Okwenzeka Ehlabathini
◼ Uhlolisiso olwenziwa eUnited States lutyhila ukuba, “amashumi amabini anesithoba ekhulwini amadoda alapho abe neentlobano zesini namabhinqa ali-15 nangaphezulu ebomini bawo, ngoxa esisi-9 ekhulwini amabhinqa abe neentlobano zesini namadoda ali-15 nangaphezulu.”—CENTERS FOR DISEASE CONTROL AND PREVENTION, U.S.A.
◼ EGrisi, “ama-62 ekhulwini abantwana abangaphantsi kweminyaka eli-16 ubudala ayavuma ukuba aye akhuphela imifanekiso engamanyala kwiifowuni zawo.”—ELEFTHEROTYPIA, GREECE.
◼ EBritani, ama-82 ekhulwini abantu ekuye kwadliwan’ indlebe nabo bathi “unqulo lungunobangela weyantlukwano nengxabano.”—THE GUARDIAN, BRITAIN.
Ukuqaqanjelwa Yintloko Iminyaka Engama-64
Ibhinqa elingumTshayina lada lamfumana unobangela “wokuqaqanjelwa kwalo yintloko” ngaphezu kweminyaka engama-60, xa oogqirha bakhupha imbumbulu eziisentimitha ezintathu ubude entlokweni yalo. Ngethuba lokuhlaselwa kwedolophana yalo iXinyi County ngamaJapan ngoSeptemba 1943, eli bhinqa elalineminyaka eli-13 ubudala ngelo xesha, lenzakala entloko. Akukho mntu wayemazi unobangela wengxaki yalo. Zathi zakuqinisa iingqaqambo, oogqirha babona koomatshini imbumbulu esentloko, itsho njalo iXinhua News Agency. Kubikwa ukuba, eli bhinqa, ngoku elineminyaka engama-77 ubudala, “lingumqabaqaba.”
Umnenga Owaphila Iminyaka Emininzi
Xa abazingeli baseAlaska babulala umnenga obizwa ngokuba yibowhead ngowama-2007, bafumana iinxalenye zentshuntshe endala yokudubula iminenga. Kwafunyaniswa ukuba “ezi ziinxalenye zentshuntshe eyenziwa eNew Bedford [eMassachusetts, eUnited States] ngasekupheleni kweminyaka yee-1800,” itsho njalo iThe Boston Globe. Olu hlobo lwentshuntshe lwayeka kudala ukusetyenziswa, nto leyo eyakhokelela ababhali-mbali abakwiziko iNew Bedford Whaling Museum bagqibe kwelokuba lo mnenga wadutyulwa “phakathi kowe-1885 nowe-1895.” Ngoko umele ukuba ubuncinane wawuneminyaka eli-115 ubudala ukufa kwawo. IGlobe ithi, ukufunyanwa kwale ntshuntshe “kungqinela inkolelo ekudala ikho yokuba lo mnenga ibowhead sesinye sezona zidalwa ziphila ixesha elide emhlabeni, ukusa kwiminyaka eli-150.”
Ihlathi Eligqumeleleke Ngaphantsi Komhlaba
Izazi ngomhlaba ziye zafumana inxalenye enkulu yehlathi eligqumeleleke ngaphantsi komhlaba, nelalinezityalo ezahlukahlukeneyo, zimbi zazo ezifikelela kubude bama-40 eemitha. Eli hlathi likhethekileyo likwiipaseji zomgodi wamalahle, eIllinois, eUnited States. Izazinzulu zikholelwa ukuba eli hlathi lagqumeleleka ngaphantsi komhlaba ngethuba lenyikima. UBill DiMichele, owayekhokela iqela elaliphanda ngeli hlathi, uthi: “Ibangel’ umdla into yokuba, ngokuhamba nje kwezi paseji, siba nomfanekiso-ngqondweni ocacileyo wendlela elaliyiyo elo hlathi ngaphambili.”
Ukwembiwa Kwewayini Yamandulo
Liya lisanda ngokwanda inani labakhenkethi abatyelela eMacedonia, eyayisakuba yiriphabliki yeYugoslavia, “besiya kwemba iwayini yamandulo eyashiywa . . . ngamajoni ebudeni beMfazwe Yehlabathi I,” litsho njalo iphephandaba iKathimerin—Uhlelo lwesiNgesi. Abakhenkethi, ingakumbi abavela eFransi, beza bephethe iimaphu, baze bembe iindawo amajoni ayefihle kuzo le wayini. Ngoku, nayiphi na iwayini esaseleyo apho, ubuncinane ineminyaka engama-90 ubudala, yaye ngokutsho kwelo phephandaba, “ibhotile yaloo wayini inokuthengiswa . . . ngeeyuro ezingama-2 000 (i-R19 450).” Abemi baloo mmandla abaye bemba le wayini kunye nebranti, bathi “igqwesile ngencasa.”