Inyathelo 4
Misa Imithetho Yasekhaya Uze Uqiniseke Ukuba Iyathotyelwa
Kutheni eli ilinyathelo elibalulekileyo? Isazi ngezentlalo kwiYunivesithi yaseGeorgia, uRonald Simons uthi: “Abantwana bakhula kakuhle xa benemithetho ecacileyo baze bohlwaywe xa bengayithobeli. Xa kungekho mithetho, abantwana bayazicingela, bazingce, baze bangonwabi—yaye banxunguphalisa wonke umntu.” ILizwi likaThixo lithi: “Omthandayo [umntwana wakhe] uyamqeqesha.”—IMizekeliso 13:24, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.
Ingxaki: Ukubekela abantwana bakho imiqathango esengqiqweni nokuyibona loo miqathango isebenza kuthabath’ ixesha, kufun’ umgudu nokuzingisa. Yaye kubonakala ngathi abantwana bayakuthanda ukusoloko bexhokonxa abazali bevavanya igunya labo. UMike noSonia, abanabantwana ababini, bayishwankathela le ngxaki ngokuthi: “Abantwana ngabantu abancinane abanengqondo neminqweno yabo, nabazalwe benotyekelo lokwenza isono.” Aba bazali bawathanda gqitha amantombazana abo. Kodwa bayavuma besithi, “maxa wambi abantwana banenkani yaye bayazingca.”
Isicombululo: Baphathe ngendlela uYehova awaluphatha ngayo uhlanga lwakwaSirayeli. Enye indlela awalubonakalisa ngayo uthando lwakhe kubantu bakhe kwakungokubeka imithetho ecacileyo awayelindele ukuba bayithobele. (Eksodus 20:2-17) Wabachazela nokuya kwenzeka xa bengayithobeli loo mithetho.—Eksodus 22:1-9.
Ngoko ke, kutheni ungabhali imithetho yasekhaya ofuna abantwana bakho bayithobele. Abanye abazali bacebisa ukuba ingabi ludederhu lwemithetho, mhlawumbi ibe mihlanu. Imithetho yasekhaya embalwa ekhethwe ngenyameko akunzima ukuyithobela yaye ayilibaleki. Ecaleni kwayo, bhala nesohlwayo sokungayithobeli. Qiniseka ukuba isohlwayo sisengqiqweni yaye uya kubohlwaya. Mayifundwe ngokuthe rhoqo le mithetho ukuze bonke—kuquka uMama noTata—bazi oko kulindelekileyo kubo.
Ukuba imithetho ayithotyelwanga, umoni makohlwaywe ngoko nangoko, umele ukwenze oko uzolile, ubambelele ngokungqongqo kwisohlwayo nangendlela efanayo ngamaxesha onke. Naku ofanele ukuphawule: Ukuba unomsindo, linda umsindo uthothe ngaphambi kokuba wohlwaye nabani na. (IMizekeliso 29:22) Ungasinyenyisi isohlwayo kuba nje ucengwa. Mus’ ukusibekela amangomso. Ukuba wenjenjalo, umntwana wakho uya kucinga ukuba imithetho emisiweyo ayibalulekanga. Oku kuvisisana noko kuthethwa yiBhayibhile xa isithi: “Ngenxa yokuba isigwebo nxamnye nomsebenzi ombi singaphunyezwa ngokukhawuleza, ngoko intliziyo yoonyana babantu izele ngaphakathi kwabo kukwenza okubi.”—INtshumayeli 8:11.
Yiyiphi enye indlela onokulibonakalisa ngayo igunya lakho ngenjongo yokunceda abantwana?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]
“Ke uEwe makabe nguEwe, uHayi wenu, abe nguHayi.”—Mateyu 5:37