Imbono YeBhayibhile
Ngaba Iinkolelo Ziyavumelana Nemfundiso YeBhayibhile?
INTATHELI ethile ayizange ifune ukukhwela inqwelo-moya kangangonyaka, kuba umxeli-thamsanqa wathi kuyo, iza kufa kwingozi yenqwelo-moya. Abantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo, kuquka abezopolitiko, oosomashishini, abadlali beqonga, iimbaleki nabafundi baseyunivesithi balawulwa ziinkolelo. Xa izinto zingabahambeli kakuhle, bexinezelekile okanye benexhala, benza izinto abakholelwa ukuba ziza kubakhusela kwiingozi okanye zibancede bakwazi ukufeza okuthile.
Abantu bagqala umntu olawulwa ziinkolelo njengolandela nje isiko ekudala likho okanye ofuna ukuba noxolo lwengqondo. Isazi ngentlalo yabantu, uMargaret Mead ongasekhoyo ngoku, sathi: “Xa silawulwa ziinkolelo oko kubonisa indlela esikunqwenela ngayo ukuba siphumelele kwinto ethile okanye sikuphephe ukwehlelwa yinto embi. Ukulandela ezi nkolelo, nangona singazikholelwa ngokupheleleyo, kusenza sibe nethemba ngaphandle kokuba ngamakhoboka kuzo.” Kodwa ke, abo bafuna ukukholisa uThixo bafanele bazibuze, ‘Ngaba amaKristu okwenyaniso afanele alawulwe ziinkolelo?’
Imvelaphi Yeenkolelo
Abantu bebesoloko besoyika—besoyika ukufa, oko kungaziwayo, uBomi Basemva Kokufa, nezinye izinto ezininzi. USathana, umvukeli nomchasi kaThixo, uzimisele ukwenza abantu amakhoboka, yaye ebesoloko esoyikisa abantu ngokusebenzisa ubuxoki. (Yohane 8:44; ISityhilelo 12:9) USathana akayedwa kwimizamo yakhe yokulukuhla abantu ukuba bamshiye uThixo. EBhayibhileni uSathana ubizwa ngokuba ‘ngumlawuli weedemon.’ (Mateyu 12:24-27) Zingoobani iidemon? Ngexesha likaNowa iingelosi ezithile zaxhasa uSathana xa wayevukela uThixo, zaza ngaloo ndlela zazenza iidemon. Ukususela ngelo xesha, bezisoloko zizama ukuphembelela iingqondo zabantu. Enye indlela eziye zayisebenzisa kukubaphembelela abantu ukuba babe neenkolelo ezithile.—Genesis 6:1, 2; Luka 8:2, 30; Yude 6.
Obunye ubuxoki obathethwa nguSathana baqalisa inkolelo ethile. Loo nkolelo ikukuba, xa umntu esifa, nto ithile engabonakaliyo iyasinda ize ibuye ichaphazele abantu. Kodwa iBhayibhile ithi: “Abafileyo, abazi nto konke konke.” Iphinde ithi “akukho msebenzi nakuyila nakwazi nakulumka” xa umntu efile.—INtshumayeli 9:5, 10.
‘Izinto Azicekisayo UYehova’
Abantu abaninzi baye bakhetha ukubukholelwa ubuxoki bukaSathana. Kodwa, kwiminyaka eyadlulayo, uThixo wabayalela ngokucacileyo abantu bakhe amaSirayeli ngokuphathelele oku. ILizwi lakhe lithi: ‘Maze kungafunyanwa namnye kuwe ovumisayo, noqhelisela umlingo, nohlaba izihlabo nokhafulayo, nobopha ngoomabophe, nobuza koneshologu, noyinkunkqele ekuxeleni iziganeko kwangaphambili, nobuzisa kwabafileyo. Kuba uYehova uyamcekisa wonke ubani ozenzayo ezi zinto.’—Duteronomi 18:10-12.
Okubuhlungu kukuba, amaSirayeli akazange asithobele esi silumkiso. Ngokomzekelo, ngemihla kaIsaya, amanye ayekholelwa ukuba isivuno esihle sasixhomekeke ekukholiseni “uthixo weThamsanqa,” yaye loo nkolelo yakhokelela kwimiphumo emibi. UYehova akazange akholiswe ngawo, aza aphulukana neentsikelelo.—Isaya 65:11, 12.
Ayizange itshintshe imbono kaYehova ngokuphathelele iinkolelo, xa kwaqaliswa ubuKristu. Umpostile uPawulos wabongoza abantu ababeneenkolelo ezithile kwisixeko saseListra ukuba ‘bajike kwezi zinto zililize baye kuThixo ophilayo, owenza izulu nomhlaba nolwandle nezinto zonke ezikuzo.’—IZenzo 14:15.
Ukukhululeka Kwiinkolelo
Kukho iinkolelo ezininzi, yaye zonke zifana ngento enye—azikho ngqiqweni. Kwakhona, iinkolelo zinokubangela abantu bathi bahlelwe lilishwa xa kwenzeke into embi, kunokuba bavume ukuba ngabo ababangele loo nto.
Okuvuyisayo kukuba, abaninzi baye bakwazi ukukhululeka kwezo nkolelo. UYesu wathi: “Niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.” (Yohane 8:32) UClementina waseBrazil nowayengumxeli-thamsanqa kangangeminyaka engama-25, uthi: “Ukuxel’ ithamsanqa kwakuyeyona ndlela ndiziphilisa ngayo. Kodwa inyaniso yeBhayibhile yandikhulula kwezo nkolelo.” Eneneni, ukufunda iBhayibhile nokuthandaza rhoqo kuYehova uThixo ngokusuka entliziyweni kusipha amandla. Kunokusenza sicinge ngokusengqiqweni, nto leyo enokusikhokelela ekwenzeni izigqibo ezifanelekileyo ezisenza siphephe intlekele size siphelelwe lixhala.—Filipi 4:6, 7, 13.
IBhayibhile iyabuza: “Kunakwabelana kuni na ukukhanya nobumnyama? Ngokubhekele phaya, unakuvumelana kuni na uKristu noBheliyali [uSathana]?” Ngoko ke, amaKristu okwenyaniso amele akuphephe ukulawulwa ziinkolelo.—2 Korinte 6:14-16.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
◼ Kunokuba athembele kuThixo, ayethembele kubani amaSirayeli awayeneenkolelo zawo ngexesha likaIsaya?—Isaya 65:11, 12.
◼ Umpostile uPawulos wababongoza ukuba benze ntoni abantu baseListra ababelawulwa ziinkolelo?—IZenzo 14:15.
◼ Ngaba amaKristu okwenyaniso afanele alawulwe ziinkolelo?—2 Korinte 6:14-16.
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Iinkolelo zenza abantu bazive ngathi banqabisekile ngoxa kungenjalo