Ukuphathwa Kwamabhinqa Ngogonyamelo—Ingxaki Esehlabathini Lonke
NYAKA ngamnye, uNovemba 25 luSuku Lwezizwe Ngezizwe Lokupheliswa Kogonyamelo Nxamnye Namabhinqa. Olu suku lwasekwa kwiNgqungquthela YeZizwe Ezimanyeneyo ngowe-1999, ukwenzela ukuba abantu bazi ngokungakhathalelwa kwamalungelo amabhinqa. Kwakutheni ukuze oku kube yimfuneko?
Kwiindawo ezininzi amabhinqa agqalwa yaye aphathwa njengabantu abakumgangatho ophantsi. Sekwendele ebantwini ukucalucalula amabhinqa. Ukuphathwa kwamabhinqa ngogonyamelo ngeendlela ezahlukahlukeneyo yingxaki eqhubekayo, nakumazwe ahambele phambili kwezoqoqosho. Ngokutsho kowayesakuba nguNobhala-Jikelele weZizwe Ezimanyeneyo, uKofi Annan, “amabhinqa aphathwa ngogonyamelo ehlabathini lonke. Oku kuchaphazela amabhinqa alo naluphi na uhlanga, imvelaphi, okanye isikhundla.”
URadhika Coomaraswamy, owayesakuba yiNgqanga Eququzelela Iingxelo Zekomishini Yamalungelo Abantu, uthi “amabhinqa amaninzi ayayifihla into yokuphathwa kwawo kakubi, kuba ayigqala njengehlazo.” Amanani avela kumbutho othile waseHolani abonisa ukuba kwelinye ilizwe laseMzantsi Merika ama-23 ekhulwini amabhinqa, okanye ibhinqa elinye kwamane, aphathwa ngogonyamelo ekhaya. Ngokufanayo, iBhunga laseYurophu liqikelela ukuba ibhinqa elinye kwamane eYurophu liphathwa ngogonyamelo. Ngokutsho kweBritish Home Office, eNgilani naseWales, umlinganiselo wamabhinqa amabini veki nganye abulawa ngamaqabane awo. Ngokutsho kwephephancwadi i-India Today International, “amabhinqa kwi-Indiya yonke ahlala esoyika yaye asenokudlwengulwa naphi na nanini na.” UMbutho Woxolelwaniso Wezizwe Ngezizwe uthi ugonyamelo nxamnye nabafazi kunye namantombazana “yeyona ndlela ixhaphakileyo yokungakhathalelwa kwamalungelo abantu” namhlanje.
Ngaba la manani akhankanywe ngasentla abonisa indlela uThixo awajonga ngayo amabhinqa? Lo mbuzo uza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.