IChukar—Intaka Engaqhelekanga EHawaii
MNA nabahlobo bam sasijonge phambili ekutyeleleni isiqithi saseHawaii, iMaui. Sasifuna ngokukhethekileyo ukubona ukuphuma kwelanga phezu kweNtaba iHaleakala ethanda ukuba nentaba-mlilo nephakame kangangeemitha ezingama-3 055. Sachazelwa ukuba olu yayilutyelelo olukhethekileyo. Ekuphela kwento engaqhelekanga eyayiza kwenzeka kukuvuka ngentsimbi yesibini ekuseni size sihambe ngemoto ukususela kwisiqithi iKapalua, apho sasifikele khona. Ukusuka apho kwafuneka sinyuke ngemoto siye phezulu entabeni. Sasicinga ukuba ngeloo xesha yayisithi sedwa endleleni. Kodwa kwakunge njalo! Sasiphakathi kweemoto ezininzi ezazithe chu zinyuka zisiya encotsheni yentaba. Emva kokuba sifike phezulu saphawula ukuba kuyabanda. Kodwa sasinazo iingubo zokwambatha.
Malungu nentsimbi yesithandathu abantu abaninzi babekulindele ngomonde ukuphuma kwelanga. Abantu babelindele lukhulu yaye iikhamera zazilungele ukufota loo mbono ubangel’ umdla. Kwenzeka obekungalindelwanga. Soyika sakubona iingqimba zamafu zisiya ngasentabeni! Asizange sikwazi ukuthabatha umfanekiso. Kodwa kusoloko kulindelekile ukuba kubekho amafu kufutshane noLwandlekazi iPasifiki. Ngoko ke kwafuneka singazibonakalisi ukuba sidanile size silinde amafu atyhile njengokuba ayegqume ubushushu belanga eliphumayo. Emva koko kwenzeka enye into esasingayilindelanga! Sabukela kakuhle phambi kwethu kwakukho umngxuma omkhulu owelwa ngabantu abanyuka iintaba. Asizange siphoxeke noko, zikho izinto esazibonayo.
Ngesiquphe seva ingxolo engaqhelekanga. Emva koko sayibona indawo evela kuyo le ngxolo. Yayiyintaka entle yaseYurophu naseAsia, ichukar. Igama layo ngesiLatin yiAlectoris chukar. Ixesha elininzi elichitha isemhlabeni njengaxa ikhulisa amantshontsho ayo. Ayizange izame ukubhabha kodwa yakhetha ukuhamba.
Kwenzeke njani ukuba le ntaka ibe kwisiqithi esihle iMaui? Kuyacaca ukuba iichukar ezi zaziswa kwesi siqithi. Kwilizwekazi loMntla Merika ziyakhuliswa zize zisiwe endle ukuze abantu bazizingele. Saziva sinelungelo lokuba ubuncinane sikwazile ukubona le ntaka inentloni.—Linikelwe.