ISea Buckthorn—Umthi Osetyenziswa Kwizinto Ezininzi
◼ Xa behamba kwelaseRashiya ebutsheni bokwindla, abo batyelela kwiilali zalapho bangabona isea buckthorn,a ityholwana okanye umthi, onamaqunube amancinane angathi ngamaso nanebala eliorenji. Kunokuba akhule ezizihlahla, la maqunube akhulela emasebeni, enombala othi ndijonge.
La maqunube ayatyiwa, kodwa lumkela ameva awo abukhali xa uwakha ngezandla! Kufuneka ukhe libe linye ngexesha uze ulumke ungawatyumzi. Ekubeni ikhula kakuhle kwimozulu ebandayo, isea buckthorn idla ngokufumaneka kwimimandla esezintabeni esusela kumntla-ntshona weYurophu ukuya kutsho kwiiNtaba zeAltai ezikuMbindi Asia, kwakunye nasentshona nakumntla weTshayina nakumantla weeHimalayas. Kangangeenkulungwane, la maqunube ebethandwa gqitha kwiindawo ezifana neTshayina, iRashiya neTibet.
Kuyathethwa ngeesea buckthorn kwimibhalo yamandulo yezamayeza yaseTibet kwanakwimibhalo yamandulo yesiGrike. Igama layo lesiGrike elithi, Hippophaë lithetha “ihashe eligudileyo.” Kucingelwa ukuba eli gama libhekisela kuqheliselo lwamandulo lwamaGrike lokutyisa amahashe omdyarho la maqunube okanye amagqabi ukuze abe nofele olugudileyo.
Isea buckthorn le yeza namaRashiya kuMntla Merika ebutsheni benkulungwane yama-20 xa imithana yaseSiberia yayisisiwa eKhanada naseUnited States ukuze ilinyelwe intengiso. Ngoku amazwe amaninzi alima le mithana ukuze kutyiwe iziqhamo zayo kuze kwenziwe namayeza ngayo.
Phakathi kwezinye izinto, amaqunube esea buckthorn anovithamini C no E, ifolic acid, iicarotenoid, iifatty acids neeflavonoids. Uphando lwamayeza lwakutshanje luye lwahlolisisa indlela isea buckthorn eluncedo ngayo ekunyangeni umhlaza, kwakunye nasekunciphiseni iingozi zesifo sentliziyo, izilonda ezisemathunjini, iingxaki zolusu nezesibindi. La maqunube kwenziwa ngawo isiselo esihlaziyayo aze ancede nasekunyangeni izigulo ezahlukahlukeneyo.
Eyona nto ibalulekileyo kwiqunube lesea buckthorn yimbewu yalo emnyama encinane. Uninzi lwezondlo ezikweli qunube zivela kwioli ekule mbewu. Olunye uhlolisiso lufumanise ukuba le oli inceda ekomelezeni inkqubo yomzimba yokuzikhusela. Ukongezelela, izinto zokuthambisa nezokunyamekela ulusu zenziwa ngale oli ngenxa yokuba kusithiwa ilwenza lutsha ulusu.
Ukuba ukhe watyelela eRashiya, uya kubuthanda ubuhle bala maqunube aorenji alo mthi. Kodwa ke, njengoko sele sitshilo, esi sityalo asipheleli nje ekubeni sihle. Eneneni, siphakathi kwezinto ezininzi, ezingqina ubulumko nokulunga koMdali wethu!
[Umbhalo osemazantsi]
a Mhlawumbi lo mthi ubizwa ngeli gama ngenxa yokuba ukhula kumanxweme aseYurophu nawaseAsia.