IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w93 8/1 iphe. 9
  • Umntu Oselula Othanda Ukuhamba Ngololiwe Ufunda Inyaniso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umntu Oselula Othanda Ukuhamba Ngololiwe Ufunda Inyaniso
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • Umzila Kaloliwe Onqumla Iilwandle
    Vukani!—2010
  • “Imfeketho” Yokwakhiwa Kwendlela KwiAfrika EseMpuma
    Vukani!—1998
  • Ukusuka Kumandla Ombane Ukusa Ekukhanyeni Kokomoya
    Vukani!—2007
  • Amangqina KaYehova—Intlangano Emelwa Lelo Gama
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
w93 8/1 iphe. 9

Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa

Umntu Oselula Othanda Ukuhamba Ngololiwe Ufunda Inyaniso

UKUBA intliziyo yomntu ityekele ebulungiseni, ngoko uYehova uThixo, esebenzisa uKristu Yesu nezithunywa zezulu, uya kuqinisekisa ukuba ekugqibeleni umntu obumvu uyazifumana iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Ngexesha elifanelekileyo lo mntu usenokuba kwicala lasekunene lenkoliseko kaYesu. (Mateyu 25:31-33) Oku kwaba njalo ngoselula waseOstriya othanda ukuhamba ngololiwe owafumana inyaniso ngendlela engaqhelekanga.

Eyona ndlela yokuzonwabisa eyayilichwayitisa kakhulu eli tyendyana lomfana yayikukukhwela nomqhubi kwintloko kaloliwe, ngemvume yabaphathi bakaloliwe. Hambo ngalunye wayelurekhoda kwikhamera yakhe yevideo ukuze aphinde alubukele ekhayeni lakhe. Kuhambo olwalusuka eVienna lusinge eSalzburg, umqhubi kaloliwe wayengomnye wamaNgqina kaYehova. Wasebenzisa eli thuba ekuthetheni ngoBukumkani nalo mntu oselula othanda ukuhamba ngololiwe. Ekuqaleni lo mfana wamangaliswa kukuva umqhubi ethetha ngoThixo nangeBhayibhile, kodwa ngoxa behamba ngololiwe, wayenikele ingqalelo kwizinto awayezibona ecaleni kwendlela kaloliwe kunoko wayekuxelelwa ngumqhubi.

Akubuyela ekhaya, lo uselula owayethanda ukuhamba ngololiwe wabukela oko wayekurekhode ngevideo kungekuphela nje isihlandlo esinye kodwa izihlandlo ezilishumi, njengoko wayenomdla kolu hambo. Kwakhona ekubeni wayerekhode nezandi, ngokuphindaphindiweyo wayesiva oko wayekuxelelwa lelo Ngqina. Okukhona wayebukela ivideo, kokukhona wayeqhelana ngakumbi noko wayekuxelelwe. Ngoku waqalisa ukucingisisa ngako, yaye ekugqibeleni waba nomdla kwinkcazelo emangalisayo eyayivela eBhayibhileni. Wayefuna ukwazi okungakumbi.

Walikhumbula igama laloo mqhubi kaloliwe yaye wayesazi ukuba wayehlala ndawen’ ithile eVienna. Ngoko waya eposini waza watsalel’ umnxeba kwiinombolo ezininzi ezazidweliswe phantsi kwelo gama kwincwadi yefoni. Abo babephendula umnxeba wayebabuza oku: “Ngaba ungumqhubi kaloliwe?” Ukuba uyalandula, wayetsalel’ umnxeba kwenye inombolo. Ekugqibeleni wamfumana umqhubi lowo. Wamxelela ibali lakhe nokuba wayenomdla kwisigidimi seBhayibhile awayesive kwivideo.

Ngoncedo lweofisi yesebe eli Ngqina lenza amalungiselelo okuba eli tyendyana lomfana lityelelwe ngumntu ohlala kufuphi nalo. Kwenzeka ukuba kubekho elinye iNgqina elikwibandla elikufuphi nekhaya lalo nalo elalingumqhubi kaloliwe. Lo mqhubi kaloliwe wesibini watyelela lowo wayethanda ukuhamba ngololiwe ibe kwaqaliswa isifundo seBhayibhile. Ngehlobo lowe-1991, lo mfana wabhaptizwa.

UYehova, okhangela zonke iintliziyo, wabona ukuba lo mntu wayenothando olunyanisekileyo ngobulungisa. Ngenxa yoko, wenza ukuba afumane inyaniso yeBhayibhile—nangona wayifumana ngendlela engaqhelekanga.—1 Kronike 28:9; Yohane 10:27.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 9]

Courtesy of the Austrian Railways

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share