Ukusuka Kumandla Ombane Ukusa Ekukhanyeni Kokomoya
NGUMBHALI KAVUKANI! EITALI
◼ Ngasekuqaleni kwenkulungwane yee-1900, kwakhiwa imizi-mveliso kwiintaba zephondo lePistoia, eItali. Kwakhiwa umzila kaloliwe osebenza ngombane ukuze kuthunyelwe izimbiwa ezikrwada nezityhidiweyo. Xa wavulwa ngokusesikweni ngoJuni 21, 1926, lo mzila umxinwa wawutyhubela iinduli neentaba ezimalunga neekhilomitha ezili-15.
Kwakhiwa izikhululo ezincinane zombane ukuze zixhase lo loliwe (ngasekhohlo emantla). Noko ke, ekubeni wawungasaxakekanga kakhulu kwanyanzeleka ukuba uvalwe ngowe-1965. Kodwa kwenzeka ntoni kwizakhiwo ezazinxuse lo mzila kaloliwe? Ezinye zaba ngamabhodlo; ezinye zenziwa iinkanti nezikhululo zeebhasi.
Esi sikhululo sombane sahlaziywa. Ngowe-1997 sathengwa yiSan Marcello Pistoiese Association of Jehovah’s Witnesses saza senziwa iHolo YoBukumkani yaseTuscany (ingasekhohlo ezantsi). Amalungu ebandla ahlanganisana kule ndawo eyayifudula isisikhululo sombane ngoku “akhanya njengezikhanyiso” kulo mmandla weentaba, ashumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. (Filipi 2:15; Mateyu 24:14) Ewe, isakhiwo esasifudula siphehla umbane, ngoku siphehla ukukhanya kokomoya.—Mateyu 5:14-16; 28:19, 20.