IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 11/07 iphe. 6
  • 2. Ababhali Bayo Banyanisekile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • 2. Ababhali Bayo Banyanisekile
  • Vukani!—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • IBhayibhile​—Ngaba Nyhani ‘Iphefumlelwe NguThixo’?
    Vukani!—2017
  • Ngaba IBhayibhile Ibhalwe Ngobulumko Babantu?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • IBhayibhile Incwadi Ekhethekileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Incwadi YeBhayibhile 32—Yona
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
Khangela Okunye
Vukani!—2007
g 11/07 iphe. 6

Izizathu Zokuyikholelwa IBhayibhile

2. Ababhali Bayo Banyanisekile

Xa umntu enyanisekile kulula ukumthemba. Umntu owaziwa ngokunyaniseka unokumthemba kodwa ukuba unokukuxokisa nokuba nje kukanye, unokuyeka ukumthemba.

ABABHALI beBhayibhile ngamadoda anyanisekileyo awabhala yonke into ngokuphandle. Oko kunyaniseka kwabo kubonisa ukuba oko bakubhalayo kuchanile.

Iimpazamo nobuthathaka. Ababhali beBhayibhile bazivuma ekuhleni iimpazamo nobuthathaka babo. UMoses wachaza ngempazamo awayenzayo eyaba nemiphumo ebuhlungu kakhulu kuye. (Numeri 20:7-13) UAsafu wachaza ukuba wakha wanomona ngempumelelo yabangendawo. (INdumiso 73:1-14) UYona wathetha ngokungathobeli kwakhe nesimo sengqondo esingafanelekanga awaba naso ekuqaleni xa uThixo wayebonakalisa inceba kuboni abaguqukileyo. (Yona 1:1-3; 3:10; 4:1-3) UMateyu wachaza ngokukhululekileyo ukuba wamshiya uYesu ngobusuku bokubanjwa kwakhe.—Mateyu 26:56.

Ababhali beZibhalo zesiHebhere bakuchaza ngokuphandle ukukhalaza nemvukelo ephindaphindiweyo yabantu bohlanga lwabo. (2 Kronike 36:15, 16) Ababhali babengakhethi, babebhala nangabalawuli bohlanga lwabo. (Hezekile 34:1-10) Oko kunyaniseka kubonakala nakwiileta ezabhalwa ngabapostile apho bachaza ngeengxaki ezinzulu zamaKristu ahlukahlukeneyo, kuquka lawo ayeneembopheleleko zokukhokela, bachaza nangeengxaki ezazichaphazela amabandla athile enkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo.—1 Korinte 1:10-13; 2 Timoti 2:16-18; 4:10.

Inyaniso engangxengwanga. Ababhali beBhayibhile abazange bazame ukushiya iinkcukacha ezithile kuba nje zibonakala zibangel’ iintloni. AmaKristu enkulungwane yokuqala ayivakalisa ngokuphandle into yokuba ayengathandwa ngabantu awayephila nabo kodwa ayejongwa njengezidenge. (1 Korinte 1:26-29) Ababhali bachaza ukuba abapostile bakaYesu babegqalwa njengabantu “abangenamfundo nabaqhelekileyo.”—IZenzo 4:13.

Ababhali beencwadi zeVangeli abazange bagqwethe izinto ngenjongo yokwenza uYesu abonakale engumntu onomtsalane. Kunoko, bachaza ngokunyanisekileyo ukuba wazalwa yintsapho engamahlwempu, akazange aye kufunda kwizikolo ezazidumile ngexesha awayephila ngalo, nokuba abantu abaninzi basichasa isigidimi sakhe.—Mateyu 27:25; Luka 2:4-7; Yohane 7:15.

Licacile elokuba, iBhayibhile inikela ubungqina obuninzi bokuba yabhalwa ngababhali abanyanisekileyo. Ngaba ukunyaniseka kwabo kukwenza ubathembe?

[Umfanekiso okwiphepha 6]

Ababhali beBhayibhile abafana noYona, babhala ngeempazamo zabo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share