IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 3/07 iphe. 26-29
  • Kuthekani Ngokuba Neentlobano Zesini Ngaphandle Kokuthandana?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kuthekani Ngokuba Neentlobano Zesini Ngaphandle Kokuthandana?
  • Vukani!—2007
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Sazi Isizathu Sokuba Kuphosakele Ukuba Neentlobano Zesini
  • Yiba Nelunda Ngeenkolelo Zakho
  • Musa Ukugungqa!
  • Hlab’ Ukhangele
  • Kuthekani Ngokulala Nomntu Ongathandani Naye?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
  • Ncokola Nabantwana Bakho Ngesondo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Ndingazicacisa Njani Iinkolelo Zam Ngokulalana?
    Ulutsha Luyabuza
  • Ngaba Ukuba Neentlobano Zesini Kuya Kulwenza Luqine Ulwalamano Lwethu?
    Vukani!—2010
Khangela Okunye
Vukani!—2007
g 3/07 iphe. 26-29

Abantu Abaselula Bayabuza. . .

Kuthekani Ngokuba Neentlobano Zesini Ngaphandle Kokuthandana?

“Abantwana bafuna ukubona enoba banokukwazi kusini na ukuba neentlobano zesini ngaphandle kokuthandana nokuba bangaphi abantu abanokuba neentlobano zesini kunye nabo.”—UPenny.a

“Abafana bancokola ngokukhululekileyo ngale nto. Ubone unkabi ezingomb’ isifuba ngokuba nentombazana athandana nayo kodwa kwangaxeshanye esiba neentlobano zesini namanye amantombazana.”—UEdward.

“Abo bacele ukuba ndibe neentlobano zesini nabo bathetha nje ngokungqalileyo. Abeva nohayi lo!”—UIda.

KWAMANYE amazwe le nto ibizwa ngokuba kukubambisa. Kanti kwezinye iindawo ibizwa ngezinye iindlela. Ngokomzekelo, uAkiko uthi eJapan, kuthiwa kukukhuphana nje. Wongezelela ngelithi: “Kukho nebinzana elithi sefre, elithetha ukuthi ‘umhlobo wesini.’ Ekuphela kwesizathu sokuba ningabahlobo kungenxa yokuba niba neentlobano zesini.”

Nokuba umntu uyibiza njani, zonke ezi ndlela zithetha intw’ enye—kukuba neentlobano zesini ngaphandle kokuthandana nokuzibophelela.b Olunye ulutsha, luzigwagwisa ke phofu, lunabahlobo ababizwa ngokuba ‘ngabahlobo abaluncedo [friends with benefits]’—abantu abanokuba neentlobano zesini nabo ngaphandle “kweengxaki” ezikhatshwa kukuthandana ngaphambi komtshato. Elinye ibhinqa eliselula lithi: “Ukubambisa yindlela yokuzonwabisa ngokukhawuleza. Ufumana oko ukufunayo, wakugqiba uhambe.”

NjengomKristu, umele ‘usabe kulo uhenyuzo.’c (1 Korinte 6:18) Ngokuqinisekileyo, ngokwazi oko unokuziphepha iimeko ezinokukufak’ engxakini. Ngamanye amaxesha izilingo ziza ngqo kuwe. UCindy uthi: “Baliqela abafana abaye bacela ukuba neentlobano zesini kunye nam.” Nasemisebenzini into efanayo isenokwenzeka. UMargaret uthi: “Umphathi wam ukhe wandicela ukuba sibe neentlobano zesini. Wayengathi lizinyo eliqaqambayo de ndawuyeka loo msebenzi!”

Kwelinye icala, musa ukuba nombilini xa uvakalelwa ngokungathi unokuhendeka. Kaloku iBhayibhile ithi: “Intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa.” (Yeremiya 17:9) Intombazana egama linguLourdes yabuqonda ubunyaniso bala mazwi. Uthi: “Ndandimthanda umfana owacela ukuba sibe neentlobano zesini.” UJane wayenengxaki efanayo. Uthi: “Ndandimthanda kakhulu. Ukuthi hayi kuye, yenye yezona zinto zinzima ndakha ndazenza.” UEdward okhankanywe ngasentla, naye uyavuma ukuba ukuhlala unyulu asiyondlwan’ iyanetha. Uthi: “Maninzi amantombazana afuna ukuba neentlobano zesini kunye nam, ukwala ezi zicelo yenye yezona zinto zinzima endimele ndizenze njengomKristu. Kunzima ukuthi hayi!”

Ukuba uvakalelwa ngendlela efana nekaLourdes, uJane noEdward, kodwa wakhetha ukwenza okulungileyo phambi kwamehlo kaYehova uThixo, umelwe unconywe. Mhlawumbi unokuthuthuzelwa kukwazi ukuba umpostile uPawulos naye, wakha walw’ intw’ engapheliyo notyekelo olubi.—Roma 7:21-24.

Kodwa ke, yiyiphi imigaqo yeBhayibhile ofanele uyikhumbule ukuba omnye ukucela ukuba nibe neentlobano zesini?

Sazi Isizathu Sokuba Kuphosakele Ukuba Neentlobano Zesini

IBhayibhile iyakugatya ukuba neentlobano zesini nomntu ongatshatanga naye. Eneneni, uhenyuzo sisono esinzulu, kangangokuba abo baqhelisela esi sono “abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” (1 Korinte 6:9, 10) Ukumelana novavanyo lokuba neentlobano zesini ngaphandle kokuthandana, kubonisa ukuba unembono kaYehova ngalo mbandela. Umele ukhethe ukuhlala unyulu.

“Ndiqinisekile ukuba indlela zikaYehova yeyona ndlela ifanelekileyo yokuphila.”—UKaren, waseKhanada.

“Ininzi into ophulukana nayo xa ubetha ngoyaba imithetho kaYehova yokuziphatha ukuze wanelise umnqweno welo xesha.”—UVivian, waseMexico.

“Ungaze uyilibale into yokuba nawe ungunyana okanye intombi kazibani-bani, unabahlobo abaninzi yaye uyinxalenye yebandla. Bonke aba bantu baya kukruneka intliziyo ukuba ukhe wanikezela!”—UPeter, waseBritani.

Umpostile uPawulos wabhala wenjenje: “Qhubekani niqinisekisa ngoko kwamkelekileyo eNkosini.” (Efese 5:10) Ngokuba nembono kaYehova ngohenyuzo, uya ‘kukuthiya okubi,’ nokuba sele kunomtsalane kwinyama engafezekanga.—INdumiso 97:10.

◼ Sicebisa ukuba ufunde: IGenesis 39:7-9. Phawula indlela uYosefu waba nesibindi ngayo ukumelana novavanyo lokuziphatha kakubi ngokwesini noko kwamenza waphumelela.

Yiba Nelunda Ngeenkolelo Zakho

Asingomnqa ngolutsha ukuba luyimele luze lukhusele nantoni na oluyikholelwayo. NjengomKristu, lilungelo lakho elikhethekileyo ukukhusela igama likaThixo ngehambo yakho engumzekelo. Ungaze uzive umathidala ukuyimela ngokuqinileyo imbono yakho ngesini ngaphambi komtshato.

“Mabayazi zisuka nje ukuba unemilinganiselo yokuziphatha.”—UAllen, waseJamani.

“Akukho kwanto efuna ukuba uzive unetyala ngeenkolelo zakho.”—UEsther, waseNigeria.

“Oontanga bakho abanako ukuzihlonela iinkolelo zakho ukuba uthi ‘Abazali bam abandivumeli ukuba ndithandane.’ Kufuneka bazi ukuba nguwe ongenamdla wokuthandana nabo.”—UJanet, waseMzantsi Afrika.

“Abafana endandifunda nabo kwisikolo samabanga aphakamileyo babesazi ukuba ndingubani yaye babesazi ukuba ukuthetha nam ngezo zinto kukuchith’ ixesha.”—UVicky, waseUnited States.

Ukumela iinkolelo zakho kubonisa ukuba uza kuba ngumKristu oqolileyo.—1 Korinte 14:20.

◼ Sicebisa ukuba ufunde: IMizekeliso 27:11. Nantso ke! Indlela ozenza ngayo izinto inokumela imbambano ekudala ikho—ukungcwaliswa kwegama likaYehova!

Musa Ukugungqa!

Ukwala kubalulekile. Kodwa abanye basenokucinga ukuba uyaqhosha.

“Ukwala kunokuba yeyona nto inzima, umqobo omele woyiswe.”—ULauren, waseKhanada.

“Yonk’ into—isinxibo, indlela othetha ngayo, abantu othetha nabo nendlela nje oziphatha ngayo phambi kwabantu—ifanele ibonise ukuba akufuni ukuziphatha kakubi ngokwesini.”—UJoy, waseNigeria.

“Xa usithi ‘Hayi’ kufuneka uvakale yaye uqiniseke.”—UDaniel, waseOstreliya.

“Yomelela! Xa omnye umfana wayefuna ukuba sithandane, ndathi: ‘Susa ezo zandlana zakho phezu kwamagxa am!’ ndaza ndemka yaye wabona kwalaph’ ebusweni ukuba andidlali.”—UEllen, waseBritani.

“Kufuneka ungqale utsho nokuba akunamdla yaye akusoze ube nomdla kuye. Eli asililo ixesha lokuba neentloni!”—UJean, waseSkotlani.

“Enye inkwenkwe yaba semva kwam icela uthando yaye idelela. Kwafika ixesha apho kwafuneka ndibe ngqongqo. Yaphela ngoko ke yonke loo mpatho-mbi.”—UJaunita, waseMexico.

“Kufuneka icace into yokuba akunakuze ube neentlobano zesini kunye nabo. Ungaze wamkele izipho ezivela kubafana abafuna ukukunyoba ukuze babe neentlobano zesini kunye nawe. Basenokukusebenzisa oko ukuze ucinge ukuba ubatyala okuthile.”—ULara, waseBritani.

UYehova uya kukunceda ukuba akunikezeli. Ethetha ngokusuka kumava, umdumisi uDavide wayenokuthi ngoYehova: “Kulowo unyanisekileyo uya kwenza ngokunyaniseka.”—INdumiso 18:25.

◼ Sicebisa ukuba ufunde: Eyesi-2 yeziKronike 16:9. Qwalasela indlela uYehova akulungele ngayo ukunceda abo bantliziyo ziphelele kuye.

Hlab’ Ukhangele

IBhayibhile ithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle.” (IMizekeliso 22:3) Unokulithobela njani elo cebiso? Hlab’ ukhangele!

“Zama kangangoko kunokwenzeka ukuba uzahlule kubantu abathetha izinto ezinjalo.”—UNaomi, waseJapan.

“Ziphephe iindawo neemeko ezinokuba yingozi. Ngokomzekelo, kukho abanye endibaziyo abaye banikezela kwiimvavanyo xa besele utywala.”—UIsha, waseBrazil.

“Ungaze uxelele nabani na apho uhlala khona okanye umnike iinombolo zakho zefowuni.”—UDiana, waseBritani.

“Musa ukuhamba uwola wonk’ umntu eklasini.”—UEsther, waseNigeria.

“Yijonge indlela onxiba ngayo. Iimpahla zakho azifanele zivuse inkanuko yesini.”—UHeidi, waseJamani.

“Ukuba nolwalamano oluhle nabazali bakho nokuthetha nabo ngeemeko ezifana nezi, kunokukukhusela kakhulu.”—UAkiko, waseJapan.

Hlolisisa indlela othetha ngayo, ihambo yakho, abahlobo bakho neendawo othanda ukuya kuzo. Emva koko zibuze, ‘Ngaba ndizibeka esichengeni—okanye ndingaqondanga ndidlulisela ingcamango yokuba ndifuna ukuba neentlobano zesini?’

◼ Nceda ufunde: IGenesis 34:1, 2. Khawubone indlela okwaba yintlekele ngayo kuDina ukuba kwindawo engalunganga.

Khumbula ukuba, ukuba neentlobano zesini “ngaphandle kokuthandana” akunto ingenamsebenzi kuYehova uThixo yaye nawe akumele ukujonge ngolo hlobo. IBhayibhile ithi: “Akukho mhenyuzi namntu ungahlambulukanga . . . unelifa ebukumkanini bukaKristu noThixo.” (Efese 5:5) Ngokumela oko kulungileyo, unokulondoloza isazela esicocekileyo uze ugcine isidima sakho. Njengokuba intombazana egama linguCarly isitsho: “Kutheni ufuna ukuxhatshazwa ngumntu nje ofuna ukwanelisa isini okomzuzwana? Gcina oko uye wakusebenzela nzima!”

Amanqaku angakumbi athi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . ” afumaneka kwiWeb site ethi: www.watchtower.org/ype

[Imibhalo esemazantsi]

a Amanye amagama kweli nqaku atshintshiwe.

b Eli binzana linokusetyenziswa nakwezinye iindlela zokuthandana, njengokuphathaphathana nokuncamisana.

c Uhenyuzo luquka izinto ezifana nokuba neentlobano zesini, emlonyeni, ezimpundu, ukuba neentlobano zesini kwamafanasini, ukuphulula omnye umntu amaphambili nezinye izenzo eziquka amalungu esini abantu abangatshatanga.

OKO UMELE UCINGE NGAKO

◼ Nakuba isini esivakalala sinokuba nomtsalane kwinyama engafezekanga, kutheni siphosakele?

◼ Uya kuthini ukuba umntu ufuna nibe neentlobano zesini ngaphandle kokuthandana?

[Ibhokisi ekwiphepha 27]

◼ IBhayibhile ithi umntu owenza uhenyuzo “wona owakhe umzimba.” (1 Korinte 6:18) Yintoni eyenza oko kube yinyaniso? Khawubone enoba ungakwazi ukuzibhala apha ngezantsi ezo zizathu.

․․․․․

Nali icebiso: Ukuze ukwazi ukuphendula lo mbuzo, funda incwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo, iphepha 423, nencwadi ethi Insight on the Scriptures, uMqulu 1, iphepha 863. Zombini ezi ncwadi zipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Ibhokisi ekwiphepha 29]

AMAZWI ABHEKISWA KUBAZALI

“Kukho omnye endandifunda naye owafuna ukuba sibe neentlobano zesini. Kwathabath’ ixesha ngaphambi kokuba ndikuqonde oko wayekufuna. Ndandineminyaka eli-11 ubudala.”—ULeah.

Umbandela wesini kuthethwa ngawo ebantwaneni besebancinane kakhulu. IBhayibhile yaprofeta ukuba “kwimihla yokugqibela” iya kuphawulwa ngokuba “ngamaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,” kuya kubakho abantu “abangenakuzeyisa” “nabathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.” (2 Timoti 3:1, 3, 4) Ukuba neentlobano zesini ngaphandle kokuthandana kwabantwana okuthethwe ngako kwinqaku labantu abaselula, kubonisa indlela esiye sazaliseka ngayo esi siprofeto.

Ihlabathi lahluke mpela kwixesha owakhula ngalo. Kodwa ukusa kumkhamo othile, iingxaki zisafana. Ngaloo ndlela ungaze ucinge ukuba akukho nto unokuyenza ngeengozi ezingqonge umntwana wakho. Kunoko, zimisele ukuba umncede njengokuba umpostile uPawulos wabongoza amaKristu kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo: “Yambathani sonke isikrweqe sikaThixo ukuze nikwazi ukuma niqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi.” (Efese 6:11) Inyaniso kukuba, ulutsha olungamaKristu lumele lunconywe ngokulwela ukwenza okulungileyo, phezu kwayo nje impembelelo embi. Unokubanceda njani abantwana bakho benze okufanayo?

Enye indlela yokwenza oko kukuthetha nomntwana wakho. “IZibhalo ekucetyiswe ukuba zifundwe” zinokuxhokoz’ ingcinga yakhe. Ezinye iZibhalo zibonisa imizekelo yamabali obomi okwenene abantu abenza okulungileyo baza bavuna iintsikelelo, nabo bayiphosa kwelokulibala imithetho kaThixo baza bavuna olunenkume. Ezinye “iZibhalo ekucetyiswa ukuba zifundwe” zinemigaqo enokunceda abantwana bakho baliqonde ilungelo lokuba bona—kunye nawe—niphila ngokwemithetho kaThixo. Kutheni ungahlolisisi lo mbandela kunye nabo ngoku?

Ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo kunceda thina. (Isaya 48:17, 18) Ukuba siyibetha ngoyaba iya kupatyalak’ ibhobhile. Abapapashi bakaVukani! bakunqwenelela intsikelelo kaYehova njengokuba uzama konke okusemandleni ukubethelela imithetho nemigaqo kaThixo ezintliziyweni zabantwana bakho.—Duteronomi 6:6, 7.

[Umfanekiso okwiphepha 28]

Kufuneka icace into yokuba akunakuze ube neentlobano zesini kunye nabo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share