IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w00 11/15 iphe. 24-27
  • Sinokufunda Nto Ithile Kwisibini Sokuqala Esingabantu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Sinokufunda Nto Ithile Kwisibini Sokuqala Esingabantu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Wadala Indoda Nebhinqa”
  • “Ngokomfanekiselo KaThixo”
  • UEva Uyanxaxha
  • UAdam Uphulaphula Umfazi Wakhe
  • Umphumo Wesono
  • Isifundo Kuthi
  • Saqala Njani Isono?
    Vukani!—2006
  • Kutheni Sisaluphala Size Sife?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
  • Babunjani Ubomi EParadesi?
    Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade
  • UThixo Wadala Indoda Nomfazi Wokuqala
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
w00 11/15 iphe. 24-27

Sinokufunda Nto Ithile Kwisibini Sokuqala Esingabantu

UTHIXO wasihlola isijikelezi-langa esinguMhlaba. Wayelungiselela ukuba kuhlale abantu kuso. Wabona ukuba yonk’ into awayeyenza yayilungile. Enyanisweni, wathi akuwugqiba lo msebenzi, wavakalisa ukuba “zilunge gqitha.” (Genesis 1:12, 18, 21, 25, 31) Noko ke, ngaphambi kokuba afikelele kweso sigqibo, uThixo wathetha nganto ithile ‘eyayingalunganga.’ Kakade ke, uThixo wenza yonke into yagqibelela. Ntonje indalo yakhe yayingekapheleli ncam. UYehova wathi: “Akulungile ukuba umntu aqhubeke eyedwa. Ndiza kumenzela umncedi oza kuba ngumphelelisi wakhe.”—Genesis 2:18.

Injongo kaYehova yayikukuba ibutho labantu liphile ubomi obungenasiphelo lingabikwa hlaba, lonwabile yaye linandipha iparadesi esemhlabeni. Ubawo walo lonke uluntu yayinguAdam. Umfazi wakhe, uEva, waba “ngunina wabo bonke abaphilayo.” (Genesis 3:20) Nangona ngoku umhlaba unyakazela ngamawaka ezigidi zabantu abayinzala yabo, ngokuqinisekileyo abantu abafezekanga.

Ibali lika-Adam noEva liyaziwa. Kodwa sinokungenelwa njani kulo? Yintoni esinokuyifunda koko kwenzeka kwisibini sokuqala esingabantu?

“Wadala Indoda Nebhinqa”

Xa uAdam wayethiya izilwanyana, wabona ukuba zazinamaqabane azo ngoxa yena engenalo. Ngoko xa wabona isidalwa esihle uYehova awayesenze ngobambo lwakhe, wavuya. UAdam wathi akubona ukuba siyinxalenye yakhe, wadanduluka esithi: “Ekugqibeleni eli ke lithambo lasemathanjeni am nenyama yasenyameni yam. Lo yena ukubizwa kothiwa nguMfazi, kuba uthatyathwe endodeni.”—Genesis 2:18-23.

Indoda yayifuna “umncedi.” Ngoku yayimfumene ibe wayelunge kanye. UEva wayekufanelekela ngokugqibeleleyo ukuba ngumphelelisi ka-Adam—ekunyamekeleni ikhaya labo elingumyezo nezilwanyana, ekuveliseni abantwana, nasekunikeleni amacebiso kunye nenkxaso yeqabane lokwenene.—Genesis 1:26-30.

UYehova wanika esi sibini yonke into esengqiqweni esasinokuyifuna. Xa wayesisa uEva kumyeni wakhe yaye ngaloo ndlela evumela umanyano lwabo, uThixo waseka ilungiselelo lomtshato nelentsapho elaliza kulungelelanisa ibutho labantu. Ingxelo yeGenesis ithi: “Indoda iya kumshiya uyise nonina, inamathele emfazini wayo baze babe nyama-nye.” Yaye xa uYehova wasikelela isibini sokuqala esitshatileyo waza wasixelela ukuba siqhame, wayenenjongo yokuba bonke abantwana bazalelwe kwintsapho ekhathalayo, banyanyekelwe ngubawo nomama.—Genesis 1:28; 2:24.

“Ngokomfanekiselo KaThixo”

UAdam wayengunyana ofezekileyo kaThixo, edalwe ‘ngokomfanekiselo nangokufana’ Naye. Kodwa ekubeni ‘uThixo enguMoya,’ kwakungenakwenzeka ukuba bafane ngokoqobo. (Genesis 1:26; Yohane 4:24) Babefana ngeempawu ezazimenza umntu abe ngaphezulu lee kunezilwanyana. Ewe, kwasekuqaleni umntu wenziwa wanophawu lothando, ubulumko, amandla, nokusesikweni. Wajizekwa ngenkululeko yokuzikhethela nokukwazi ukusukela izinto zokomoya. Imvo yemvelo yokuziphatha, okanye isazela, yamenza wakwazi ukwahlula okulungileyo kokuphosakeleyo. Umntu wayekrelekrele, ekwazi ukucamngca ngesizathu sokuba kubekho abantu, ukwandisa ulwazi ngoMdali wakhe, nokwakha ubuhlobo Naye. Ekubeni wayexhotyiswe ngezo zinto, uAdam wayenazo zonke izinto awayezifuna ukuze azalisekise indima yakhe njengomphathi womsebenzi wezandla zikaThixo osemhlabeni.

UEva Uyanxaxha

Ngokuqinisekileyo, uAdam wamazisa ngokukhawuleza uEva ngesalelo esinye uYehova awayesibekile: Babenokuzitya zonke iziqhamo zayo yonke imithi ekwikhaya labo elingumyezo ngaphandle komnye—umthi wokwazi okulungileyo nokubi. Babengamele batye kuwo. Ukuba babenokutya, babeya kufa kwangaloo mini.—Genesis 2:16, 17.

Kungekudala kwaphakama imbambano ngokuphathelele isiqhamo esalelweyo. UEva wacelw’ umngeni yinyoka, eyayisetyenziswa ngumoya ongabonakaliyo njengesithethi. Izenza ngathi ayazi, inyoka yabuza: “Utshilo ngokwenene na uThixo ukuba nize ningadli kuyo yonke imithi yomyezo?” UEva waphendula esithi kuvumelekile ukutya iziqhamo zayo yonke imithi ngaphandle komnye. Kodwa loo nyoka yamphikisa uThixo, yaxelela lo mfazi isithi: “Ngokuqinisekileyo anisayi kufa. Kuba uThixo uyazi ukuba mhla nithe nadla kuzo aya kuvuleka amehlo enu nize nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.” Umfazi waqalisa ukuwujonga ngelinye iliso umthi owalelweyo. “Umthi wawulungele ukudliwa . . . ulangazeleleka emehlweni.” Eqhathwe ngokupheleleyo, uEva wawaphula umthetho kaThixo.—Genesis 3:1-6; 1 Timoti 2:14.

Ngaba isono sikaEva sasingenakuphepheka? Unotshe! Khawuzibeke kwimeko yakhe. Ibango lale nyoka lalikugqwetha ngokupheleleyo oko uThixo noAdam babekuthethile. Ubunokuvakalelwa njani ukuba umntu ongamaziyo ebenokutyhola umntu omthandayo nomthembayo esithi akanyanisekanga? UEva wayefanele ukuba usabele ngendlela eyahlukileyo, akucekise yaye akucaphukele oko, de angavumi kuphulaphula. Ngapha koko, yayingubani yona loo nyoka ukuba ingacel’ umngeni ubulungisa bukaThixo nento eyayithethwe ngumyeni wakhe? UEva wayefanele afune icebiso ngaphambi kokuba enze nasiphi na isigqibo kuba ehlonela umgaqo wobuntloko. Nathi sifanele senze okufanayo xa sifumana inkcazelo engqubana nemfundiso evela kuThixo. Noko ke, uEva wawathemba amazwi oMhendi, enqwenela ukuzazela ngokwakhe okulungileyo nokubi. Okukhona wayeyiguquguqula engqondweni le ngcamango, kokukhona yayisiba nomtsalane kuye. Enjani yona impazamo awayenzayo ngokufaka engqondweni umnqweno ophosakeleyo, kunokuba awukhuphe okanye athethe nentloko-ntsapho yakhe ngalo mba!—1 Korinte 11:3; Yakobi 1:14, 15.

UAdam Uphulaphula Umfazi Wakhe

Kungekudala uEva walukuhla uAdam ukuba amthelele esonweni. Sinokukuchaza njani ukuvuma kwakhe lula? (Genesis 3:6, 17) UAdam wayemele akhethe ukuba uza kunyaniseka kubani na. Ngaba wayeza kuthobela uMdali wakhe, owayemnike yonke into, kuquka neqabane awayelithanda, uEva? Ngaba uAdam wayeza kufuna uThixo amalathise ukuba enze ntoni na? Okanye ngaba le ndoda yayiza kuma ngakumfazi wayo? UAdam wayesazi kakuhle ukuba yayingekho le nto umfazi wakhe awayenethemba lokuyifumana akutya isiqhamo esalelweyo. Umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale esithi: “Akukhohliswanga Adam, kodwa ngumfazi owakhohliswa ngokupheleleyo waza wanxaxha.” (1 Timoti 2:14) Ngoko uAdam wazikhethela ngabom ukumvukela uYehova. Kuyabonakala ukuba wayesoyika ukwahlulwa nomfazi wakhe ngaphezu kokuba enokholo lokuba uThixo wayeya kukwazi ukuyicombulula loo meko.

Ngokwenjenjalo uAdam waba uyazibulala. Ibe wabulala nayo yonke inzala uYehova awamenzela inceba ngokumvumela ukuba abe nayo, ekubeni yonke yazalelwa kwisigwebo sesono esikukufa. (Roma 5:12) Hayi indlela owaba mkhulu ngayo umonakalo ngenxa yokungathobeli okubangelwa kukuzingca!

Umphumo Wesono

Umphumo okhawulezileyo wokona waba kukuba neentloni. Kunokuba siye sibaleka kuYehova ukuze sithethe naye, esi sibini sazifihla. (Genesis 3:8) Ubuhlobo baso noThixo baphela. Xa sabuzwa ngoko sasikwenzile, asizange sibonakale sizisola, nangona sasisazi ukuba saphule umthetho kaThixo. Ngokutya isiqhamo esalelweyo, sakunikel’ umva ukulunga kukaThixo.

Ngenxa yoko, uThixo wabonisa ukuba kwakuza kubakho intlungu engakumbi xa kuzalwa abantwana. UEva wayeza kukhanuka indoda yakhe, ibe yona yayiza kumlawula. Ngenxa yoko imizamo yakhe yokufumana inkululeko yaphumela kwinto echaseneyo nayo. Ngoku uAdam wayeza kudla imveliso yomhlaba esiva ubuhlungu. Kunokuba atye ahluthe engakhange abulaleke e-Eden, kwakuza kufuneka asebenze ukuze aphile de abuyele emhlabeni awayenziwe ngawo.—Genesis 3:16-19.

Ekugqibeleni, uAdam noEva bagxothwa e-Eden. UYehova wathi: “Yabona, umntu usuke waba njengomnye wethu ukwazi okulungileyo nokubi, ngoku ke ukuze angoluli isandla sakhe aze athabathe nakwisiqhamo somthi wobomi, adle aze aphile ixesha elingenammiselo . . . ” “Esi sivakalisi asiphelelanga,” utsho umphengululi uGordon Wenham, ibe sishiyeka sizigqibezelela ingcamango kaThixo—mhlawumbi sisithi, “mandimgxothe emyezweni.” Ngokuqhelekileyo, umbhali weBhayibhile uye anikele ingxelo epheleleyo ngengcamango kaThixo. Kodwa apha, uhlabela mgama uWenham, “ukungafakwa kwamazwi okugqibela kubonisa ukukhawulezisa kukaThixo ukuthabatha inyathelo. Wayengekagqibi kwaukuthetha babe sele bekhutshelwe ngaphandle komyezo.” (Genesis 3:22, 23) Emva koko, kubonakala ngathi uYehova akazange aphinde anxibelelane nesibini sokuqala.

UAdam noEva abazange bafe ebudeni bezo yure ezingama-24. Noko ke, bafa ngengqiqo yokomoya. Emva nje kokuba besusiwe kuMthombo wobomi, baqalisa ukuya besondela ekufeni. Khawuthelekelele indlela ababebuhlungu ngayo xa babeqala ukufelwa xa unyana wabo wesibini, uAbheli, wabulawa nguKayin, izibulo labo!—Genesis 4:1-16.

Emva koko, akukho nto ingako yaziwayo ngesibini sokuqala esingabantu. Unyana waso wesithathu, uSete, wazalwa xa uAdam wayeneminyaka eli-130 ubudala. UAdam wafa kwiminyaka engama-800 emva koko, eneminyaka engama-930 ubudala, emva kokuba ezele “oonyana neentombi.”—Genesis 4:25; 5:3-5.

Isifundo Kuthi

Ngaphandle kokusichazela ngonobangela wokuwohloka kwebutho labantu lanamhlanje, ingxelo engesibini esitshatileyo sokuqala isifundisa isifundo esibalulekileyo. Nabani na ozenza ngathi ukhululekile kuYehova uThixo usisidenge esingenakuzinceda. Abo balumke ngokwenene banokholo kuYehova nakwiLizwi lakhe, kungekhona koko bacingela ukuba lulwazi olwaneleyo. NguYehova ogqiba ngokulungileyo nokubi, yaye ukuze umntu enze okulungileyo umele amthobele. Ukwenza okuphosakeleyo kuthetha ukwaphula imithetho yakhe nokutyeshela imigaqo yakhe.

UThixo wanika abantu konke ababenokukunqwenela ibe usenjenjalo nangoku—ubomi obungunaphakade, inkululeko, ulwaneliseko, ulonwabo, impilo, uxolo, inkqubela, nokufumanisa izinto abebengazazi. Noko ke, ukuze sizinandiphe zonke ezo zinto, kufuneka siyiqonde into yokuba sixhomekeke ngokupheleleyo kuBawo wethu wasezulwini, uYehova.—INtshumayeli 3:10-13; Isaya 55:6-13.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 26]

Ingxelo EngoAdam NoEva—Ngaba Yintsomi Nje?

Ukukholelwa kwiparadesi yantlandlolo eyalahleka ngenxa yesono kwakuxhaphakile kumaBhabhiloni, amaAsiriya, amaYiputa nezinye iintlanga zamandulo. Kwiingxelo ezininzi kuthethwa ngomthi wobomi owawuza kudlulisela ubomi obungunaphakade kwabo batya kuwo. Ngoko uluntu luyakhumbula ukuba kukho intlekele eyenzeka e-Eden.

Namhlanje, abaninzi bathi ingxelo yeBhayibhile engoAdam noEva iyintsomi nje. Ukanti, inkoliso yezazinzulu iyavuma ukuba abantu bayintsapho enye enemvelaphi efanayo. Abefundisi abaninzi bakufumanisa kungenakwenzeka ukukhanyela imiphumo yesono santlandlolo esenziwa ngukhokho wethu sonke eyadluliselwa kuluntu. Inkolelo yokuba umntu akazange avele kumnombo omnye ibiya kubanyanzela ukuba bathi isono sokuqala senziwa ngoobawomkhulu abaliqela. Ethubeni, loo nto yayiza kubenza bakhanyele ukuba uKristu, “uAdam wokugqibela,” wahlawulela uluntu. Kodwa uYesu nabafundi bakhe abazange bajamelane naloo ngxaki. Baqonda ukuba ingxelo yeGenesis iyinyaniso.—1 Korinte 15:22, 45; Genesis 1:27; 2:24; Mateyu 19:4, 5; Roma 5:12-19.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share