IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 8/1 iphe. 4-7
  • Ngaba Ulawulwa Ziinkolelo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ulawulwa Ziinkolelo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Zivela Phi Iinkolelo?
  • Ngaba Azinamsebenzi Okanye Ziyingozi?
  • Imvelaphi Yeenkolelo
  • Ngaba Ubani Unokukhuselwa Kongendawo?
  • Iinzuzo Zolwazi LukaThixo
  • Iinkolelo—Kutheni Zingapheli?
    Vukani!—1999
  • Ngaba Iinkolelo Ziyavumelana Nemfundiso YeBhayibhile?
    Vukani!—2008
  • Unqulo Lokwenyaniso Luyaluphelisa Uloyiko Njani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Unqulo Neenkolo Ngaba Zihlobene Okanye Zichasene?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 8/1 iphe. 4-7

Ngaba Ulawulwa Ziinkolelo?

EHLABATHINI lonke abantu baneenkolelo. Maxa wambi zigqalwa njengenxalenye ebalulekileyo yendlela yokuphila. Okanye zisenokugqalwa njengento engenamsebenzi—eyenza nje ubomi bube mnandi. KwelaseNtshona, ngokuqhelekileyo abantu abanazinkolelo kangako. Kwezinye iindawo—ngokomzekelo eAfrika—iinkolelo zinokubachaphazela kakhulu abantu.

Inkoliso yabantu eAfrika ilawulwa ziinkolelo. Imifanekiso eshukumayo, iinkqubo zikanomathotholo, noncwadi olubhalwe eAfrika ngokufuthi zibalaselisa iinkolelo nezinto ezingaqondakaliyo, njengobugqi, ukunqula izinyanya namakhubalo. Kutheni abantu belawulwa ziinkolelo kangaka, yaye zivela phi iinkolelo?

Zivela Phi Iinkolelo?

Iinkolelo ezininzi zibangelwa kukoyika imimoya yabafileyo okanye olunye uhlobo lwemimoya. Izinto ezenzekayo zigqalwa njengendlela le mimoya ebasongela, ebalumkisa okanye ebasikelela ngayo abantu.

Kwakhona iinkolelo zinxulumene gqitha nokuphilisa namayeza. Kwinkoliso yabantu kumazwe asakhasayo, unyango lwezi mini lubiza imali eninzi gqitha yaye ngokuqhelekileyo kunzima ukulufumana. Ngenxa yoko, abantu abaninzi bafuna ukuphiliswa okanye ukuzikhusela ngokwenza amasiko, ukusebenzelana nemimoya yaye baneenkolelo. Kwakhona baziva bekhululekile ukuya kwigqirha elizaziyo izithethe nelikwaziyo ukuthetha ulwimi lwabo kunokuya kwagqirha. Ngenxa yoko abantu baseneenkolelo.

Abantu abaneenkolelo bathi umntu akanakusuka nje agule yaye ahlelwe yingozi, kodwa oko kubangelwa ngamandla akwelemimoya. Amagqirha asenokuthi izinyanya ziqumbile. Okanye amaxhwele asenokuthi umntu othile uthakathwe kusetyenziswa elinye igqirha, yiloo nto lo mntu egula okanye ehlelwe yingozi.

Abantu baneenkolelo ezahlukahlukene gqitha ehlabathini lonke, yaye zichazwa ngokusekelwe kwizithethe zasekuhlaleni, amabali kunye neemeko ezithile. Kodwa eyona nto ithethwayo kukuba ubani ufanele angxengxeze kwizinyanya.

Ngaba Azinamsebenzi Okanye Ziyingozi?

Kwiintsapho ezininzi, xa kuzalwa amawele wonk’ umntu uyavuya. Noko ke, kwabo baneenkolelo oko kuthetha okuthile. Kwezinye iindawo eNtshona Afrika, abanye bakugqala oku njengokuzalwa koothixo, yaye loo mawele ayanqulwa. Ukuba elinye okanye omabini la mawele ayafa, kwenziwa imifanekiso emincinane eqingqiweyo yawo, yaye intsapho imele ibingelele kuyo ngokutya. Kweny’ indawo, abantu bakugqala ukuzalwa kwamawele njengelishwa, kangangokuba abazali baya kulibulala elinye lawo. Ngoba? Bakholelwa ukuba, ukuba omabini la mawele ayaphila, ngenye imini aya kubulala abazali bawo.

Imizekelo enjengale ibonisa ukuba nangona ezinye iinkolelo zinokubonakala zingaqhelekanga yaye zingeyongozi, ezinye zinokuba yingozi—enokubangela ukufa. Ukuba into ethile itolikwe njengeza kubangela ishwangusha, loo nto nje engenamsebenzi isenokuphelela ekubeni yingozi enkulu.

Ewe, inyaniso ikukuba, ukuba neenkolelo kuluhlobo oluthile lonqulo. Xa sicinga ngendlela iinkolelo ezinokuba yingozi ngayo, kuhle ukuzibuza: Eneneni ngubani lo uzuzayo ngeenkolelo nezinto ezenziwa ngenxa yazo?

Imvelaphi Yeenkolelo

Namhlanje abanye abantu bayaphika ukuba uSathana okanye imimoya engendawo ikho, nangona kukho ubungqina. Noko ke, ngexesha lemfazwe, ukukhanyela ukuba kukho utshaba oluyingozi kunokukhokelela kuphela kwintlekele. Oku kunjalo nangokulwa nezidalwa zokomoya ezinamandla angaphezu kwawabantu, kuba umpostile uPawulos wabhala: “Sizamazamana . . . nemikhosi yoomoya abangendawo.”—Efese 6:12.

Nangona singaziboni, zikho izidalwa zomoya ezingendawo. IBhayibhile ithi umntu wokomoya ongabonakaliyo wasebenzisa inyoka, njengokuba ichule lokudlalisa oonopopi lisebenzisa unopopi, ukuze athethe nebhinqa lokuqala, uEva, wandula ke wamkhokelela ekubeni avukele uThixo. (Genesis 3:1-5) IBhayibhile imchaza lo mntu wokomoya ngokuthi ‘yinyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi, noSathana, lowo ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela.’ (ISityhilelo 12:9) USathana waphumelela ekuhendeni ezinye iingelosi ukuba zivukele. (Yude 6) Ezi ngelosi zingendawo zaba ziidemon, iintshaba zikaThixo.

UYesu wayekhupha iidemon ebantwini, yaye nabafundi bakhe babesenjenjalo. (Marko 1:34; IZenzo 16:18) Le mimoya ayingabo ookhokho abafileyo, kuba abafileyo “abazi nto konke konke.” (INtshumayeli 9:5) Kunoko, ziingelosi ezivukelayo ezalahlekiswa nguSathana. Ukuthetha nazo okanye ukuzithoba kwimpembelelo yazo akunto efanele ithatyathwe lula, kanye njengenkokeli yazo uSathana uMtyholi, zifuna ukusiqwenga. (1 Petros 5:8) Injongo yazo kukusiwexula kuBukumkani bukaThixo—nto leyo ekuphela kwethemba loluntu.

IBhayibhile ityhila enye yeendlela esetyenziswa nguSathana needemon zakhe: ‘USathana ngokwakhe uzimilisa okwengelosi yokukhanya.’ (2 Korinte 11:14) USathana angathanda ukusikhohlisa asenze sikholelwe kukuba unokusinika indlela ebhetele yokuphila. Ngenxa yoko, kusenokubonakala kukho iinzuzo zokwexeshana xa ubani esebenzelana nemimoya engendawo. Kodwa azinakuzisa isicombululo esihlala sihleli. (2 Petros 2:4) Azinakuzisela ubani ubomi obungunaphakade, yaye kungekudala ziza kutshatyalaliswa. (Roma 16:20) NguMdali wethu kuphela ongumthombo wobomi obungunaphakade nolonwabo lokwenene neyona nkuselo kumandla emimoya engendawo.—Yakobi 4:7.

UThixo uyakugweba ukufuna uncedo ngokusebenzelana nemimoya. (Duteronomi 18:10-12; 2 Kumkani 21:6) Oko kuthetha ukunxulumana notshaba, ukulala ngengub’ enye nabangcatshi bakaThixo! Ukujonga iinkwenkwezi, ukuya egqirheni, okanye ukwenza nantoni na esekelwe kwiinkolelo kuthetha ukuvumela imimoya engendawo ukuba ilawule izigqibo ozenzayo ebomini bakho. Oku kunjengokuzincedisa ekuvukeleni uThixo.

Ngaba Ubani Unokukhuselwa Kongendawo?

UAde,a indoda ehlala eNiger, wayefundisisa iBhayibhile nomshumayeli wexesha elizeleyo wamaNgqina kaYehova. UAde wachaza isizathu sokuba nekhubalo kwivenkile yakhe esithi: “Zininzi iintshaba zam.” Umntu owayefundela uAde iBhayibhile wambonisa ukuba nguYehova kuphela onokumkhusela ngokwenene. Wafundela uAde INdumiso 34:7, ethi: “Ingelosi kaYehova imisa inkampu macala onke kwabo bamoyikayo, ize ibahlangule.” UAde wagqiba ngelithi: “Ukuba uYehova unokundikhusela ngokwenene, ngoko ndiya kulisusa eli khubalo.” Ngoku, kwiminyaka emininzi kamva, ungumdala yaye ukwinkonzo yexesha elizeleyo. Akakho namnye kwiintshaba zakhe oye wamenzakalisa.

IBhayibhile ibonisa ukuba sehlelwa lixesha nasisihlo, enoba sineenkolelo okanye asinazo. (INtshumayeli 9:11) Kodwa uYehova akasoze asilinge ngezinto ezenzakalisayo. (Yakobi 1:13) Ukufa nokungafezeki kubangelwa sisono esasizuza njengelifa kuAdam. (Roma 5:12) Ngenxa yoku, wonke umntu uyagula ngamaxesha athile yaye wenza iimpazamo ezinokubangela intlekele. Ngoko ke, akuyonyaniso ukuthi nanini na sigula okanye sinengxaki ebomini, ezo zinto zibangelwa yimimoya engendawo. Ukukholelwa ngolo hlobo bekuya kuba njengokuzama ukungxengxeza kwimimoya ngandlel’ ithile.b Xa sigula, sifanele sifune unyango olufanelekileyo, ingelilo icebiso elivela ‘kwixoki noyise wobuxoki,’ uSathana uMtyholi. (Yohane 8:44) Amanani abonisa ukuba abantu abaphila kumazwe apho ukunqulwa kwezinyanya kuxhaphake khona abaphili ixesha elide okanye ubomi obubhetele kunabanye abantu abakwamanye amazwe. Ngoko ke, ngokucacileyo ukuba neenkolelo akumenzi umntu abe sempilweni.

UThixo unamandla ngaphezu kwemimoya engendawo, yaye unomdla kwintlalo-ntle yethu. “Amehlo kaYehova aphezu kwabo bangamalungisa, neendlebe zakhe zisingisele esikhungweni sabo.” (1 Petros 3:12) Thandaza kuye ukuze akukhusele aze akunike ubulumko. (IMizekeliso 15:29; 18:10) Yenza umgudu ukuze uqonde iLizwi lakhe eliNgcwele, iBhayibhile. Ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile yeyona nkuselo inamandla. Luya kusinceda siqonde isizathu sokuba izinto ezimbi zisenzeka nendlela esinokumkholisa ngayo uThixo uSomandla.

Iinzuzo Zolwazi LukaThixo

Ulwazi oluchanileyo ngoYehova neenjongo zakhe—into echasene nokungabi nalwazi nokuba neenkolelo—lusisikhokelo ekufumaneni inkuselo yokwenene. Oku kubonakala kwimeko kaJean, indoda ethile yaseBenin. Intsapho kaJean yayilawulwa ngokunzulu ziinkolelo. Ngokweenkolelo zesizwe sakhe, umfazi osandul’ ukubeleka unyana ufanele ahlale kwindlu eyakhelwe yena kangangeentsuku ezisithoba. Ukuba uzele intombi, uya kuhlala kuloo ndlu kangangeentsuku ezisixhenxe.

Ngowe-1975, umfazi kaJean wazala unyana omhle, waza wamthiya ngokuthi nguMarc. Ngokusekelwe kulwazi lwabo lweBhayibhile, uJean nomfazi wakhe abazange bafune nantoni na enokwenza nemimoya engendawo. Kodwa ngaba babeza koyika baze bazive benyanzelekile ukulandela ezi nkolelo, aze umdlezana ahlale endlwini? Akunjalo—abazange balawulwe zezo nkolelo zesizwe sabo.—Roma 6:16; 2 Korinte 6:14, 15.

Ngaba kukho into embi eyenzeka kwintsapho kaJean? Sekudlule iminyaka emininzi ngoku, yaye uMarc usisicaka solungiselelo kwibandla lasekuhlaleni lamaNgqina kaYehova. Intsapho yonke iyavuya kuba ingazange ivumele iinkolelo ziphembelele ubomi bayo ize ngaloo ndlela yenzakale ngokomoya.—1 Korinte 10:21, 22.

AmaKristu okwenyaniso amele aziphephe izenzo zobumnyama zeenkolelo ebomini bawo aze amkele ukukhanya kokomoya okuvela kuMdali, uYehova, noNyana wakhe, uYesu Kristu. Ngaloo ndlela anokuba noxolo lwengqondo lokwenyaniso olufumaneka ngokwazi ukuba enza oko kulungileyo kuThixo.—Yohane 8:32.

[Imibhalo esemazantsi]

a Amagama aguquliwe.

b Bona inqaku elithi “Ngaba UMtyholi Uyasigulisa?” kwiMboniselo kaSeptemba 1, 1999.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 5]

Iinkolelo Ezixhaphakileyo Ehlabathini Lonke

• Izinti zokutya (chopstick) ezime nkqo kwisitya serayisi kuthetha ukufa

• Ukubona isikhova emini kuthetha ilishwa

• Ukucima kwekhandlela ebudeni bomsitho othile kuthetha ukuba kuza kufika imimoya emdaka

• Ukuwisa isambrela phantsi kuthetha ukuba kukho umntu oza kubulawa kwelo khaya

• Ukubeka umnqwazi ebhedini kuthetha ilishwa

• Ukukhala kweentsimbi kugxotha iidemon

• Ukucima onke amakhandlela kwikeyiki yosuku lokuzalwa okwesihlandlo sokuqala kuthetha ukuba iminqweno yaloo mntu iza kufezeka

• Umtshayelo osecaleni kwebhedi uvumela imimoya emdaka esemtshayelweni ukuba idlulisele amashwa kuloo bhedi

• Xa ikati emnyama inqumla phambi kwakho kuthetha ukuba uza kuba namashwa

• Xa uwisa ifolokhwe kuthetha ukuba uza kutyelelwa yindoda

• Umfanekiso wendlovu uzisa amathamsanqa ukuba ujonge emnyango

• Isiporo sehashe esiphezu komgubasi sizisa amathamsanqa

• I-ivy ekhula endlwini igxotha imimoya emdaka

• Ukuhamba phantsi kweleri kuzisa amashwa

• Ukuphula isipili kuthetha ukuba uza kuba namashwa iminyaka esixhenxe

• Ukuchitha ipepile kuthetha ukuba uza kuxabana nomhlobo wakho osenyongweni

• Ukuchitha ityuwa kuzisa amashwa ngaphandle kokuba uphose enye ngakwigxalaba lasekhohlo

• Ukushiya isitulo esishukumayo (rocking chair) sishukuma ngoxa kungahlelanga mntu kubiza iidemon ukuba zize kuhlala kuso

• Ukushiya izihlangu ziqubudile kuzisa amashwa

• Xa kufa umntu, iifestile zimele zivulwe ukuze umphefumlo uphume

[Ibhokisi ekwiphepha 6]

Ukukhululeka Kwiinkolelo

AmaNgqina kaYehova ayeshumayela kummandla othile eMzantsi Afrika. Emva kokuba enkqonkqoze kwindlu ethile, loo maNgqina avulelwa libhinqa elinxibe izinto zamagqirha. Ayefuna ukuhamba, kodwa elo bhinqa lalifuna ukuva loo nto ayeyizele. Omnye waloo maNgqina wafunda iDuteronomi 18:10-12 ukuze abonise elo bhinqa oko uThixo akuthethayo ngokusebenzelana nemimoya. Eli gqirha lakwamkela oku laza lavuma ukuba liqhutyelwe isifundo seBhayibhile. Lathi, ukuba linokuqinisekiswa ngesifundo salo seBhayibhile ukuba ubugqirha abuvisisani nokuthanda kukaYehova, liya kubuyeka.

Emva kokuba lifundisise isahluko 10 sencwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni kwakunye neBhayibhile, lazitshisa zonke izinto zalo zobugqirha laza laqalisa ukuya kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani. Ukongezelela koko, lalungisa umtshato walo, nangona lalahlukene nomyeni walo kangangeminyaka eli-17. Ngoku, bobabini bangamaNgqina kaYehova azahluleleyo nabhaptiziweyo.

[Umfanekiso okwiphepha 6]

“Igqirha” liphosa amathambo ukuze lazi ingxaki yomguli

[Imifanekiso ekwiphepha 7]

Ulwazi oluchanileyo ngoThixo luzisa inkuselo nolonwabo lokwenene

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share