Okwenzeka Ehlabathini
◼ Kwiminyaka elishumi edluleyo, malunga namafama azizigidi ezingama-40 aseTshayina aye aphulukana nomhlaba wawo ngenxa yokuguqulwa kwendawo ukuze zibe ziidolophu.—ICHINA DAILY, ETSHAYINA.
◼ Ebudeni bowama-2005, bekukho iimfazwe ezingama-28 nemilo eli-11 ehlabathini lonke.—IVITAL SIGNS 2006-2007, NGOKUTSHO KWEWORLDWATCH INSTITUTE.
◼ Iqela LeZiko Lobugcisa LaseTokyo liye lenza inqwelo-moya ebhabha kakuhle enobunzima obuziikhilogram ezingama-55 yaye isebenza ngeebhetri ezincinane. Le nqwelo-moya ibhabha iimitha ezingama-391 ngemizuzwana engama-59.—IMAINICHI DAILY NEWS, EJAPAN.
◼ Kubantu baseNetherlands abasebenzisa i-Internet, abaneminyaka eli-12 nama-20 ubudala baneeprofile sites yaye basebenzisa ikhamera yekhompyutha, “kuthiwa ama-40 ekhulwini amakhwenkwe namantombazana angama-57 aye ayalelwa ukuba akhulule impahla okanye enze isenzo sokuba neentlobano zesini phambi kwale khamera.”—IRUTGERS NISSO GROEP, ENETHERLANDS.
Ngaba Unokuba Likhoboka Lemidlalo Yevidiyo?
Ugqirha wengqondo uRalf Thalemann owongamela iqela labahloli ngezinto ezikhobokisayo kwiYunivesithi yeSibhedlele saseBerlin, eJamani uthi: “Ingqondo zabantu abadlala imidlalo yevidiyo ngokugqithiseleyo ifana twatse neyabantu abasebenzisa kakubi utywala nabatshay’ intsangu.” Kucingelwa ukuba ukudlala ngokugqithiseleyo imidlalo yekhompyutha kukhupha incidi evela ebuchotsheni ngendlela engaphaya komlinganiselo, oku kwenza umdlali azive onwabile yaye kunokukhokelela ekubeni abe “likhoboka.” Kolu hlolisiso kuqikelelwa ukuba abantu abadlala imidlalo yekhompyutha abali-10 ekhulwini basenokuba nale ngxaki.
Izinhanha “Azinqabisekanga Yaye Zineengxaki”
Iphephandaba laseBeijing iChina Daily lithi: “Izinhanha ezingawothiyo umlilo ziziva zinganqabisekanga yaye zineengxaki ezininzi.” Kuye kwenziwa uhlolisiso kwiNtshona nakuMzantsi Tshayina, abantu balapho banemali ngokomlinganiselo onokuba kumawaka ezigidi ezingama 2,1 zeerandi. Kuye kwahlolwa isimo “sengqondo” sabantu abazizinhanha “ngonqulo, umtshato, ubomi, umsebenzi nemali,” yaye kufunyaniswe ukuba “uninzi lwezinhanha ziyithanda kwangaxeshanye ziyithiyile imali.” Abanye kubo bathi ngaphandle kokuba ikunika iqhuzu nokuziva uphumeze okuthile, “imali inomdintsi.”
Ukulima Kuyimpilo Kwabagula Ngengqondo
Ziingcali ezingaphezu kwe-100 ezisuka kumazwe ali-14 ezidibene eStavanger, eNorway ukuze zifunde ngoKulima Ukuze Uphile, ingcamango edibanisa ukulima, ukufundisa nemfundo ngezempilo. Ngokutsho kwelinye iziko losasazo iNRK, umntu ogula ngengqondo akuyomfuneko ukuba avalelwe esibhedlele xa elima. “Kuyimpilo emzimbeni nasengqondweni.” Ziifama ezingaphezu kwama-600 eNorway ezikhuphisana ngale ndlela yoKulima Ukuze Uphile yaye zifumana imali eyongezelelekileyo ngaloo nto.
Umsebenzi Wenqaba Yecawa
Iphephancwadi iNewsweek, lithi: “Icawa yaseTshetshi [eUnited States] iye yafumana isicombululo emva kokutshona ingaveli nangonwele ematyaleni: ukuqeshisa ngenqaba yayo kwiinkampani ezisebenzisa iingcingo zeecellular phone.” Iinqaba zeecellular phone zimiswe ngokwamacandelo kwiindawo zokuhlala ibe abahlali abafuni nokuzibona ezi ngcingo kwindawo abahlala kuzo. Ngenxa yoko, iinkampani zeecellular phone zizisithelisa ezi ngcingo kwiinqaba zecawa. Umongameli wenye yezi nkampani uthi: “Icawa yokuqala ukufakela ezi ngcingo sele inazo zintathu ngoku yaye bafumana ama-R567 000 ngonyaka, ngendawo engasetyenziswayo.”