IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 3/08 iphe. 7-9
  • Indlela Yokufumana Unqulo Lwenyaniso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela Yokufumana Unqulo Lwenyaniso
  • Vukani!—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela UThixo Adlulisela Ngayo Inyaniso
  • Kuthekani Ngenyaniso YobuKristu?
  • Indlela Yokufumana Inyaniso
  • Indlela Inyaniso Ebachaphazela Ngayo Abantu
  • AmaKristu Anqula Ngomoya Nenyaniso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • ‘Wathetha Nawo NgeZibhalo’
    ‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
  • Kutheni Umele Ufundisise IBhayibhile?
    Vukani!—1991
  • “UYehova Ukwenzile Oko Wayenako Engqondweni”
    Ilizwi LikaThixo Elidluliselwa Kuthi NgoYeremiya
Khangela Okunye
Vukani!—2008
g 3/08 iphe. 7-9

Indlela Yokufumana Unqulo Lwenyaniso

Abanye bathi, ‘Ukuba inyaniso ivela kuThixo, siyintoni isizathu sokuba ndiyifune? Ukuba uThixo unesigidimi esibalulekileyo afuna saziwe ngabantu bonke, ebengenakusidlulisela ngendlela ecacileyo ukuze abantu basiqonde ngokulula, kungabikho mfuneko yokuba babe bephanda ngaso?’

NGOKUQINISEKILEYO uThixo uyakwazi ukwenza oko. Kodwa ngaba ukhethe ukwenza ngaloo ndlela?

Indlela UThixo Adlulisela Ngayo Inyaniso

Eneneni, indlela uThixo adlulisela ngayo isigidimi sakhe yenza ukuba abantu abafuna inyaniso ngokunyanisekileyo bakwazi ukuyifumana. (INdumiso 14:2) Cinga nje ngesigidimi uThixo awasidlulisela ngomprofeti wakhe uYeremiya kwiinkulungwane ezadlulayo. Sisigidimi esasisiya kubantu bakaThixo ababenemvukelo, esasiphathelele ukutshatyalaliswa kweYerusalem ngamaBhabhiloni.—Yeremiya 25:8-11; 52:12-14.

Noko ke kwangaxeshanye, kukho abanye abaprofeti ababesithi nabo badlulisela isigidimi esivela kuThixo. UHananiya wathi kwakuza kubakho uxolo eYerusalem kwixa elizayo. Eso sigidimi sasahluke ngokupheleleyo kweso sikaYeremiya. Ngoko umntu owayephila ngelo xesha wayefanele akholelwe bani—uYeremiya okanye abanye abaprofeti?—Yeremiya 23:16, 17; 28:1, 2, 10-17.

Ukuze azi oko kulungileyo, amaYuda anyanisekileyo ayefanele amazi uYehova. Ayefanele aqonde imithetho nemigaqo yakhe nendlela akujonga ngayo ukona. Ngokwenza oko, ayeya kuvumelana noThixo ukuba “kwakungekho mntu uguqukayo ebubini bakhe.” (Yeremiya 8:5-7) Ngaphezu koko, ayeza kuqonda ukuba le meko yayichaza ishwangusha kwiYerusalem nakubemi bayo.—Duteromomi 28:15-68; Yeremiya 52:4-14.

Iziprofeto zikaYeremiya ngokuphathelele iYerusalem zazaliseka. Esi sixeko satshatyalaliswa ngabemi baseBhabhiloni ngowama-607 B.C.E.

Nangona imiphumo yokungathobeli yayixelwe kwangaphambili, kwakufuneka umntu eme bume ukuze abone xa lifikile ixesha likaThixo lokuthabath’ amanyathelo.

Kuthekani Ngenyaniso YobuKristu?

Kuthekani ngenyaniso eyayivakaliswa nguYesu Kristu? Ngaba bonke abantu babeqonda ukuba eso yayisisigidimi esivela kuThixo? Akunjalo. Nangona uYesu wayelapho phakathi kwamaSirayeli ewafundisa esenza nemimangaliso, uninzi lwabantu ababemphulaphula aluzange luqonde ukuba unguMesiya owayexelwe kwangaphambili—uKristu okanye uMthanjiswa.

Xa abaFarisi babembuza ukuba buya kufika nini na uBukumkani bukaThixo, uYesu wathi: “Ubukumkani bukaThixo abuzi ngembonakalo ephawulekayo.” Yaye wahlabela mgama wathi: “Ubukumkani bukaThixo buphakathi kwenu.” (Luka 17:20, 21) UMlawuli onyulwe nguThixo, uYesu wayelapho phakathi kwabo! Kodwa abo baFarisi abazange bafune ukubamkela ubungqina bokuba unguMesiya ekwakuprofetwe ngaye nokuba “unguKristu, uNyana woThixo ophilayo.”—Mateyu 16:16.

Abantu basabela ngendlela efanayo nangokuphathelele inyaniso eyayivakaliswa ngabafundi bakaKristu benkulungwane yokuqala. Nangona imimangaliso eyayisenziwa ngabafundi yayibonisa ukuba baxhaswa nguThixo, abantu abaninzi babengayiqondi ngokulula inyaniso. (IZenzo 8:1-8; 9:32-41) UYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba ‘benze abantu abafundi’ ngokubafundisa. Ngenxa yokuphulaphula nokufunda inyaniso yeZibhalo, abantu abanyanisekileyo ababefuna inyaniso, baba ngamakholwa.—Mateyu 28:19; IZenzo 5:42; 17:2-4, 32-34.

Kunjalo nanamhlanje. ‘Iindaba ezilungileyo zobukumkani zishunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo ukuze kube bubungqina kuzo zonke iintlanga.’ (Mateyu 24:14) Oku akwenziwa “ngembonakalo ephawulekayo”—ngendlela ecace nakuthathatha, kangangokude wonke umntu osemhlabeni abone ukuba sisigidimi esivela kuThixo. Sekunjalo, inyaniso kaThixo iyabonakala yaye abantu abanyanisekileyo abafuna ukunqula uThixo ngendlela emkholisayo, bayayamkela.—Yohane 10:4, 27.

Ukufunda kwakho eli phephancwadi elisekelwe eBhayibhileni kubonisa ukuba kusenokwenzeka ukuba unxanelwe inyaniso ngokunyanisekileyo. Unokubona njani ukuba yiyiphi inkonzo efundisa inyaniso?

Indlela Yokufumana Inyaniso

Abemi baseBhereya benkulungwane yokuqala banconywa ngumpostile uPawulos ngendlela abasabela ngayo xa wayebafundisa. Abazange bayamkele ngoko nangoko inyaniso, nakuba kunjalo bamphulaphula ngentlonelo. Sinokufunda nto ithile koko kwenziwa ngabantu baseBhereya emva kokuva kwabo isigidimi senyaniso.

IBhayibhile ithi: ‘Ke wona amaBhereya ayechubekile kunabo baseTesalonika, kuba alamkela ilizwi ngeyona ntumekelelo inkulu yengqondo, ezincina ngenyameko iZibhalo mihla le mayela nokuba zinjalo kusini na ezo zinto. Ngoko ke abaninzi bawo baba ngamakholwa.’ (IZenzo 17:10-12) Ewe, amaBhereya enza uphando olunzulu. Akazange enze isigqibo emva kokuxubusha noPawulos isihlandlo nje esinye okanye ezibini.

Kwakhona phawula ukuba amaBhereya ‘alamkela ilizwi ngeyona ntumekelelo inkulu yengqondo.’ Oku kusixelela nto ithile ngesimo sengqondo awayenaso xa efundisisa iZibhalo. Akazange avume nje ngokuvunyiswa, kodwa kwangaxeshanye akazange akhabe yonk’ into. Ayengenasimo sengqondo sokugxeka oko kwakuchazwa nguPawulos, ngoxa wayedlulisela isigidimi sikaThixo.

Kwakhona phawula: AmaBhereya ayeqala ukuva ngobuKristu. Ayenomdla kweso sigidimi kodwa mhlawumbi kwakunzima ukusikholelwa. Kodwa kunokuba asichase, ahlolisisa iZibhalo ngenyameko ukuze abone ‘ukuba zinjalo kusini na ezo zinto zazithethwa nguPawulos.’ Yaye phawula ukuba abantu baseBhereya nabaseTesalonika abahlolisisa iZibhalo ngenyameko, baba ngamakholwa. (IZenzo 17:4, 12) Abazange banikezele baze bagqibe kwelokuba inyaniso ayinakufumaneka. Bakwazi ukulubona unqulo lwenyaniso.

Indlela Inyaniso Ebachaphazela Ngayo Abantu

Xa umntu efumana inyaniso, njengamaBhereya, uba nomnqweno wokuxelela abanye ngayo. Abanye basenokungakuthandi oko, kuba becinga ukuba ukugqala ezinye iinkonzo njengezichanileyo, kubonisa isimo sengqondo sokuthobeka. Noko ke akuba umntu eyifumene inyaniso yeBhayibhile, uba nokholo kuyo. Akasali ethandabuza, angaqiniseki enoba yinyaniso kusini na okanye acinge ukuba zonke iinkonzo zikhokelela elusindisweni. Noko ke, ukuze umntu afumane inyaniso, kufuneka enze uphando ngenyameko yaye kufuneka athobeke ukuze enze oko.

AmaNgqina kaYehova aye alwenza olo phando. Kungenxa yoko le nto ekholelwa ukuba alufumene unqulo lwenyaniso. Yaye ayakumema ukuba nawe wenze uphando lweZibhalo ukuze ukwazi ukubona ukuba luluphi na unqulo lwenyaniso. Nangona kufuneka okungakumbi kunokuhlolisisa nje uludwe lweengongoma, inkcazelo ephathelele amaKristu enkulungwane yokuqala kwibhokisi ekweli phepha inokukunceda.

Ngokuvuma ukuqhutyelwa isifundo sekhaya seBhayibhile ngamaNgqina kaYehova ngesisa, unokukwazi ukuhlolisisa kakuhle oko kufundiswa yiBhayibhile ngokwenene. Uya kutsho ukwazi ukubona unqulo lwenyaniso.

[Ibhokisi ekwiphepha 9]

Izinto Olubonakala Ngazo Unqulo Lwenyaniso

Phawula izinto ezazisenziwa ngamaKristu enkulungwane yokuqala neemfundiso zawo:

◼ Ayekhokelwa liLizwi likaThixo.—2 Timoti 3:16; 2 Petros 1:21.

◼ Ayefundisa ukuba uYesu nguNyana kaThixo, akangoThixo kunoko ungaphantsi kwakhe.—1 Korinte 11:3; 1 Petros 1:3.

◼ Ayefundisa ukuba abafileyo baza kuvuswa kwixa elizayo.—IZenzo 24:15.

◼ Ayesaziwa ngokuthandana.—Yohane 13:34, 35.

◼ Umntu wayenganquli yedwa kodwa kwakukho ilungiselelo lamabandla awayesalathiswa ngabaveleli namaqumrhu abadala ababethobela uYesu njengeNtloko yebandla.—IZenzo 14:21-23; 15:1-31; Efese 1:22; 1 Timoti 3:1-13.

◼ Ayeshumayela ngenzondelelo ngoBukumkani bukaThixo, njengobukuphela kwethemba loluntu.—Mateyu 24:14; 28:19, 20; IZenzo 1:8.

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Abantu babenokwazi njani ukuba uYeremiya ngumprofeti wenyaniso, ngoxa kwakukho abanye abaprofeti ababeshumayela isigidimi esahlukileyo kweso sakhe?

[Imifanekiso ekwiphepha 8, 9]

AmaBhereya enkulungwane yokuqala amphulaphula uPawulos kodwa emva koko azihlolisisa ngenyameko iZibhalo ukuze aqiniseke ukuba oko wayekuthetha yinyaniso

[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]

Ukufundisisa iBhayibhile kunokukunceda ukwazi ukubona unqulo lwenyaniso

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share