Izimvo Zabafundi BakaVukani!
Abantu Abaselula Bayabuza . . . Yintoni Ephosakeleyo Ngokuthuka? (Matshi 2008) Ndakhulela ekhayeni lamaKristu kodwa ndandithuka. Ndazama kaninzi ukuyeka kodwa ndandingakwazi. Kodwa eli nqaku liye landinceda. Njengokuba kubonisiwe kulo, andifuni ukusisebenzisa kakubi isipho sokuthetha. Ngoku ndiqale ndicinge ngaphambi kokuba ndithethe. Enkosi kakhulu.
UC. P., waseBrazil
Ndineminyaka eli-12 ubudala. Kuyathukwa kwisikolo endikuso yaye ndoyika ukuba nam ngeny’ imini ndingaziva sele ndithuka. Eli nqaku likulo Vukani! lifike ndisathi ndiza kunibhalela ndicele inqaku labantu abaselula elithetha ngalo mbandela. Liye landikhumbuza indlela ekuphosakele ngayo ukuthuka, laza landinceda ukuba ndingayenzi loo nto. Qhubekani nibhala amanqaku alolu hlobo!
UA. P., waseUnited States
Njengoko mna nomyeni wam sineshishini lokucoca izindlu zabantu, omnye umninimzi esasimcocela wasixelela ngesigqibo asenzileyo sokuyeka ukuthuka. Wathi, uthandaza yonk’ imihla ecela uThixo ukuba amncede ayeke ukuthuka. Kwakhona wandicela ukuba ndimnike naziphi na iincwadi endinazo ezithetha ngalo mbandela. Ndakuthandazela oko, ndaza njengesiqhelo ndakhuphela amaphephancwadi akutshanje akwiWeb site ethi www.pr2711.com kwiMP3. Ndavuy’ okomntwana xa ngemini elandelayo ndeva kufundwa eli phephancwadi. Nakuba eli nqaku lalibhalelwe ulutsha, ndandisazi ukuba liza kumnceda gqitha. Kwakungathi ndingakhawuleza ndimbone.
US. C., waseUnited States
Zilawulwa Njani Iinqwelo-moya Ezibhabhayo? (Aprili 2008) Emva kokuba ndifunde eli nqaku ndathi: “Ndikhuselekile, masibe yindlela!” Ndaziva ndikhuseleke ngakumbi ngenxa yokuba lo Vukani! wabonisa ukuba abalathisi benqwelo-moya baluxhalabele ukhuseleko lwethu. Ndiyabulela.
UT. S., waseBrazil
Ubuya Kuphendula Uthini? Ndineminyaka eli-12 ubudala yaye ndihlala kumazantsi eIreland. Ndifuna ukunibulela ngemibuzo emifutshane eyenzelwe abantwana ekumaphepha okugqibela kaVukani! Iluncedo kakhulu. Yenza abantwana balifunde eli phephancwadi. Ndicela niqhubeke niwafaka amanqaku anjengala. Enkosi kwakhona.
UA. C., waseIreland