEva balonakalisa ngokungenakulungiseka ulwalamano lwabo noYehova baba nesono, de bachaphazela nendlela ababunjwe ngayo. Liyinyaniso elokuba, baphila amakhulu eminyaka, kodwa baqalisa ukufa ‘ngomhla’ abona ngawo, kanye njengokuba bekuya kuba njalo ngesebe eligawulwe emthini. (Genesis 5:5) Ukongezelela, okokuqala ebomini babo baphelelwa luxolo lwengqondo. Bazibona beze baza bazama ukuzifihla kuThixo. (Genesis 3:7, 8) Baziva benetyala, bengakhuselekanga yaye beneentloni. Isono sabo asizange sibonwabise, yaye isazela sabo sasibamangalela.

Ukuze uThixo athembeke aze abambelele kwimigaqo engcwele, ngokufanelekileyo wamgwebela ukufa uAdam noEva waza wabagxotha kumyezo wase-Eden. (Genesis 3:19, 23, 24) Ngenxa yoko, iParadesi, ulonwabo nobomi obungunaphakade zalahleka, ngoxa kwaqalisa isono, ukubandezeleka nokufa. Abantu babesenyuleni! Noko ke, ngoko nangoko uThixo wathembisa ukuyiphelisa intlungu ebangelwa sisono ngaphandle kokutyeshela imigaqo yakhe yobulungisa.

Injongo kaYehova kukuba inzala ka-Adam noEva ikhululeke kwisono nasekufeni. Oku wakwenza ngoYesu Kristu. (Genesis 3:15; Mateyu 20:28; Galati 3:16) NgoYesu Kristu, uThixo uya kubhangisa isono nayo yonke imiphumo yaso yaye uya kuwenza umhlaba ube yiparadesi, kanye njengokuba leyo yayiyinjongo yakhe kwasekuqaleni.—Luka 23:43; Yohane 3:16.

NGABA WAKHA WAZIBUZA?

◼ Sazi njani ukuba isiqhamo esasalelwe yayingezizo iintlobano zesini?—Genesis 1:28.

◼ Kwakuthetha ukuthini ukutya isiqhamo esalelweyo?—Genesis 3:4, 5.

◼ UThixo wenze liphi ilungiselelo ukuze aphelise imiphumo yesono?—Mateyu 20:28.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]

Isiqhamo esalelweyo sasingezizo iintlobano zesini

[Umfanekiso okwiphepha 28, 29]

UEva wafuna ukufana noThixo, ezenzela izigqibo zoko kulungileyo nokubi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share