IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 10/07 iphe. 9-11
  • Khusela Intsapho Yakho

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Khusela Intsapho Yakho
  • Vukani!—2007
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ILizwi LikaThixo Nendlela Esiphathana Ngayo
  • Intsapho Emanyaniswa Luthando
  • Uthintelo Ekhayeni
    Vukani!—1993
  • Indlela Onokubakhusela Ngayo Abantwana Bakho
    Vukani!—2007
  • Bathande Uze Ubakhusele Abantwana
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • Amanxeba Afihlakeleyo Abantwana Abaxhatshazwayo
    Vukani!—1991
Khangela Okunye
Vukani!—2007
g 10/07 iphe. 9-11

Khusela Intsapho Yakho

“ABANGENAWO umsa wemvelo.” Ngaloo mazwi, iBhayibhile ichaza izimo zengqondo zabantu abaninzi bexesha esiphila kulo elikwabizwa ngokuba ‘yimihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1, 3, 4) Ukuxhatshazwa kwabantwana, bexhatshazwa zizalamane zabo izalisekisa esi siprofeto. Igama lesiGrike elithi aʹstor·gos xa liguqulelwe esiXhoseni lithetha ukuba “abangenawo umsa wemvelo,” likwathetha ukusilela ukubonisa uthando olo lufanele lubekho entsatsheni, ngokukodwa phakathi kwabazali nabantwana.a Okulusizi kukuba abantwana badla ngokuxhatshazwa kwangamalungu entsapho.

Abanye abaphandi bathi abona bantu ngokuqhelekileyo badla ngokuxhaphaza abantwana ngooyise. Ezinye izalamane ezingamadoda nazo zidla ngokubaxhaphaza abantwana. Nangona abona bantu badla ngokuba ngamaxhoba ingamantombazana kodwa namakhwenkwe amaninzi ayaxhatshazwa. Amabhinqa nawo ayabaxhaphaza abantwana. Eyona ndlela yokuxhaphaza ingachazwayo kuxa umntwana omdala kunabanye egrogrisa ongaphantsi kunaye efuna babe neentlobano zesini. Njengomzali ngokuqinisekileyo ukufumanisa oko kulisikizi.

Unokuzithintela njani ukuba izinto ezinjengezo zingenzeki entsatsheni yakho? Licacile elokuba lungu ngalinye kwintsapho nganye lifanele liyazi imilinganiselo ethintela ukuxhatshazwa kwabantwana. Loo milinganiselo ifumaneka eLizwini likaThixo, iBhayibhile.

ILizwi LikaThixo Nendlela Esiphathana Ngayo

Ukuze ntsapho nganye ikhuseleke ifanele ilandele imilinganiselo yokuziphatha eseBhayibhileni. IBhayibhile ithetha phandle ngesini, ayigwegwelezi. Ithi, uThixo walungiselela ukuba ibe yindoda nomfazi ababa neentlobano zesini. (IMizekeliso 5:15-20) Noko ke, iyayigatya into yokuba neentlobano zesini ngaphandle emtshatweni. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithetha phandle ngombulo. ILevitikus isahluko 18 ithetha ngeentlobo ezahlukeneyo zombulo. Phawula la mazwi alandelayo: “Makungabikho nawuphi na umntu kuni osondela kuso nasiphi na isalamane sakhe esisondeleyo ukuze atyhile ubuze baso [abe neentlobano zesini kunye naso]. NdinguYehova.”—Levitikus 18:6.

Umbulo uYehova uwubala phakathi ‘kwezinto ezicekisekayo’ yaye abawenzayo baya kufa. (Levitikus 18:26, 29) Licacile elokuba uMdali unemilinganiselo ephakamileyo kulo mba. Namhlanje, oorhulumente abaninzi bakujonga ngendlela efanayo ukuxhatshazwa kwabantwana ngokwesini ngamalungu entsapho zawo. Ngokomthetho umntwana oxhatshazwa ngumntu omdala ngokwesini udlwengulwe. Kutheni kusetyenziswa igama eliqatha ngolu hlobo ekubeni engakhange amgagamele umntwana?

Oorhulumente abaninzi bayakuqonda oko kuthethwa yiBhayibhile ngabantwana—abakwazi ukuqiqa njengabantu abadala. Ngokomzekelo, iMizekeliso 22:15 ithi: “Ubudenge bubotshiwe entliziyweni yenkwenkwe.” Umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale athi: “Xa ndandilusana, ndandifudula . . . ndicinga ngokosana, ndiqiqa ngokosana; kodwa ekubeni ngoku ndiyindoda, ndizibhangisile iimpawu zobusana.”—1 Korinte 13:11.

Umntwana akanakuyiqonda intsingiselo yokuba neentlobano zesini yaye akayazi nemiphumo eya kulandela. Ngoko ke, icace nakuthathatha into yokuba umntwana akanakukwazi ukwenza isigqibo esisengqiqweni ngokuphathelele iintlobano zesini. Ngamanye amazwi, ukuba umntu omdala (okanye umntwana osele ethe dlundlu) uba neentlobano zesini nomntwana akanakuthi akandinqandanga okanye ebendincwasile. Lo mntu umdala unetyala lokudlwengula. Olo hlobo lolwaphulo-mthetho, umntu udla ngokuvalelwa entolongweni xa elwenzile. Umntu obekek’ ityala ngulo udlwenguleyo kungekhona ixhoba.

Okulusizi kukuba abantu abenza ezi zinto abohlwaywa ngabasemagunyeni. Ngokomzekelo, eOstreliya kuqikelelwa ukuba li-10 ekhulwini kuphela eliye limangalelwe yaye bambalwa abaye bagwetywe. Namanye amazwe anengxelo efanayo. Nangona oorhulumente benokwenza okuncinane ukukhusela intsapho yamaKristu, ukusebenzisa imigaqo eseBhayibhileni kunokuyikhusela ngakumbi.

AmaKristu okwenyaniso ayaqonda ukuba uThixo unemilinganiselo eseLizwini lakhe engatshintshiyo. Uyayibona nantoni na esiyenzayo, kwanezinto esizifihlayo kwabanye abantu. IBhayibhile ithi: “Zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.”—Hebhere 4:13.

UThixo uya kusiphendulisa ukuba sophul’ imithetho yakhe size sikhathaze abanye abantu. Kwelinye icala, uya kusisikelela ukuba sinamathela kwimiyalelo yakhe engendlela yokuphatha intsapho. Yiyiphi eminye yalo miyalelo?

Intsapho Emanyaniswa Luthando

IBhayibhile ithi: “Uthando, lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.” (Kolose 3:14) Njengokuba kuchaziwe eBhayibhileni, uthando asiyomvakalelo nje. Luchazwa ngendlela ekhuthazayo—lubonakala ngezenzo. (1 Korinte 13:4-8) Ukubonisa uthando entsatsheni, kuthetha ukuphathana ngesidima, ukuba nentlonelo nokuba nobubele. Kuthetha ukujongana ngendlela uThixo alijonga ngayo ilungu ngalinye lentsapho. UThixo unokuthile akulindeleyo kumntu ngamnye entsatsheni.

Njengentloko ntsapho, ubawo ufanele akhokele ekuboniseni uthando. Uyaqonda ukuba ubawo ongumKristu akangozwilakhe, olisebenzisa kakubi igunya lakhe kwinkosikazi okanye kubantwana bakhe. Kunoko, uxelisa umzekelo kaKristu. (Efese 5:23, 25) Ngoko ke, uyamthanda aze amthantamise umfazi wakhe yaye unomonde kwaye ubaphatha ngobunono abantwana bakhe. Ubakhusela kuyo nantoni na enokubenza bangabi seluxolweni, babe nyulu, bangathembi mntu baze bangakhuseleki.

Ngokufanayo, umfazi okanye umama enendima ebalulekileyo afanele ayiphumeze. IBhayibhile ithetha ngendlela isikhukukazi esiwakhusela ngayo amantshontsho aso ukubonisa indlela uYehova noYesu abasikhusela ngayo. (Mateyu 23:37) Nonozala ufanele abakhusele ngendlela efanayo abantwana bakhe. Ebonis’ uthando, axolele ukubek’ ubomi bakhe esichengeni ukuze akhusele abantwana bakhe. Umzali akalisebenzisi kakubi igunya lakhe okanye aphathe kakubi inkosikazi okanye abantwana bakhe; yaye akavumeli nabantwana ukuba baphathane ngaloo ndlela.

Xa intsapho iphathana ngesidima nangembeko kuba lula ukuncokolisana. Umbhali uWilliam Prendergast uthi: “Abazali bafanele bancokole nabantwana babo suku ngalunye.” Esalek’ umsundulo uthi: “Esi sesona sicombululo kwingxaki yokuxhatshazwa kwabantwana ngokwesini.” Yiloo nto kanye ekhuthazwa yiBhayibhile. (Duteronomi 6:6, 7) Xa olu lwalathiso lusetyenziswa, lungu ngalinye lentsapho liyakwazi ukuzityand’ igila.

Kuyavunywa ukuba siphila kwihlabathi elingendawo yaye asilulo lonke uhlobo lokuxhatshazwa olunokuthintelwa. Kodwa ke, ukho umahluko omkhulu xa ukhulela kwikhaya elikhuselekileyo. Ukuba elinye ilungu lentsapho liye lakhathazwa ngumntu othile liyazi apho linokubalekela khona ukuze lifumane ukhuthazo. Enyanisweni elo khaya yindawo yokubalekela, indawo okhuselekileyo kuyo kunakwihlabathi elineengxaki. Ngamana uThixo angayisikelela imigudu yenu ekwenzeni ikhaya lenu libe yindawo ekhuselekileyo!

[Umbhalo osemazantsi]

a Eli gama lamandulo lesiGrike lichazwa ngolu hlobo: “Ukuyikhohlakalela intsapho yakho.” Enye inguqulelo yeBhayibhile iyichaza ngolu hlobo le ndinyana: “Babengayi kuzithanda iintsapho zabo.”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 10]

AMACEBISO OKWENZA IKHAYA LIKHUSELEKE

I-Internet: Ukuba nineInternet ekhaya chazelani abantwana indlela ekhuselekileyo yokuyisebenzisa. Kukho intlaninge yamajelo abonisa amanyala kwi-Internet nasetyenziswa ngabantu abafuna ukuxhaphaza abantwana. Kububulumko ukuba ikhompyutha ibe sekuhleni ukuze abazali babone indlela abantwana abayisebenzisa ngayo. Abantwana abafanele bazichaze iinkcukacha zabo okanye badibane nomntu ebebethethe naye kwi-Internet.—INdumiso 26:4.

Utywala: Kwimeko ezininzi ukuxhatshazwa kwabantwana ngokwesini kubangelwa kukusetyenziswa kakubi kotywala. Kuye kwafunyaniswa ukuba abantu abadala abangamanxila badla ngokuphelelwa ziintloni; abanye benza izinto ebebengenakuzenza ukuba bebengaselanga. Oku kusenza silithobele ngakumbi icebiso leBhayibhile lokuphephe ukunxila.—IMizekeliso 20:1; 23:20, 31-33; 1 Petros 4:3.

Ixesha Lokuba Babe Bodwa: Elinye ibhinqa lithi: “Emva kokuba uMama efile, yayingutata kuphela ekhaya owayenefestile egqunywe ngekhethini nocango kwigumbi lakhe lokulala. Sasingakhe sibe sodwa—kwanakwigumbi lokuhlamba.” Le ndoda yayizixhaphaza ngokwesini zonke iintombi zayo. Lungu ngalinye lentsapho lifanele likuqonde ukubaluleka kokuba abanye bakhe banikwe ixesha lokuba babe bodwa. Njengokuba abazali bakhe bafune ukuba bodwa ngokufanayo bafanele babanike ixesha lokuba bodwa nabantwana babo. Abazali abalumkileyo babaphatha abantwana babo ngendlela nabo abathanda ukuphathwa ngayo.—Mateyu 7:12.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share