Ubuya Kuphendula Uthini?
KWENZEKA PHI OKU?
Funda eBhayibhileni uMateyu 2:1-16, uze uphendule le mibuzo ilandelayo.
1. Inkwenkwezi yazikhokelela kwesiphi isixeko kuqala izazi?
Yenza isangqa kwimpendulo yakho emaphini.
Yeriko
Yerusalem
Bhethani
Bhetelehem
◆ Yintoni le uKumkani uHerode wayefuna izazi ziyenze?
․․․․․
◆ Kwakutheni ukuze uHerode afune ukwazi ukuba uYesu wayenokufunyanwa phi?
․․․․․
◼ Ukwenzela Incoko: Ubona wuphi umahluko phakathi kwengxelo yeBhayibhile namabali aqhelekileyo eKrismesi?
KWENZEKA NINI OKU?
Chaza amagama ababhali bezi ncwadi zeBhayibhile zingezantsi, uze wenze umgca osuka kwincwadi leyo oya malunga nexesha eyagqitywa ngayo.
50 C.E. 65 C.E. 77 C.E. 96 C.E. 98 C.E.
2. 1 Yohane
3. Yude
4. ISityhilelo
NDINGUBANI?
5. UYohane wandincoma ngomoya wokubuk’ indwendwe nangothando lwam.
NDINGUBANI?
6. Nakuba ndingowesixhenxe kumlibo wokuzalwa kuka-Adam, isiprofeto sam sibhalwe kwincwadi kaYude.
KULE NKUPHO
Phendula imibuzo elandelayo uze ufakele iindinyana zeBhayibhile ezingekhoyo.
Iphepha 4 Yintoni abayaziyo abantu abafileyo? (INtshumayeli 9:․․․)
Iphepha 8 Yintoni uThixo aza kuyenza ngokufa? (Isaya 25:․․․)
Iphepha 10 Yintoni uThixo aza kuyenza kwabo bonakalisa umhlaba? (ISityhilelo 11:․․․)
Iphepha 14 Ukuze uphephe imifanekiso engamanyala, yintoni ofanele uqhele ukuyenza? (INdumiso 97:․․․)
Bantwana Khangelani Le Mifanekiso
Ngaba unako ukufumana le mifanekiso? Ngamazwi akho, chaza oko kwenzeka kumfanekiso ngamnye.
(Impendulo zifumaneka kwiphepha 28)
IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA 31
1. EYerusalem.
◆ Zifune umntwana zize zimzise kuye.
◆ Ukuze ambulale.
2. Ngumpostile uYohane, 98 C.E.
3. Ngumninawa kaYesu uYude, 65 C.E.
4. Ngumpostile uYohane, 96 C.E.
5. NdinguGayo.—3 Yohane 1, 3-6.
6. NdinguEnoki.—Yude 14.