Abantu Abaselula Bayabuza
Yintoni Ephosakeleyo Ngokuthuka?
“Ndandifuna ukufana nabantwana endifunda nabo. Ndicinga ukuba seso sizathu kanye esandenza ndaqalisa ukuthuka.”—UMelanie.a
“Ndandingacingi ukuba kuyinto embi kangako ukuthuka. Ngalo lonke ixesha ndandiphakathi kwabantu abathukayo—esikolweni nasekhaya.”—UDavid.
KUTHENI le nto xa abantu abadala bethuka okanye besebenzisa intetho engcolileyo oko kugqalwa njengento eyamkelekileyo, ngoxa xa ingabantu abaselula oko kuhlasimlis’ umzimba? Ngaba kuyamkeleka ukuthuka xa umntu sele emdala? Ekubeni bebaninzi abantu abathukayo—yaye kubonakala ngathi oko kuyamkeleka kubantu abadala—usenokuzibuza, “Yintoni ephosakeleyo ngokuthuka?”
Ukuphenjelelwa Ukuba Uthuke
Alithandabuzeki elokuba baninzi abantu abathukayo. Eneneni, olunye ulutsha luthi, ukuba nje lungaphiwa irandi sihlandlo ngasinye lusiva umntu othukayo esikolweni, bekungayi kufuneka ukuba lusebenze yaye nabazali balo bebengadla umhlala-phantsi. UEve oneminyaka eli-15 ubudala uthi: “Nanini na abantwana endifunda nabo bencokola, bayathuka kwisivakalisi ngasinye. Xa usiva izithuko ezinjalo usuku lonke, kunzima ukuba nawe ungathuki.”
Ngaba nawe njengoEve, ungqongwe ngabantu abathukayo? Ngaba nawe sele uqalisile ukuthuka?b Ukuba kunjalo, zibuze ngesizathu sokuba uthuke. Ukuba uyasazi, kuza kuba lula ukuwuyeka lo mkhwa.
Unoku engqondweni, zama ukuphendula le mibuzo ilandelayo.
Kwiimeko ezininzi, kutheni uthuka?
□ Kuba unomsindo
□ Ufuna ingqalelo yabanye
□ Ufuna ukwamkelwa ngoontanga
□ Ukuze ubonakale unamandla
□ Kuba uvukela igunya
□ Ezinye izizathu ․․․․․
Uthuka nini?
□ Esikolweni
□ Emsebenzini
□ Xa uthumela ii-e-mail okanye imiyalezo ngefowuni
□ Xa uwedwa
Yintoni ebangela ukuba uthuke?
□ Oontanga bayathuka
□ Abazali bayathuka
□ Ootitshala bayathuka
□ Abantu abadumileyo bayathuka
□ Akukho nto iphosakeleyo ngokuthuka—ngamagama nje
□ Ndithuka kuphela xa ndiphakathi kwabantu abangakhathazwayo kuko
□ Ezinye izizathu ․․․․․
Kutheni ufanele ukuyeke ukuthuka? Ngaba kuyinto embi kangako? Qwalasela oku.
Asingomagama nje. UYesu wathi: “Umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Luka 6:45) Phawula ukuba oko sikuthethayo akubonisi uhlobo lomntu esifuna ukuba lulo—kubonisa uhlobo lomntu esilulo. Nokuba uthuka kuba abanye bethuka, ukubaxelisa kubonisa ukuba ‘ulandela isihlwele,’ akukwazi kuzimela.—Eksodus 23:2.
Kodwa akuphelelanga apho. Ingcali ngeelwimi uJames V. O’Connor uthi: “Abantu abathukayo badla ngokungathandeki, bayagxeka, bahlala benomsindo, bathanda ukuphikisa yaye basoloko bekhalaza.” Ngokomzekelo, abo bathuka nanini na izinto zingahambi ngendlela abebeyilindele, bafuna ukuba zonke zinto zihlale zihamba kakuhle. Kubonakala ngathi abakwazi ukwamkela iimpazamo. Kwelinye icala, uO’Connor uthi, abo bangathukiyo “badla ngokuzola, . . . babe ngabantu abaqolileyo [abakwaziyo] ukuhlangabezana neengxaki zemihla ngemihla.” Luluphi uhlobo lomntu ongathanda ukuba lulo?
Ukuthuka konakalisa igama lakho. Njengaye nawuphi na omnye umntu osemtsha, uyikhathalele inkangeleko yakho. Ufuna abantu bakujonge kakuhle. Kodwa ngaba ubusazi ukuba indlela othetha ngayo ingaba negalelo kakhulu kwabanye kunenkangeleko yakho? Enyanisweni, intetho yakho ingenza
◼ Abantu abathile bafune ukuba ngabahlobo bakho.
◼ Uqeshwe kumsebenzi othile okanye ungaqeshwa.
◼ Ufumane intlonelo.
Eneneni—nayiphi na indlela abantu abebesijonga ngayo ngenxa yenkangeleko yethu idla ngokukhawuleza ilibaleke sakuqalisa ukuvul’ umlomo. UO’Connor uthi: “Akunakwazi enoba uziphulukanise nethuba lokuba nabahlobo abatsha okanye wabangela abanye baphelelwa yintlonelo ngawe kusini na, kuba nje uye wathuka.” Sifunda ntoni koku? Xa uthuka, uyazenzakalisa.
Ukuthuka kubonisa ukungamhloneli uMdali. Masithi uphe umhlobo wakho isipho esiyihempe okanye iblawuzi. Ubunokuvakalelwa njani xa umbona eyisebenzisa njengedlavu okanye imethi yokosula iinyawo? Ngoko, cinga ngendlela uMdali wethu avakalelwa ngayo xa sisisebenzisa kakubi isipho sokuthetha. Akumangalisi ke ngoko ukuba iLizwi likaThixo lisithi: “Mabususwe kuni bonke ubukrakra bolunya nomsindo nengqumbo nokumemeza nokutshabhisa nabo bonke ububi.”—Efese 4:31.
Njengoko ubona, unesizathu esibaluleke gqitha sokuyeka ukuthuka. Kodwa ke, ukuba sele kwendele kuwe ukuthuka, unokuyeka njani?
Okokuqala: Yazi ukuba ufanele wenze utshintsho. Kubonakala ukuba akusayi kuyeka ukuthuka de uqonde indlela oya kuzuza ngayo ngokulungisa intetho yakho. Ziziphi izinto ezidweliswe ngezantsi eziya kukunceda uyeke ukuthuka?
□ Ukukholisa uMdali wentetho
□ Ukuhlonelwa ngabanye
□ Ukwandisa isigama sakho
□ Ukuphucula ubuntu bakho
Okwesibini: Sazi isizathu sokuba uthuke. UMelanie uthi: “Ndandiziva ndinamandla xa ndithuka. Ndandingafuni ukuba abantu bandidelele. Ndandifuna ukuziva ndibalulekile, ndithuke abantu njengabo bonke abahlobo bam.”
Kuthekani ngawe? Ukwazi isizathu sokuba uthuke kubaluleke kakhulu ukuze wazi indlela ongayoyisa ngayo le ngxaki. Ngokomzekelo, ukuba uthuka kuba wonke ubani ethuka, ufanele ufunde ukuzithemba. Ukuzithemba ngomlinganiselo ofanelekileyo kuyinxalenye ebalulekileyo xa ukhula—yaye kuya kukunceda gqitha ukuze uyeke ukuthuka.
Okwesithathu: Khangela ezinye iindlela zokuchaza iimvakalelo zakho. Akuyi kuyeka ukuthuka ngokusuka nje umelane nentshukumisa yokufuna ukuthuka. Ukuze ukwazi ukuyeka ufanele ‘wambathe ubuntu obutsha.’ (Efese 4:22-24) Oku kuya kukunceda ukwazi ukuzibamba nokuzihlonela—uze uhlonele nabanye.
Ezi zibhalo zilandelayo ziza kukunceda wambathe ubuntu obutsha—uze uhlale ubambethe.
Kolose 3:2: “Gcinani iingqondo zenu zimiliselwe kwizinto zaphezulu.”
Esikufundayo: Qeqesha ingqondo yakho ukuba ixabise izinto ezifanelekileyo. Iingcamango zakho ziyayichaphazela indlela othetha ngayo.
IMizekeliso 13:20: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye, kodwa osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.”
Esikufundayo: Indlela abahlobo bakho abathetha ngayo inokukuchaphazela.
INdumiso 19:14: “Amazwi omlomo wam nokucamngca kwentliziyo yam makukukholise, Yehova.”
Esikufundayo: UYehova uyayiphawula indlela esisisebenzisa ngayo isipho sokuthetha.
Ngaba usafuna uncedo? Kutheni ungasebenzisi isicangca esingezantsi ukuze ujonge inkqubela yakho? Usenokuzibona uphucula ngokukhawuleza kwindlela othetha ngayo!
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . ” afumaneka kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype
[Imibhalo esemazantsi]
a Amagama abantu kweli nqaku atshintshiwe.
b AmaKristu anesizathu esivakalayo sokuphepha ukuthuka, kuba iBhayibhile ithi: “Makungaphumi lizwi libolileyo emlonyeni wenu.” “Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa.”—Efese 4:29; Kolose 4:6.
OMELE UCINGE NGAKO
Ukuthuka
◼ kunokubachaphazela njani abantu abathile ukuba bafune ukuba ngabahlobo bakho?
◼ kunokuba negalelo njani ekuqeshweni kumsebenzi othile okanye ungaqeshwa?
◼ kunokuyichaphazela njani indlela abanye abakujonga ngayo?
[Isicangca esikwiphepha 21]
UKUJONGA INKQUBELA OYENZAYO
NgoMvulo NgoLwesibini NgoLwesithathu NgoLwesine NgoLwesihlanu NgoMgqibelo NgeCawa
Iveki 1 ․․․․․․ ․․․․․․․ ․․․․․․․․․ ․․․․․․․․ ․․․․․․ ․․․․․․․․ ․․․․․․
Iveki 2 ․․․․․․ ․․․․․․․ ․․․․․․․․․ ․․․․․․․․ ․․․․․․ ․․․․․․․․ ․․․․․․
Iveki 3 ․․․․․․ ․․․․․․․ ․․․․․․․․․ ․․․․․․․․ ․․․․․․ ․․․․․․․․ ․․․․․․
Iveki 4 ․․․․․․ ․․․․․․․ ․․․․․․․․․ ․․․․․․․․ ․․․․․․ ․․․․․․․․ ․․․․․․
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Ubungayi kusisebenzisa kakubi isipho esixabisekileyo. Kutheni usisebenzisa kakubi isipho sokuthetha?