IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 9/07 iphe. 23-25
  • Iziqhamo Zasehlathini Ezifumaneka Simahla

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iziqhamo Zasehlathini Ezifumaneka Simahla
  • Vukani!—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • ISea Buckthorn—Umthi Osetyenziswa Kwizinto Ezininzi
    Vukani!—2009
  • Iqunube Elinombala Oluhlaza Okhazimlayo
    Vukani!—2017
  • Ilifu Elimnyama Elilengalenga Phezu Kwala Mahlathi Ashinyeneyo
    Vukani!—1997
  • Ukuhlaselwa Kwamahlathi Ashinyeneyo
    Vukani!—1998
Khangela Okunye
Vukani!—2007
g 9/07 iphe. 23-25

Iziqhamo Zasehlathini Ezifumaneka Simahla

UMBHALI KAVUKANI! EFINLAND

KUMAZWE akuMntla weYurophu, iintsapho ezininzi ziyakuthanda ukuya ehlathini zize zichola-chole amaqunube asendle. Ngokomzekelo, eFinland, abantu abawathandayo amahlathi banelungelo lokuya kuwabuka—enoba akumhlaba womntu—logama nje bengonakalisi nto okanye basondele kakhulu ezindlwini. Esi sithethe sidala sinenkqayi kumazwe aseScandanavia. Nabani na uvumelekile ukuzigqwathulela iintyatyambo, amakhowa kunye namaqunube.

EFinland kukho iindidi ezinokuba ngama-50 zamaqunube asendle, yaye inkoliso yawo ayatyiwa. Awona maqunube axhaphakileyo ziibilberries, cloudberries neelingonberries.a—Funda iibhokisi.

Amaqunube ayimibalabala nanencasa engafaniyo asetyenziswa ekunongeni ukutya yaye ayimpilo. Incwadi ethi Luonnonmarjaopas (Inkcazelo Ngamaqunube Asendle) ithi: “Amaqunube afumaneka kumazwe akuMntla weYurophu nakhula ebudeni bosuku olude [lwasehlotyeni] ayimibalabala, anevumba elimnandi, izondlo neevithamini ezininzi.” Ukongezelela, amaqunube aluncedo ekunciphiseni iswekile necholesterol. Kwakhona amaqunube aneflavonol nephenol ekukholelwa ukuba ziluncedo empilweni.

Ngaba akuyonkcitha xesha ukukha amaqunube ehlathini? UJukka, okuthanda gqitha ukukha amaqunube, uthi: “Kuluncedo gqitha kuba konga imali, yaye ixabiso lamaqunube lixhome gqitha xa uwathenga. Xa uzikhelela uyazi ukuba asemgangathweni.” Yena umfazi wakhe uNiina, uchaza amanye amaqithiqithi afumanekayo esithi, “Xa siye kukha amaqunube, intsapho ifumana ithuba lokuba nepikniki ehlathini.”

UNiina, wolek’ umsundulo esithi: “Kodwa ukuba uhamba nabantwana, kubalulekile ukubabeka esweni ukuze bangatyi amaqunube angatyiwayo.” Umntu ufanele aphaphe kuba amanye amaqunube anetyhefu.

Kanye njengenkoliso yabantu bamazwe akuMntla Yurophu, uJukka noNiina bakuthand’ egazini ukuya ehlathini. UNiina uthi: “Ndiyakuthanda ukuya ehlathini. Kuzolile, kucocekile yaye kubeth’ impepho. Kuyandihlaziya. Nabantwana bayonwaba xa besehlathini.” UJukka noNiina bafumanise ukuba kuthe cwaka ehlathini yaye bafumana ithuba elihle lokucamngca nokuncokola njengentsapho.

Amaqunube amnandi yaye anempilo xa esandul’ ukukhiwa. Kodwa ayakhawuleza ukonakala. Ukuze uwatye amaqunube nasebusika, kufuneka uwagcine kakuhle. Ngaphambili, abantu babedla ngokuwafaka kwizisele, kodwa kule mihla agcinwa efrijini. Amanye kwenziwa ngawo ijam neziselo.

Umbhali waseSweden kwincwadi yakhe ethi Svenska Bärboken (INcwadi YaseSweden Yamaqunube) uthi: “Kumnandi gqitha ebusika xa kubanda ukukhupha iziqhamo obuzigcinile zasehlotyeni nto leyo ekukrobisa kwihlobo elizayo. Zininzi izinto ezenziwa ngamaqunube. Ekuseni, aginyis’ ingwiqi xa edityaniswe neyogurt, igranola, okanye isidudu. Kanti, amanye amaqunube kwenziwa ngawo iidessert neepayi eziginyis’ ingwiqi. Kanti isiselo esinqumbululu okanye ijeli eyenziwe ngamaqunube imnandi gqitha xa ityiwa neziny’ izidlo.

Abantu abaninzi bawathenga evenkileni amaqunube. Kodwa khawuzibone usehlathini ngemini ezolileyo, usezela impepho yaye uzikhangelela loo maqunube amibalabala nanencasa. Kumnandi ukufumana amaqunube mahala! Oku kusikhumbuza amazwi omdumisi athi: “Hayi indlela emininzi ngayo imisebenzi yakho, Yehova! Yonke uyenze ngobulumko. Uzele umhlaba yimveliso yakho.”—INdumiso 104:24.

[Umbhalo osemazantsi]

a Kweli nqaku, kusetyenziswa igama elithi “iqunube” ukubhekisela kuso nasiphi na isiqhamo esincinane. Izazi ngezityalo zisebenzisa igama elithi “iqunube” ukubhekisela kwiziqhamo ezineepete ezininzi. Ngokwale nkcazelo, iibhanana neetumato ngamaqunube.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 24, 25]

IBILBERRY (IVaccinium myrtillus)

Elinye igama leli qunube limnandi nelithandwayo yiwhortleberry. La maqunube kudla ngokwenziwa ngawo isauce, ipudding, ijam okanye isiselo. Kwakhona kwenziwa ngawo iipayi, ezinjengebilberry pie. La maqunube amnandi gqitha xa eqhuqhwe nobisi. Xa utye ibilberry musa ukucinga ukuba abantu abayi kukubona kuba umbala wala maqunube usala ubonakala emlonyeni. Ngenxa yoko, xa utye eli qunube liyakudiza.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 25]

ICLOUDBERRY (IRubus chamaemorus)

Eli qunube likhula kakuhle emigxobhozweni. Eli qunube lixhaphake kakhulu emntla Finland. Icloudberry, inevithamini A ne-C eninzi nezondlo. Eli qunube linevithamini C eninzi kuneorenji. Olu hlobo lwequnube luthandwa gqitha. La maqunube ayasetyenziswa xa kusenziwa idessert neentlobo ezithile zotywala.

[Inkcazelo]

Reijo Juurinen/Kuvaliiteri

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 25]

ILINGOBERRY (IVaccinium vitis-idaea)

Eli qunube elifana gqitha necranberry, lithandwa kakhulu eFinland naseSweden. Ijeli yelingonberry ihla kamnandi nesidlo sangokuhlwa. Ngala maqunube abomvu krwe kwenziwa isauce, ipudding, isiselo neendidi zeepayi. Ilingonberry ayikhawulezi ukonakala ngenxa yeasidi yayo. Ekubeni eli qunube limuncu, abanye abantu basenokungalithandi.

[Ibhokisi ekwiphepha 25]

Asingomsebenzi Ulula!

Ukukha amaqunube ngumsebenzi ovuyisayo nowanelisayo.b Kodwa asingomsebenzi ulula. UPasi noTuire isibini esitshatileyo saseLapland sidla ngokukha amaqunube esiza kuwatya nesiza kuwathengisa. Maxa wambi xa sisikha amaqunube, siye sirhangqwe libubu lezinambuzane, ezinjengeengcongconi neezibawu. UTuire ehanjelwa ngumzimba uthi: “Ziyacaphukisa. Zide zingene emlonyeni nasemehlweni.” Okuvuyisayo kukuba, unokuzikhusela kuzo ngokunxiba iimpahla ezifanelekileyo uze umane uziphekuza.

Ukuhamb’ ehlathini nako kusenokungabi lula—ngokukodwa xa uhamba kwiindawo ezinemigxobhozo. Naxa uhamba kwindlela ebonakala iqinile usenokuzibona sele utshona emgxobhozweni. Kwakhona, njengokuba uPasi noTuire besitsho, ukukha amaqunube kusenokuba ngumsebenzi onzima. Ukugoba nokuchopha ixesha elide kunokubangela umqolo nemilenze ibe buhlungu.

Nokuwafumana akukho lula. UPasi uthi: “Ukukhangela indawo enamaqunube amaninzi kufuna ube ngumntu onomonde.” Esalek’ umsundulo uTuire uthi: “Amaxesha amaninzi eyona nto iqobayo kukuwakhangela kunokuwakha.” Ukuwacoca emva kokuba uwakhile ngumsebenzi owongezelekileyo.

Ngenxa yoko abanye abantu abazidubi ngokukha amaqunube. Sekunjalo, abantu abakuthandayo ukukha amaqunube njengoPasi noTuire nyaka ngamnye bay’ ehlathini nasemigxobhozweni bekhangela amaqunube. Bona bayawunandipha lo msebenzi nakuba ungelula.

[Umbhalo osemazantsi]

b Asingawo onke amaqunube atyiwayo. Amanye anetyhefu. Ngaphambi kokuba uye kukha amaqunube ufanele wazi ukuba ngawaphi atyiwayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share