IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 5/07 iphe. 28-30
  • Kutheni Umele Uye Kugqirha Wamazinyo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Umele Uye Kugqirha Wamazinyo?
  • Vukani!—2007
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Elibola Ngayo Izinyo
  • Ukukhusela Amazinyo
  • Ukulungisa Amazinyo Onakeleyo
  • Ukujamelana Nokoyika
  • Ukuqaqanjelwa Lizinyo—Eyona Nto Yakha Yabuhlungu
    Vukani!—2007
  • Isifo-Seentsini—Ngaba Usengozini?
    Vukani!—2014
  • Ukuphuncuka Kwimihlathi Yomkhohlisi Omkhulu
    Vukani!—1991
  • Eyesi-2—Wunyamekele Umzimba Wakho
    Vukani!—2011
Khangela Okunye
Vukani!—2007
g 5/07 iphe. 28-30

Kutheni Umele Uye Kugqirha Wamazinyo?

NGAPHAMBI kokuba kubekho oogqirha bamazinyo abantu babeqaqanjelwa okanye amazinyo akhumke ukususela ebuntwaneni. Abanye abantu banamazinyo agqwanci, agoso okanye abanye abanamazinyo. Abantu abadala bebebulawa liphango kuba nje bengakwazi ukuhlafuna. Namhlanje, inkoliso yabantu abaya kugqirha wamazinyo abaqaqanjelwa, amazinyo abo omelele yaye banoncumo oluthi ndijonge. Yintoni eyenziwe ngoogqirha banamhlanje ukuze baphumeze ezi zinto zintathu?

Ukuze ukhusele amazinyo akho, ufanele ufunde iindlela zokuwalondoloza aze ahlolwe rhoqo, yaye ngaloo ndlela unokuphepha ukuqaqanjelwa ngamazinyo. UYesu wathi: “Kwabo baphilileyo akufuneki gqirha, kodwa kwabo bagulayo uyafuneka.” (Luka 5:31) Ngenxa yoko, abanye baye bazuza lukhulu ngokufundiswa indlela yokuwalondoloza kangangokuba abafane babe neengxaki zamazinyo.a Noko ke, abantu abaninzi bayakuphepha ukuya kugqirha wamazinyo. Abanye abayi kwaba gqirha kuba nje bengazikhathazi nganto ngamazinyo abo. Abanye abayi kwaba gqirha ngenxa yeendleko. Akho ke namagwala. Kungakhathaliseki ukuba akuyi ngasiphi isizathu, kubalulekile ukuzibuza: Yintoni ugqirha wamazinyo anokundiceda ngayo? Kubaluleke kangakanani ukuya kulo gqirha? Ukuze siqonde ukubaluleka kokulondoloza amazinyo sifanele siqonde oko kwenziwa ngoogqirha bamazinyo.

Indlela Elibola Ngayo Izinyo

Oogqirha bamazinyo baluncedo ekuthinteleni ukubola nokuqaqamba kwamazinyo. Ngoncedo lwakho, oogqirha bamazinyo banokulwa nemiphumo eyenziwa yintsholongwane yamazinyo. Le ntsholongwane yanda ngokukhawuleza ekutyeni okuphakathi kwamazinyo. Iguqula iswekile ibe yiasidi ebangela izinyo libe nemigxuma. Ekugqibeleni, xa le ntsholongwane sele ingene yaphelela izinyo liyabola. Ingqaqambo azivakali kwangoku, kodwa xa libole ngaphakathi, lisenokuqalisa ukuqaqamba.

Kukho nenye indlela le ntsholongwane yamazinyo ekungcungcuthekisa ngayo. Xa intsholongwane esemazinyweni ingasuswa kakuhle xa kuhlanjwa amazinyo, iyaqina ize ivelise ulwelo oluqinileyo olubizwa ngokuba yicalculus okanye itartar, nto leyo edumbisa iintsini. Oku kubangela isikhewu phakathi kweentsini namazinyo yaye kulapho zizalela khona iintsholongwane ezinokuhlasela iintsini zakho. Ugqirha wamazinyo unokuyithintela le meko, kodwa ukuba akuyisi so, amazinyo akho anokonakala kangangokuba asenokuziwela. Amazinyo amaninzi aphela ngolu hlobo ngaphezu kokuba ebola.

Amathe anokuwakhusela amazinyo akho kwiintsholongwane ngomlinganiselo othile. Emva kokutya isidlo okanye iqebengwana nje elinye, amathe afuna imizuzu eli-15 ukusa kwengama-45 ukuze acoce zonke iiasidi ezikwintsholongwane esemazinyweni akho. Phofu umbandela wexesha uxhomekeka kwindlela iswekile enamathele ngayo emazinyweni. Kubonakala ukuba amazinyo akho onakala ngeli xesha. Ngoko ke, umonakalo ewenzeka emazinyweni akho uxhomekeke kungekhona kubuninzi beswekile oyityayo kodwa kumaxesha otya ngawo naxa usitya ezinye izinto eziswiti. Ngenxa yokuba amathe ehamba kancinane xa ulele, enye yezona ndlela zokonakalisa amazinyo akho kukutya okanye usele isiselo esiswiti uze uye kulala ungakhange uhlamb’ amazinyo. Kwelinye icala, kuthiwa ukuhlafuna itshungama engenaswekile emva kokutya kunceda ekwandiseni amathe aze akhusele amazinyo akho.

Ukukhusela Amazinyo

Oogqirha bamazinyo bacebisa ukuba amazinyo amele ahlolwe kanye okanye kabini ngonyaka, kuxhomekeka kwimeko akuyo amazinyo akho. Xa kuhlolwa amazinyo ugqirha wakho uza kwenza ii-X-reyi aze ahlole amazinyo akho ngononophelo. Unokusebenzisa iyeza elibulala iintlungu nedrill ejikeleza ngesantya esiphezulu ukuze avale naziphi na izikhewu ngaphandle kweentlungu. Kwabo boyikayo, oogqirha bamazinyo abaliqela basebenzisa iilaser okanye umxube osusa ukubola nto leyo enokumbangela angayisebenzisi kangako okanye angayisebenzisi kwaphela idrill okanye iyeza leentlungu. Ebantwaneni, oogqirha bamazinyo bakhangela imihlathi emitsha ukubona enoba ibrashi yamazinyo iyafikelela kusini na ukuwacoca. Ugqirha unokuncomela ukuba kufakelwe iplastiki yokugudisa amazinyo kuze kube lula ukuwacoca aze angaboli.

Kubantu abadala, oogqirha bathintela isifo seentsini. Ngoko ke, ukuba ugqirha ufumanisa ukuba kukho icalculus emazinyweni uya kuyikrwela aze ayisuse. Abantu abaninzi badla ngokungafikeleli kwiindawo ezithile emazinyweni ngoko ke ugqirha wakho uya kukubonisa indlela onokuphucula ngayo indlela yokucoca amazinyo. Abanye oogqirha banokukuthumela kumntu ohlamba amazinyo noqeqeshwe ngokukhethekileyo.

Ukulungisa Amazinyo Onakeleyo

Ukuba unamazinyo abolileyo, amanye akakho okanye agoso, uya kukuvuyela ukwazi ukuba oogqirha baneendlela zokulungisa loo monakalo. Noko ke, ukulungisa amazinyo kubiza imali eninzi ngoko ke kufuneka uqiniseke ukuba awusebenzisi mali ingaphaya kwamandla akho. Phofu ke, abantu abaninzi bavakalelwa kukuba ukulungisa amazinyo asikokuchitha mali. Mhlawumbi ugqirha unokuphucula indlela ohlafuna ngayo. Okanye unokulwenza uncumo lwakho luthi ndijonge—asinto ingenamsebenzi ke leyo ekubeni amazinyo agoso enokuchaphazela indlela ophila ngayo.

Ukuba amazinyo aphukile okanye agqolile, ugqirha unokuncomela ukuba kufakelwe izinyo leplastiki okanye into efana nalo. Eli zinyo leplastiki lincanyathiselwa kwizinyo elibolileyo ukuze likhangeleke kakuhle. Ukuba izinyo lonakele kakhulu ugqirha unokuncomela ukuba kufakwe icap ngaphezu kwelo zinyo. Le cap igquma izinyo lonke yaye yenziwe ngegolide okanye ngezinto ezifana nezinyo.

Yintoni ugqirha anokuyenza ngezinyo eliphumileyo? Unokwenza into efana nezinyo aze amazinyo awalungelelanise. Enye into ngoku eqhelekileyo kukufakela amazinyo. Ugqirha ufakela isikhondo setitanium kumathambo emihlathi kanye kwindawo ebinezinyo, xa ithambo nentsini ziphinde zakhula kakuhle, kweso sikhondo ufakela izinyo elingelolamvelo. Kunjengokuba nezinyo lemvelo.

Amazinyo agoso anokwenza iintloni yaye kunokuba nzima ukucoca phakathi kwawo aze abe sesichengeni sokuba nezifo. Abuhlungu amazinyo anezikhewu yaye kunzima ukuhlafuna ngawo. Okuvuyisayo kukuba oogqirha bayakulungisa oku ngokufakela amacingo. Ngenxa yenkqubela eyenziweyo kule nkqubo, namhlanje la macingo akabonakali lula yaye akuyomfuneko ukuba aqiniswe kaninzi.

Abanye oogqirha banikel’ ingqalelo engakumbi ekupheliseni ivumba elibi lomlomo. Inkoliso yabantu iba nale yingxaki ngamaxesha athile kanti kwabanye yinto yemihla ngemihla. Baninzi oonobangela bale ngxaki. Abanye oogqirha bayakwazi ukukuxilonga baze bafumanise unobangela woku. Kumaxesha amaninzi eli vumba libangelwa yintsholongwane ngokuqhelekileyo esemva kolwimi. Ukubrasha nokuhlamba ulwimi kunokuba luncedo kanti nokuhlafuna itshungama engenaswekile. Kubalulekile ukuxukuxa emva kokutya izinto ezinobisi, inyama okanye intlanzi.

Ukujamelana Nokoyika

Ukuba ukutyelela ugqirha wamazinyo kukwenza ube nentaka, qiniseka ukuba ugqirha wakho angakunceda ujamelane nolo loyiko. Ngoko ke, mxelele indlela ovakalelwa ngayo. Mxelele indlela oza kubonisa ngayo ukuba uva intlungu okanye uyoyika. Oku kuye kwafunyaniswa ngabantu abaninzi kusebenza.

Mhlawumbi uyakoyika ukungxoliswa ngenxa yendlela akhangeleka ngayo amazinyo akho. Mhlawumbi ucinga ukuba ugqirha uza kukunkxwala kuba ungawanyamekeli kakuhle amazinyo akho. Phofu ke, ukungxolisa kugxotha abantu abeze kugqirha ngoko ke, akunasizathu sakoyika ukungxoliswa. Inkoliso yoogqirha bathetha kakuhle nabantu abaze kubo.

Abanye abantu abayi kugqirha wamazinyo kuba bebaleka ukuhlawula imali eninzi. Kodwa ukuba uya kugqirha ngoku ukuze uhlolwe amazinyo, unokuziphepha iingxaki uze wonge nemali yokuwanyanga kamva. Kwamanye amazwe kukho imigangatho eyahlukeneyo elungele bonke abantu. Neendawo ezikumgangatho ophantsi zidla ngokuba neX-reyi needrill ezinesantya esiphezulu. Oogqirha banokwenza izinto ezininzi kakhulu ungeva zintlungu. Amayeza okubulala iintlungu abiza imali ephantsi yaye inkoliso yabantu banokuyifikelela, kuquka nabo bangathathi ntweni.

Oogqirha bamazinyo bazabalazela ukuphelisa iintlungu kunokuzibangela. Ukuxilongwa kwamazinyo akululo uxanduva ngendlela ekwakungayo kwixesha loo yihlomkhulu. Ekubeni amazinyo omeleleyo asenokuphucula impilo yakho uze unandiphe ubomi ngokupheleleyo, kutheni ungatyeleli ugqirha wakho wamazinyo? Usenokumangaliswa yindlela aya kukuphatha ngayo.

[Umbhalo osemazantsi]

a Eli nqaku linikel’ ingqalelo kwindlela abantu abanokuncedwa ngayo ngoogqirha bamazinyo. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda inqaku elithi “Unokulukhusela Njani Uncumo Lwakho” kuVukani! wesiNgesi kaNovemba 2005.

[Umzobo okwiphepha 29]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Indlela Eliyiyo Izinyo Elomeleleyo

ICrown

I-enamel

I Dentin

Izinyo elinezivamvo nemithambo

Ingcambu yezinyo

Iintsini

Ithambo

[Umzobo okwiphepha 29]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Ukubola Kwezinyo

Ukubola

Ukufakela izinyoKunqanda ukunwenwa kokubola

[Umzobo okwiphepha 29]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Isifo Seentsini

Iintsholongwane kufuneka zibrashwe okanye zivungulwe

Iswekile eqinele emazinyweni, okanye itartar kunzima ukuyisusa yaye yenza buthathaka iintsini

Iintsini Ezidumbayo

[Umzobo okwiphepha 30]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Ukufakelwa kwezinyo

Izinyo leplastiki lidibanisa izinyo

I-cap

Izinyo elifakelweyo

Ucingo lumba izinyo macala onke luze lugcine izinyo elifakelweyo kwindawo yalo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share