IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 3/07 iphe. 13-15
  • Ndakhetha Ukwenza Umsebenzi Ofanelekileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndakhetha Ukwenza Umsebenzi Ofanelekileyo
  • Vukani!—2007
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UTata Wayexhalabe Ngokunyanisekileyo
  • Impembelelo Entle Yentsapho
  • Ukukhetha Phakathi Kokusebenza Nokuba Nguvulindlela
  • Ukuba Nguvulindlela Okhethekileyo EMexico
  • Ukuya KwiSikolo SaseGiliyadi Ndize Emva Koko Ndiye EBolivia
  • Ukushumayela Ngaphezu Kwamafu
  • Ndikunye noCarmen Kwakhona
  • Ndilubonile Ulwando EMazantsi EAfrika
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Ngoku Ndiyamazi UThixo Endimnqulayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Siye Safuna Tanci UBukumkani
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Isizathu Sokuba Ndikunandiphe Ukwenza Abafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
Khangela Okunye
Vukani!—2007
g 3/07 iphe. 13-15

Ndakhetha Ukwenza Umsebenzi Ofanelekileyo

Kubalisa uSonia Acuña Quevedo

Ndathenjiswa ngesikhundla esiphezulu ebhankini. Kuloo msebenzini ndandiza kuba nguthile owaziwayo yaye ndandiza kufumana umvuzo oncumisayo. Noko ke, kwangaxeshanye ndamenywa ukuba ndiye kuba nguvulindlela othe ngxi kwibandla elimgama. Emva kweminyaka engama-32, ndiyayazi ukuba ndenza ukhetho lobulumko.

UMAMA wayekhuliswa ngamaRoma Katolika kodwa wayezithandabuza iimfundiso zale cawa. Wayezibuza, kutheni imifanekiso—eyenziwe zizandla zabantu—ifanele inqulwe? Inyaniso ngonqulo yayibalulekile kuye yaye wayephuma kule angene kwenye, efuna iimpendulo kwimibuzo yakhe kodwa wabuya nemband’ esikhova.

Ngenye imini umama wayehleli ngaphandle kwendlu eTuxtla eMexico, evuyela impepho xa kwafika iNgqina likaYehova. Wavuma ukuba liphinde libuye kuba laliyiphendula ngeBhayibhile imibuzo yakhe. Xa labuyayo uMama wayelinde nomfundisi wamaKatolika nowamaNazarethe. UMama wabuza umbuzo ngeSabatha yaye kuphela liNgqina elamphendula ngokusuka eZibhalweni yaye waneliseka. Yayililo kuphela elalineBhayibhile! Ngowe-1956, emva nje kwenyanga ezintandathu efundelwa, wabhaptizwa waza waba liNgqina likaYehova. Ndandineminyaka esibhozo ubudala ngelo xesha.

UTata Wayexhalabe Ngokunyanisekileyo

UTata akazange amchase uMama xa wayefunda iBhayibhile. Kodwa xa wayefundisa abantwana bakhe abane—amakhwenkwe amabini namantombazana amabini—yaye sisiya nasezintlanganisweni zamaKristu, uTata wazitshabalalisa iincwadi zakhe. Eqinisekile ukuba sasilahlekiswa, wasebenzisa iBhayibhile yamaKatolika efuna ukubonisa ukuba amaNgqina ekhohlisa, kwiBhayibhile zawo anegama likaThixo—uYehova. Xa uMama wambonisa igama likaThixo eBhayibhileni yakhe, wothuka yaye isimo sakhe sengqondo ngamaNgqina satshintsha.—INdumiso 83:18.

EMexico, xa intombazana igqiba iminyaka eli-15 ubudala kuye kwenziwe itheko elikhethekileyo. Andizange mna ndilubhiyozele usuku lokuzalwa kuba oku akuxhaswa zizibhalo.a Kodwa uTata wanyanzelisa ukuba kubekho into ekhethekileyo endiyenzelwayo. Ndacinga ngalo mba yaye ndathi, “Kunokuba undiphe isipho ndicela ukuba uhambe nathi xa sisiya kwindibano yamaNgqina kaYehova elandelayo.” Wasamkela eso simemo yaye umdla wakhe ngeBhayibhile wakhula.

Ngobunye ubusuku xa kwabakho isaqhwithi esikhulu, uTata wabethwa lucingo lombane. Ngoxa wayechacha esibhedlele, amaNgqina asekuhlaleni ayemnyamekela imini nobusuku—ebonisa uthando lobuKristu, yaye akazange akulibale oko. Kamva waqalisa ukuya entsimini yaye wahlulela ubomi bakhe kuYehova. Okulusizi kukuba, ngoSeptemba 30, 1975 inyanga ngaphambi kokuba abhaptizwe, wafa. Silangazelela ukumbona eluvukweni!—IZenzo 24:15.

Impembelelo Entle Yentsapho

Udadewethu uCarmen, wayekuxabisa kakhulu ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Kungekudala emva kokuba ebhaptiziwe ngowe-1967, waba nguvulindlela othe ngxi, echitha iiyure ezili-100 entsimini nyanga nganye. Ekuhambeni kwexesha wafudukela kwisixeko saseToluca, kumbindi weMexico. Ndafumana umsebenzi ebhankini yaye ndabhaptizwa ngoJulayi 18, 1970.

Ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo kwamvuyisa kakhulu uCarmen yaye wandikhuthaza ukuba ndiye eToluca, sibe ngoovulindlela kunye. Ndandicinga ngokuba kwinkonzo yexesha elizeleyo njengokuba ngeny’ imini ndandiphulaphule intetho eyayibonisa ukuba abalandeli bakaYesu bafanele basebenzise ubuncwane babo bokomoya ukuze bazukise uThixo. (Mateyu 25:14-30) Ndazibuza, ‘Ngaba ndiyazibhokoxa ndisebenzisa izipho zokomoya endiziphathisiweyo?’ Iingcinga ezinjalo zaphembelela umnqweno wokwenzela uYehova okungakumbi.

Ukukhetha Phakathi Kokusebenza Nokuba Nguvulindlela

Ngowe-1974 ndafaka isicelo sokuba nguvulindlela othe ngxi komnye ummandla. Ngokukhawuleza emva koko, ndafowunelwa ngumdala ongumKristu waseToluca ndisemsebenzini. Wathi: “Kudala sikulindile. Kutheni ungekafiki?” Ndandabelwe ukuba ndibe nguvulindlela okhethekileyo eToluca, kodwa ileta eyayindichazela oko kusenokwenzeka ukuba yalahleka! (Oovulindlela abakhethekileyo bashumayela apho intlangano kaYehova ethi mabaye khona.)

Ngoko nangoko ndachazela ibhanki ukuba ndiyayeka emsebenzini. Umphathi wathi: “Yima kancinane Sonia. Besisandula ukuchazelwa ukuba ungomnye kumabhinqa asixhenxe akhethelwe ukuba abe lisekela lomphathi. Kwinkampani yethu akuzange kwamiselwa mntu ubhinqileyo kweso sikhundla. Utheth’ ukuba akusamkeli esi sikhundla?” Njengokuba kukhankanyiwe ekuqaleni kweli nqaku, ngenxa yesi sikhundla ndandiza kuba nguthile owaziwayo yaye ndandiza kufumana nomvuzo oncumisayo. Sekunjalo, ndabulela kumphathi yaye ndamxelela ukuba ndandenze isigqibo sokukhonza uThixo ixesha elizeleyo. Wathi: “Ungaqhubeka nokushumayela. Kodwa akhumbule ukuba usekho umsebenzi wakho ebhankini.” Emva kweentsuku ezimbini ndandiseToluca.

Ukuba Nguvulindlela Okhethekileyo EMexico

Xa ndaya kuba nguvulindlela kunye naye, uCarmen wayesele eneminyaka emibini enguvulindlela okhethekileyo eToluca. Sasikuvuyela kakhulu ukuphinda sibe kunye. Kodwa asizange sihlale ixesha elide sikunye. Emva nje kweenyanga ezintathu, uMama wafumana ingozi yaye wayefuna umntu oza kuhlala naye ekhaya. Emva kokuba ndithethe neofisi yesebe yamaNgqina kaYehova, savumelana noCarmen ukuba abuyele ekhaya aye kunyamekela uMama yaye uye wakwenza oko kangangeminyaka eli-17. Ebudeni belo xesha uCarmen ebenguvulindlela othe ngxi, yaye ebedla ngokucela izifundo zakhe ukuba zize ekhaya esenzela ukuba ahlale ekho ukuze ancede uNina.

Ngowe-1976, ndatshintshwa isabelo ndasiwa eTecamachalco, isixeko esahluleleneyo—abantu abangamahlwempu bahlala kwelinye icala ledolophu ngoxa abazizityebi behlala kwelinye. Ndaqalisa isifundo nomnye umakhulu owayengazange atshate nowayehlala nomntakwabo osisityebi. Xa waxelela umntakwabo ukuba wayefuna ukuba liNgqina, wamoyikisa wathi uza kumgxotha. Sekunjalo eli bhinqa lithobekileyo alizange loyike ngokoyikiswa kuba emva kokuba libhaptiziwe umntakwalo waligxotha. Nangona lalineminyaka engama-86 ubudala, lathembela ngokupheleleyo kuYehova. Linyanyekelwa libandla, lahlala lithembekile de lafa.

Ukuya KwiSikolo SaseGiliyadi Ndize Emva Koko Ndiye EBolivia

Ndayivuyela iminyaka emihlanu ndiseTecamachalco. Ndafumana isimemo sokuya kwiSikolo sokuqala saseGiliyadi Esandisiweyo esasiseMexico. Njengokuba negama laso lisitsho, sasandiswe kwisikolo esidla ngokuba seNew York. UMama noCarmen bathi mandisamkele eso simemo, ngoko ke ndahamba ndaya kwiofisi yesebe ekwisiXeko saseMexico kangangeeveki ezilishumi ukuze ndifumane uqeqesho, eyona nto ibalulekileyo yakha yenzeka ebomini bam. Iklasi yethu yaphela ngoFebruwari 1, 1981, yaye ndabelwa eLa Paz, eBolivia, ndahamba noEnriqueta Ayala (ngoku onguFernández).

Xa safikayo kwisikhululo seenqwelo-moya eLa Paz, abazalwana ababini kunye nodade ababefanele baze kusiphuthuma safika bengekho. Sathi: “Masingachith’ ixesha.” Ngoko ke, saqalisa ukushumayela kubantu abasesikhululweni. Emva kweeyure ezintathu sishumayela, sadibana nabazalwana abasuka kwelinye lamasebe. Emva kokuba becele uxolo, bathi izitrato zazizele ngenxa yemidlalo yemigcobo eyenziwa ngexesha eliphambi kweLente.

Ukushumayela Ngaphezu Kwamafu

ILa Paz iphantse ibe ziimitha ezimalunga nama-3 625 ukuphakama ngaphezu kolwandle. Ngenxa yomoya walapho obangela isifuthufuthu, kwakunzima ukuphefumla yaye ndandidinwa emva nje kwexeshana ndisentsimini. Nangona kwathabatha unyaka ukuze ndiqhelane naloo meko, iintsikelelo zikaYehova zazingaphezu kobo bunzima. Ngokomzekelo, ngeny’ intsasa ngowe-1984, ndenyuk’ intaba ndaya kwindlu eyayisencotsheni. Ndidiniwe, ndankqonkqoza emnyango yaye kwavela umntu obhinqileyo. Saba nencoko emnandi yaye ndathi ndiza kuphinda ndibuye kwiintsuku ezimbalwa ezizayo.

Lathi: “Andiqinisekanga nokuba ndiza kube ndikho na.” Ndabuyela yaye eli bhinqa landicela ukuba ndifundise intombi yalo iBhayibhile. Ndathi: “Yimbopheleleko yomzali ukufundisa umntwana. Noko ke, ndiza kukunceda ukuba uyafuna.” Lavuma yaye lamkela isifundo seBhayibhile. Ngenxa yokuba lalingafundanga, saqala ngokufunda incwadana ethi Funda Ukulesa Nokubhala, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

Ekuhambeni kwexesha intsapho yakhula baba nabantwana abasibhozo. Xa ndisiya kubatyelela abanye abantwana babebambana ngezandla babe ngumkrozo bendinceda ndikwazi ukunyuka imixewuka. Ekugqibeleni, loo ntsapho yonke ikhonza uYehova—utata, umama nabantwana abasibhozo. De wafa ngonyaka wama-2000, utata welo khaya ebesisicaka solungiselelo ebandleni. Ndiyavuya xa ndicinga ngale ntsapho nendlela ethembeke ngayo! Ndiyambulela uYehova ngokundivumela ukuba ndincede le ntsapho.

Ndikunye noCarmen Kwakhona

Emva kokuba uMama efile ngowe-1997, uCarmen waphinda waba nguvulindlela okhethekileyo. Ngowe-1998 wabelwa eCochabamba, eBolivia, apho ndandishumayela khona. Ewe, emva kweminyaka eli-18 saphinda sakunye yaye uCarmen wamiselwa njengomvangeli wasemazweni. Kwakumnandi eCochabamba yaye nemozulu yayintle. Ngoku siseSucre, eBolivia isixeko esihle esinabemi abangama-220 000 kwintlambo ephakamileyo. Ngaphambili yayikade le ndawo kusithiwa yiLittle Vatican ngenxa yokuba kwakukho iicawa ezininzi zamaKatolika, ngoku eso sixeko sinamabandla amaNgqina kaYehova amahlanu.

Xa sidibanisa iminyaka yethu, mna noCarmen sineminyaka engaphezu kwama-60 singoovulindlela yaye siye salinandipha kakhulu ilungelo elingenakuthelekiswa nanto lokunceda abantu abangaphezu kwekhulu de babhaptizwa. Ewe, ukukhonza uYehova ngomphefumlo uphela ngokungathandabuzekiyo yeyona ndlela inomvuzo!—Marko 12:30.

[Umbhalo osemazantsi]

a Zibini kuphela izihlandlo ezikhankanywa eBhayibhileni ekwakubhiyozelwa kuzo umhla wokuzalwa, abantu ababebhiyoza yayingabahedeni yaye imiphumo ayizange ibe mihle. (Genesis 40:20-22; Marko 6:21-28) Noko ke, iLizwi likaThixo likhuthaza ukuba siphane izipho ngokusuka entliziyweni kungekhona ngenxa yokuba sibona abanye besenjenjalo.—IMizekeliso 11:25; Luka 6:38; IZenzo 20:35; 2 Korinte 9:7.

[Umfanekiso okwiphepha 15]

Ndandinyuk’ intaba enamatye ndisiya kufunda nale ntsapho

[Umfanekiso okwiphepha 15]

Ndisentsimini kunye nodadewethu, uCarmen (ngasekunene)

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share